Ngaba Ndenza Okwaneleyo?
1. Ziintoni ezinokuxhalabisa umKristu onyanisekileyo?
1 Ngaba wakha wazibuza lo mbuzo? Mhlawumbi awubi nanxaxheba kangako entsimini ngenxa yeminyaka, iingxaki zempilo, okanye iimbopheleleko zentsapho ezingakumbi ezikudimazayo. Omnye udade onabantwana abathathu wabhala wathi ngamanye amaxesha uziva edimazekile ngenxa yokuba ixesha namandla afunekayo ukuze anyamekele intsapho yakhe limsikela umda koko anokukwenza kubulungiseleli. Yintoni eya kusinceda sijong’ izinto ngendlela elungeleleneyo?
2. Yintoni uYehova ayilindeleyo kuthi?
2 Oko UYehova Akulindeleyo Kuthi: Ngokuqinisekileyo, sonke singathanda ukwenza okungakumbi entsimini. Kodwa ke kukho umahluko phakathi kwento esingathanda ukuyenza noko sinokukwenza. Isibakala sokuba singathanda ukwenza okungakumbi sibonisa ukuba asizithembanga gqitha. Sifanele sikhumbule ukuba uYehova uyazazi iintsilelo zethu kwaye akafuni senze ngapha kwamandla ethu. (INdu. 103:13, 14) Yintoni ayilindeleyo kuthi? Ufuna simkhonze ngomphefumlo uphela, senze konke okusemandleni ethu.—Kol. 3:23.
3. Sinokuwuhlola njani umgudu wethu esiwenzayo entsimini?
3 Yintoni eya kusinceda sibone oko sinokukwazi ukukwenza? Sinokucela uYehova asincede sibone imeko yethu njengokuba injalo. (INdu. 26:2) Umhlobo othembekileyo noqolileyo ongumKristu osazi kakuhle nongoyikiyo ukusichazela apho sifanele siphucule khona usenokuba luncedo. (IMiz. 27:9) Khumbula ukuba, ekubeni iimeko zitshintsha, kuya kuba yingenelo ukuhlola imeko yethu rhoqo.—Efe. 5:10.
4. Sifanele sizijonge njani izikhumbuzo ezisekelwe eBhayibhileni ezingobulungiseleli?
4 Indlela Esifanele Sizijonge Ngayo Izikhumbuzo: Ebudeni bogqatso, ababukeli badla ngokukhwaza amazwi akhuthaza iimbaleki. Injongo yabo kukunceda iimbaleki ziphumelele, kungekhona ukuzidimaza. Ngokufanayo, ukhuthazo nezikhumbuzo ezisekelwe eBhayibhileni ezinikelwa ezintlanganisweni nakuncwadi lwethu lokuba ‘sishumayele ngokungxamisekileyo’ lwenzelwe ukusinceda, alithethi ukuba imigudu esiyenzayo ayanelanga. (2 Tim. 4:2) Sinokuqiniseka ukuba, ukuba siqhubeka sisenza konke okusemandleni ethu, uYehova uya kulukhumbula ‘uthando nemisebenzi’ yethu.—Heb. 6:10.