Masibe Noxabiso
ISikhumbuzo Siza Kuba NgoAprili 17
1. Wayevakalelwa njani umdumisi, yaye sinokumxelisa njani ngexesha leSikhumbuzo?
1 Ezele luxabiso ngezihlandlo ezininzi zokuhlangulwa nokwenzelwa kwakhe inceba nguYehova, umdumisi wathi: “Ndiya kumbuyekeza ngantoni na uYehova ngalo lonke uncedo lwakhe kum?” (INdu. 116:12) Namhlanje, abakhonzi bakaThixo banezizathu ezininzi zokuba noxabiso. Kwiinkulungwane emva kokubhalwa kwala mazwi, uYehova wapha abantu esona sipho sixabisekileyo—intlawulelo. Njengokuba silungiselela ukukhumbula ukufa kukaKristu ngoAprili 17, zininzi iindlela esinokubonisa umbulelo ngazo.—Kol. 3:15.
2. Ziziphi ezinye izizathu ezibangela ukuba siyixabise intlawulelo?
2 Iintsikelelo Esizifumana Ngenxa Yentlawulelo: Ngenxa yentlawulelo siye “saxolelwa izono zethu.” (Kol. 1:13, 14) Oku kusinceda sikwazi ukukhonza uYehova ngesazela esicocekileyo. (Heb. 9:13, 14) Siyakwazi ukuthetha ngokukhululekileyo noYehova xa sithandaza. (Heb. 4:14-16) Abo banokholo kwintlawulelo banethemba lokuzuza ubomi obungunaphakade!—Yoh. 3:16.
3. Yiyiphi indlela esinokumbonisa ngayo uYehova ukuba siyayixabisa intlawulelo?
3 Indlela Esilubonisa Ngayo Uxabiso: Indlela esilubonisa ngayo kukwenza ufundo lweBhayibhile lweSikhumbuzo yonk’ imihla size sicamngce ngoko sikufundayo. IMboniselo kaFebruwari 1, 2011, enomxholo othi “Ngaba Ululungele Olona Suku Lubalulekileyo Lonyaka?” yayilungiselelwe ukusinceda sibonise uxabiso. Naxa sithandaza sinokumxelela uYehova indlela esiyixabisa ngayo intlawulelo. (1 Tes. 5:17, 18) Ngokuthobela kwethu umyalelo kaYesu wokuba sibekho kwiSikhumbuzo sokufa kwakhe sibonisa uxabiso. (1 Kor. 11:24, 25) Ukongezelela koko, sinokuxelisa uthando lukaYehova olungenakuthelekiswa nanto ngokumema abantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka.—Isa. 55:1-3.
4. Yintoni esifanele sizimisele ukuyenza?
4 Abakhonzi bakaYehova abanoxabiso abagqali iSikhumbuzo njengentlanganiso nje eqhelekileyo. Siyeyona ntlanganiso ibalulekileyo enyakeni! Njengoko iSikhumbuzo sisondela ngamana singaxelisa umdumisi owathi: “Mbonge uYehova, mphefumlo wam, ungakulibali ukwenza kwakhe konke.”—INdu. 103:2.