Iintshumayelo Onokuzisebenzisa
Ukuze Uqalise Izifundo ZeBhayibhile KuMgqibelo Wokuqala KaJulayi
“Kule minyaka idluleyo, abantu baye baba nomdla kakhulu kwiingelosi. Ngaba ucinga ukuba zikho ngokwenene iingelosi? [Mlinde aphendule.] Khawuve ukuba kuthiwani apha.” Nika umninimzi iMboniselo kaJulayi 1 nize nixubushe oko kubhalwe phantsi komxholwana wokuqala kwiphepha 16, nifunde okungenani isibhalo sibe sinye. Mnike iphephancwadi uze ulungiselele ukubuyela ukuze nixubushe umbuzo olandelayo.
IMboniselo Julayi 1
Funda iNdumiso 65:2. Emva koko uthi: “Abantu abaninzi bayavuma ukuba uThixo ‘nguMphulaphuli wemithandazo’ yaye bathandaza kuye yonke imihla. Kodwa ke abanye bathi, ‘Ukuba uThixo ukho, kutheni ihlabathi lineengxaki ezininzi kangaka?’ Ucinga ntoni wena? Ngaba ukho uThixo ophulaphula imithandazo yethu? [Mlinde aphendule.] Eli phephancwadi lichaza impendulo yeBhayibhile kumbuzo othi: ‘Kutheni uMphulaphuli wemithandazo evumela ukubandezeleka?’”
Vukani! Julayi
“Ukuba ubunokutshintsha into ibenye ehlabathini, ibinokuba yintoni? [Mlinde aphendule.] IBhayibhile ichaza isizathu sokuba abantu bengakwazi ukwenza yonke into abayifunayo. [Funda uYeremiya 10:23.] Eli phephancwadi lichaza oko aza kukutshintsha uThixo.”