Iintshumayelo
Ukuqalisa Izifundo ZeBhayibhile KuMgqibelo Wokuqala KuJuni
“Sonke sikhe safelwa ngamalungu entsapho okanye abahlobo. Ngaba unethemba lokuba uya kuphinda ubabone? [Mlinde aphendule.] Makhe ndikubonise la mazwi athuthuzelayo.” Funda uze uxubushe naye umxholwana wokuqala kwiphepha 16 leMboniselo kaJuni 1 nesinye sezibhalo ezicatshulweyo. Mnike amaphephancwadi, uze ulungiselele ukubuyela ukuze uphendule umbuzo olandelayo.
IMboniselo Juni 1
“Uninzi lwethu luyasokola, yaye abanye abantu abanazo nezinto ezisisiseko zobomi. Ucinga ukuba liya kuze libekho ixesha laxa kungasayi kubakho mntu ulihlwempu? [Mlinde aphendule. Emva koko funda INdumiso 9:18.] Eli phephancwadi lichaza isizathu sokuba abantu babe ngamahlwempu kwanesicombululo sokwenene sale ngxaki esichazwe eBhayibhileni.”
Vukani! Juni
“Ubugrogrisi yingxaki egqugqise lonke ihlabathi. Ucinga ukuba yintoni unobangela? [Mlinde aphendule.] La mazwi aseBhayibhileni asinika ithemba. [Funda INdumiso 72:7, 14.] Eli phephancwadi lichaza ezinye zezizathu zokubakho kobugrogrisi yaye libonisa oko kuthethwa yiBhayibhile ngendlela kwanexesha obuza kuphela ngalo.”