“Ndiza Kuzithatha Iincwadi Zakho Ukuba Nawe Uyazithatha Ezam”
La ngamazwi adla ngokuthethwa ngabanye abaninimzi. Ekubeni singazithathi iincwadi zezinye iicawa ezisasaza ubuxoki, sifanele siphendule njani xa sidibana nemeko enje? (Roma 1:25) Sinokuthi: “Enkosi. Le ncwadi yakho ithi ziza kupheliswa yintoni iingxaki zabantu? [Mvumele aphendule. Ukuba ufuna uyifunde le ncwadi yakhe ukuze ufumane impendulo, unokumchazela ukuba nawe awukhange umnike incwadi ungamchazelanga ukuba ithetha ngantoni. Emva koko unokumfundela uMateyu 6:9, 10 okanye umcaphule.] UYesu wabonisa ukuba uBukumkani bukaThixo buza kubangela ukuba ukuthanda kukaThixo kwenziwe apha emhlabeni. Ngenxa yoko, mna ndifunda kuphela iincwadi ezithetha ngoBukumkani bukaThixo. Ndicela ukukubonisa eBhayibhileni izinto eziza kwenziwa buBukumkani bukaThixo?”