‘Malukhanye Ukhanyiselo Lwenu’
1. Sinelungelo lokubenzela ntoni abanye?
1 Ukususela ngonyezi ukusa ngongcwalazi ubuhle bokukhanya budumisa uYehova uThixo. Kodwa uYesu wayethetha ngolunye uhlobo lokukhanya kubafundi bakhe—‘ukukhanya kobomi.’ (Yoh. 8:12) Ukufumana oku kukhanya kokomoya kulilungelo elikhethekileyo elibandakanya iimbopheleleko ezinzulu. UYesu wathi: “Malukhanye ngokunjalo ukhanyiselo lwenu phambi kwabantu,” ngaloo ndlela efuna nabanye bazuze. (Mat. 5:16) Ekubeni bebaninzi abantu abasebumnyameni ngokomoya, nabo kufuneka bakhanyiselwe kunanini na ngaphambili. Sinokumxelisa njani uKristu ngokukhanyisela abanye?
2. UYesu wakubonisa njani ukubaluleka kokukhanyisela abantu ngokomoya?
2 Ngokushumayela: UYesu wasebenzisa ixesha, amandla, nezinto awayenazo ukuze aye kuxelela abantu inyaniso ezindlwini zabo, kwiindawo zembutho, ezincotsheni zeentaba—naphi na apho wayenokubafumana khona. Wayekuqonda ukuxabiseka kokukhanyisela abantu ngenyaniso yokomoya. (Yoh. 12:46) Ukuze afikelele kubantu abangakumbi, uYesu waqeqesha abafundi bakhe ukuba babe ‘lukhanyiselo lwehlabathi.’ (Mat. 5:14) Bakhanyisa ngokwenzela abamelwane izinto ezilungileyo nangokushumayela inyaniso.
3. Sinokubonisa njani ukuba sikuxabisa ngokwenene ukukhanya kwenyaniso?
3 Abantu bakaThixo abayithathi lula imbopheleleko ‘yokuqhubeka behamba njengabantwana bokukhanya,’ yaye bashumayela naphi na apho kukho abantu. (Efe. 5:8) Ukufunda iBhayibhile okanye ezinye iimpapasho zamaKristu ngoxa sisemsebenzini okanye esikolweni kunokusivulela ithuba lokuncokola ngeZibhalo. Esebenzisa le ndlela, omnye udade oselula wakwazi ukuqalisa isifundo seBhayibhile waza wanika abantwana afunda nabo abali-12 iincwadi.
4. Kutheni “ukhanyiselo” lwethu luquka indlela esiziphatha ngayo engumzekelo?
4 Ngemisebenzi Emihle: Ukhanyiselo lwethu luquka indlela esiziphatha ngayo imihla ngemihla. (Efe. 5:9) Emsebenzini, esikolweni nakwezinye iindawo, abantu bayayiphawula indlela amaKristu aziphatha ngayo yaye oko kubangela ukuba akwazi ukubaxelela ngenyaniso yeBhayibhile. (1 Pet. 2:12) Ngokomzekelo, indlela awayeziphethe kakuhle ngayo omnye umfana oneminyaka emihlanu ubudala yabangela ukuba utitshala wakhe afune ukubona abazali bakhe. Wathi, “Andizange ndimbone umntwana oyimela ngolu hlobo into efanelekileyo!” Ubulungiseleli bethu nendlela esiziphatha ngayo itsalela abantu ‘ekukhanyeni kobomi’ yaye oko kudumisa uThixo wethu.