Ibhokisi Yemibuzo
◼ Ngaphambi kokuba umvakalisi ongabhaptizwanga afanelekele ukubhaptizwa, ufanele abe sele enexesha elingakanani esiya kwiintlanganiso zebandla nasentsimini?
Ukubhaptizwa sesona sigqibo sibalulekileyo asenzayo umntu. Ngenxa yoko, ngaphambi kokuba umntu abhaptizwe, ufanele akuqonde kakuhle oko akulindeleyo uThixo kuye. Ukongezelela koko, ufanele abe sele ebonisa ukuba uzimisele ukuphila ngendlela uThixo afuna ngayo.
AmaKristu akhuthazwa ukuba angakutyesheli ukuhlanganisana, ngoko ke, umvakalisi ongabhaptizwanga ufanele abe sele esiya rhoqo kwiintlanganiso. (Heb. 10:24, 25) Kwakhona, kulindeleke ukuba sele ephendula kuzo. Ukuba kunokwenzeka, ufanele abe sele enikela intetho kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, nangona oku kunganyanzelekanga.
Ukongezelela koko, ekubeni amaKristu enikwe uthumo lokushumayela iindaba ezilungileyo nokwenza abafundi, umvakalisi ongabhaptizwanga ufanele abe sele esiya rhoqo entsimini ngaphambi kokuba abhaptizwe. (Mat 24:14; 28:19, 20) Ufanele abe neenyanga ezingaphi eshumayela ngaphambi kokuba abhaptizwe? Kuhle ukuba anikwe ithuba elaneleyo lokuba abonise ukuba uzimisele ukushumayela ngenzondelelo inyanga nenyanga. (INdu. 78:37) Sekunjalo, akuyomfuneko ukuba libe lide kakhulu elo xesha liphakathi kokuqala kwakhe ukushumayela nokubhaptziwa, mhlawumbi inokuba ziinyanga ezimbalwa. Zifanele zibe ngaphi iiyure azichithe entsimini? Awukho umthetho ongqongqo kule nkalo. Abadala bafanele bahlole iimeko zomvakalisi ngamnye baze basebenzise ingqiqo.—Luka 21:1-4.
Abadala (okanye izicaka zolungiselelo ezikumabandla anabadala abambalwa) abahlola abo bafuna ukubhaptizwa bafanele bakhumbule ukuba abantu abafani, yaye bafanele baziqwalasele kakuhle iimeko. Baya kulindela ukuba umntu lowo abe nomdla onyanisekileyo wokufuna ukuba liNgqina likaYehova aze alixabise nelungelo analo lokunxulumana nentlangano kaYehova nokushumayela. Abadala baya kuqonda ukuba loo mntu akakabi nalwazi lunzulu ngeendlela zikaThixo okanye akakabi nabo ubuchule namava abavakalisi ababhaptizweyo. Ukuba abadala bacinga ukuba akakakufanelekeli ukubhaptizwa, bafanele bamchazele izizathu ezingokweZibhalo zesigqibo sabo baze bamncede afaneleke kwixesha elizayo.