Bona Okulungileyo Ngenxa Yomsebenzi Wakho Onzima
1. Yintoni enokusenza sityhafe kubulungiseleli bethu?
1 Abantu badalwa ukuze bakwazi ‘ukubona okulungileyo ngenxa yomsebenzi wabo onzima.’ (INtshu. 2:24) Noko ke, sisenokutyhafa xa singaboni miphumo mihle ekushumayeleni kwethu. Yintoni enokusinceda sihlale sinovuyo?
2. Kutheni sifanele silindele nantoni na xa sishumayela?
2 Lindela Nantoni Na: UYesu waphumelela nangona babembalwa abantu abazamkelayo iimfundiso zakhe. (Yoh. 17:4) Kumzekelo wakhe womhlwayeli, uYesu waprofeta esithi abantu abaninzi babengayi kuzamkela iindaba ezilungileyo zoBukumkani ezifana nembewu. (Mat. 13:3-8, 18-22) Sekunjalo, ukusebenza kwethu akulolize.
3. Sinokusivelisa njani ‘isiqhamo’ naxa abantu bengaphulaphuli?
3 Indlela Esivelisa Ngayo Isiqhamo Esininzi: Kumzekeliso wakhe, uYesu wathi abo bamkela iindaba ezilungileyo babeya ‘kuvelisa isiqhamo.’ (Mat. 13:23) Emva kokuba udiza lwengqolowa ludubule, aluvelisi ezinye iindiza zengqolowa kodwa luvelisa imbewu entsha. Ngoko ke, isiqhamo esiveliswa ngamaKristu asingobafundi abatsha, kodwa kukuhlwayelwa kwembewu yoBukumkani. Imiphumo ‘emihle’ nolonwabo silufumana xa sihlwayela imbewu, enoba abantu bayaphulaphula okanye akunjalo. Sifak’ isandla ekungcwalisweni kwegama likaYehova. (Isa. 43:10-12; Mat. 6:9) Sivuyiswa lilungelo lokusebenza kunye noThixo. (1 Kor. 3:9) Yaye eso ‘siqhamo semilebe’ siyamvuyisa uYehova.—Heb. 13:15, 16.
4. Yiyiphi imiphumo emihle esenokuvela entsimini, nangona thina sisenokungayiboni?
4 Ukongezelela, ukusebenza kwethu nzima kunokuba nemiphumo emihle nangona thina sisenokungayiboni. Kusenokwenzeka ukuba abanye babantu abeva uYesu eshumayela abazange babe ngabafundi bakhe de wahamba emhlabeni. Nathi, abantu esihlwayela kubo imbewu yoBukumkani basenokungabi ngamaNgqina ngoko nangoko, kodwa ke loo mbewu isenokuntshula ezintliziyweni zabo emva kwexesha elithile sibe thina singayazi loo nto. Ngokwenene, sifeza lukhulu ngokushumayela kwethu. Ngoko ke, ngamana singaqhubeka ‘sithwala isiqhamo’ size sibonise ngokucacileyo ukuba singabafundi bakaYesu.—Yoh. 15:8.