Ceba Kwangoku Ukuze Wandise Ubulungiseleli Bakho
1. Libaluleke ngantoni ixesha leSikhumbuzo yaye sinokulilungiselela njani?
1 Nyaka ngamnye, ixesha lokusondela kweSikhumbuzo lisivulela amathuba amatsha ‘okumbonga kakhulu uYehova.’ (INdu. 109:30) Ngaba uza kusebenza nangakumbi entsimini ngoMatshi ukuze ubonise uThixo ukuba uyayixabisa iNtlawulelo? Qala kwangoku ukwenza amalungiselelo.—IMize. 21:5.
2. Wena nabanye abavakalisi navakalelwa njani xa neva ukuba iiyure zobuvulindlela zaziza kuthotywa ngoAprili walo nyaka uphelileyo?
2 Ubuvulindlela Bobuncedani: Kulo nyaka uphelileyo, amabandla awazange akwazi ukuzibamba yimincili xa eva ukuba iiyure zobuvulindlela zaziza kwehliswa ngoAprili. Omnye umzalwana wathi: “Ndisesesikolweni yaye andikwazi ukuba nguvulindlela othe ngxi. Kodwa ndiza kubuthabatha obu buvulindlela beeyure ezingama-30 ndize ndizame ukufikelela ezingama-50 ngoAprili.” Omnye udade ophangelayo wathi: “Iiyure ezingamashumi amathathu qha?” Xa kwenziwa esi saziso, omnye udade oneminyaka engaphezu kwama-80 ubudala nowayekade enguvulindlela wathi: “Lide lafika ithuba lam! UYehova ebesazi ukuba ndandikuthanda gqitha ukuba nguvulindlela!” Nabanye abangazange bakwazi ukuba ngoovulindlela basebenza nangakumbi entsimini.
3. Ziziphi izizathu esinazo zokuba ngoovulindlela abangabancedani ngoMatshi, ngoAprili nangoMeyi?
3 Inyanga kaMatshi iza kuvula ithuba elihle lokuba nguvulindlela ongumncedani kuba uya kukwazi ukukhetha phakathi kweeyure ezingama-30 nezingama-50. Ukongezelela, ukususela ngoMgqibelo kaMatshi 17, siya kuba nephulo elikhethekileyo lokusasaza izimemo zeSikhumbuzo esiya kuba ngoAprili 5. Abaninzi baya kukunandipha ukwandisa ubulungiseleli babo ngelo xesha kangangokuba basenokude bafune ukuqhubeka bengoovulindlela abangabancedani ngoAprili nangoMeyi, besenza iiyure ezingama-50.
4. Sinokubandisa njani ubulungiseleli bethu, yaye oko kunokuba nayiphi imiphumo?
4 KuNqulo lweNtsapho yenu olulandelayo, mhlawumbi ningaxubusha indlela ilungu ngalinye elinokubandisa ngayo ubulungiseleli balo ngexesha leSikhumbuzo. (IMize. 15:22) Thandazani kuYehova nimcele asikelele imizamo yenu. (1 Yoh. 3:22) Ukwandisa ubulungiseleli bakho akuyi kuphelela nje ekudumiseni uYehova kodwa kuya kukwenza wonwabe ngokwenene.—2 Kor. 9:6.