IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 4/13 iphe. 1
  • Bathabatheni Njengomzekelo Abaprofeti—UYona

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Bathabatheni Njengomzekelo Abaprofeti—UYona
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2013
  • Amanqaku Afanayo
  • Wafunda Kwiimpazamo Zakhe
    Xelisa Ukholo Lwabo
  • Wafunda Kwiimpazamo Zakhe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Incwadi YeBhayibhile 32—Yona
    “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
  • UYona Ufunda Ngenceba KaYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2013
km 4/13 iphe. 1

Bathabatheni Njengomzekelo Abaprofeti—UYona

1. Ziziphi iimpawu ezintle uYona anazo?

1 Yintoni ethi qatha xa ucinga ngomprofeti uYona? Abanye basenokumjonga njengegwala okanye umntu ongenantliziyo. Noko ke, wayethobekile, ekhaliphile yaye ekulungele ukuzincama. Sinokuzixelisa njani iimpawu ezintle zikaYona?—Yak. 5:10.

2. Singakuxelisa njani ukuthobeka kukaYona?

2 Ukuthobeka: Ekuqaleni, uYona wasibaleka isabelo sakhe. Oko akothusi kuba ama-Asiriya ayengabantu abaziindlobongela yaye iNineve yabizwa ngokuba ‘sisixeko sophalazo-gazi.’ (Nah. 3:1-3) Sekunjalo, uYehova wamohlwaya uYona, owabonisa ukuthobeka ngokwamkela isabelo sakhe xa wanikwa ithuba lesibini. (IMize. 24:32; Yona 3:1-3) Nangona ekuqaleni wasibalekayo isabelo sakhe, wakwenza ukuthanda kukaYehova. (Mat. 21:28-31) Ngaba sizimisele ngolo hlobo ukushumayela iindaba ezilungileyo, nkqu naxa sisohlwaywa okanye sinesabelo esilucelomngeni?

3. Ziziphi iinkalo zobulungiseleli ezifuna inkalipho nokuzincama?

3 Inkalipho Nokuzincama: Xa uYona wabona ukuba isigqibo sakhe esingatshongo khona sabeka ubomi boomatiloshe engozini, wayekulungele ukuncama ubomi bakhe. (Yona 1:3, 4, 12) Kamva, xa wayephumeza isabelo sakhe eNineve, wangena phakathi esixekweni, mhlawumbi wayekhangela indawo efanelekileyo yokubhengeza umgwebo kaYehova. Ezo yayingezozenzo zegwala kodwa ezomprofeti okhaliphileyo kaThixo! (Yona 3:3, 4) Kuthekani ngathi? Ukuze sikwazi ukunikela ubungqina naxa sichaswa kufuneka inkalipho evela kuThixo. (IZe. 4:29, 31) Kufuneka ukuzincama ukuze sikwazi ukusebenzisa izinto zethu size sibe nexesha elaneleyo lentsimi.—IZe. 20:24.

4. Kutheni kubalulekile ukucamngca ngemizekelo emihle yabaprofeti kaYehova?

4 Sihlandlo ngasinye ufunda ngomnye wabaprofeti bakaYehova, uya kungenelwa ukuba uzibeka ezihlangwini zakhe. Zibuze: ‘Ngendandisabele njani? Ndingazixelisa njani iimpawu zakhe ezintle?’ (Heb. 6:11, 12) Amanqaku alandelayo oBulungiseleli Bethu BoBukumkani aza kuxubusha ngezinye izifundo esinokuzifunda kubaprofeti abanyanisekileyo bakaYehova.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share