Bathabatheni Njengomzekelo Abaprofeti—UYona
1. Ziziphi iimpawu ezintle uYona anazo?
1 Yintoni ethi qatha xa ucinga ngomprofeti uYona? Abanye basenokumjonga njengegwala okanye umntu ongenantliziyo. Noko ke, wayethobekile, ekhaliphile yaye ekulungele ukuzincama. Sinokuzixelisa njani iimpawu ezintle zikaYona?—Yak. 5:10.
2. Singakuxelisa njani ukuthobeka kukaYona?
2 Ukuthobeka: Ekuqaleni, uYona wasibaleka isabelo sakhe. Oko akothusi kuba ama-Asiriya ayengabantu abaziindlobongela yaye iNineve yabizwa ngokuba ‘sisixeko sophalazo-gazi.’ (Nah. 3:1-3) Sekunjalo, uYehova wamohlwaya uYona, owabonisa ukuthobeka ngokwamkela isabelo sakhe xa wanikwa ithuba lesibini. (IMize. 24:32; Yona 3:1-3) Nangona ekuqaleni wasibalekayo isabelo sakhe, wakwenza ukuthanda kukaYehova. (Mat. 21:28-31) Ngaba sizimisele ngolo hlobo ukushumayela iindaba ezilungileyo, nkqu naxa sisohlwaywa okanye sinesabelo esilucelomngeni?
3. Ziziphi iinkalo zobulungiseleli ezifuna inkalipho nokuzincama?
3 Inkalipho Nokuzincama: Xa uYona wabona ukuba isigqibo sakhe esingatshongo khona sabeka ubomi boomatiloshe engozini, wayekulungele ukuncama ubomi bakhe. (Yona 1:3, 4, 12) Kamva, xa wayephumeza isabelo sakhe eNineve, wangena phakathi esixekweni, mhlawumbi wayekhangela indawo efanelekileyo yokubhengeza umgwebo kaYehova. Ezo yayingezozenzo zegwala kodwa ezomprofeti okhaliphileyo kaThixo! (Yona 3:3, 4) Kuthekani ngathi? Ukuze sikwazi ukunikela ubungqina naxa sichaswa kufuneka inkalipho evela kuThixo. (IZe. 4:29, 31) Kufuneka ukuzincama ukuze sikwazi ukusebenzisa izinto zethu size sibe nexesha elaneleyo lentsimi.—IZe. 20:24.
4. Kutheni kubalulekile ukucamngca ngemizekelo emihle yabaprofeti kaYehova?
4 Sihlandlo ngasinye ufunda ngomnye wabaprofeti bakaYehova, uya kungenelwa ukuba uzibeka ezihlangwini zakhe. Zibuze: ‘Ngendandisabele njani? Ndingazixelisa njani iimpawu zakhe ezintle?’ (Heb. 6:11, 12) Amanqaku alandelayo oBulungiseleli Bethu BoBukumkani aza kuxubusha ngezinye izifundo esinokuzifunda kubaprofeti abanyanisekileyo bakaYehova.