Iminyaka Elikhulu Yokubhengeza UBukumkani!
1. Yintoni abakhuthazwa ukuba bayenze abantu bakaYehova phantse kwiminyaka elikhulu eyedlulayo?
1 “Khangelani, uKumkani uyalawula! Nina ningabavakalisi bakhe. Ngoko ke mbhengezeni, mbhengezeni, mbhengezeni, uKumkani nobukumkani bakhe.” Ngaloo mazwi akhuthazayo awathethwa nguMzalwan’ uRutherford phantse kwiminyaka elikhulu eyadlulayo, abantu bakaYehova bakhuthazwa ukuba bavakalise isigidimi soBukumkani mbombo zone zomhlaba. Yiloo nto kanye esiye sayenza! NjengamaKristu okuqala, siye sashumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani “kwindalo yonke ephantsi kwezulu.” (Kol. 1:23) Xa sikhangel’ emva kule minyaka ilikhulu idlulileyo, yintoni esiye sayenza ukuze sibhengeze uBukumkani bukaThixo? Sinokuqhubeka njani sibubhengeza njengoko sisondela kwiminyaka eyi-100 buzelwe uBukumkani?
2. Ziye zabubalaselisa njani uBukumkani bukaThixo iincwadi zethu?
2 Ukukhangela Ngasemva: Kangangamashumi eminyaka, iincwadi zethu bezibalaselisa uBukumkani bukaThixo. Ukususela ngo-1939 eyona magazini yethu iphambili, umxholo wayo ubusithi: IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaThixo. Le magazini idla ngokuxubusha uBukumkani nezinto obuza kuzenza. NoVukani! ubalaselisa uBukumkani bukaThixo njengokuphela kwethemba loluntu. Ngoku ezi magazini zimbini zezona ziguqulelwa kakhulu nezisasazwayo ehlabathini!—ISityhi. 14:6.
3. Ziziphi ezinye iindlela esiye sazisebenzisa ukuze sibhengeze uBukumkani?
3 Abantu bakaYehova baye basebenzisa iindlela ezahlukahlukeneyo ukuze babhengeze uBukumkani. Mandulo sasisebenzisa iimoto ezinesandisi-lizwi, unomathotholo neegramafoni. Ezo ndlela zasinceda sashumayela iindaba ezilungileyo kubantu abaninzi ngoxa babesembalwa abavakalisi boBukumkani. (INdu. 19:4) Kwiminyaka yakutshanje, sinenkcazelo ekwiwebhsayithi yethu i-jw.org, esinceda sishumayele uBukumkani kwizigidi zabantu—kuquka nabo bakumazwe ovaliweyo umsebenzi wethu kuwo.
4. Ziziphi iindlela ezikhethekileyo esiye sazisebenzisa?
4 Abantu bakaYehova baye basebenzisa iindlela ezikhethekileyo ukuze bashumayele isigidimi soBukumkani. Ngokomzekelo, phakathi kwiminyaka yoo-1990, siye senza umgudu, wokwandisa umsebenzi wendlu ngendlu ngokushumayela kwiindawo zikawonke-wonke, kwiindawo zokupaka iimoto nakwiindawo zamashishini. Kutshanje, siye saququzelela ukushumayela esidlangalaleni kwizixeko ezikhulu ehlabathini jikelele. Ukongezelela koko, amabandla amaninzi ashumayela esidlangalaleni kwintsimi yawo esebenzisa iinqwelo ezineencwadi neetafile kwiindawo eziphithizela abantu. Kakade, umsebenzi wokushumayela kwindlu ngendlu usengundoqo kumsebenzi wethu wokushumayela ngoBukumkani.—IZe. 20:20.
5. Ngawaphi amathuba aza kubavulekela abaninzi kunyaka wenkonzo omtsha?
5 Ukukhangela Phambili: Ekubeni ngoSeptemba kuqala unyaka wenkonzo omtsha, abaninzi baza kuba ngoovulindlela abathe ngxi. Ngaba ungabathelela? Ukuba akunjalo ngaba ungaba nguvulindlela ongumncedani ngamaxesh’ athile? Enoba uyakwazi ukuba nguvulindlela okanye awukwazi, ngokuqinisekileyo uYehova uya kukusikelela ngenxa yemigudu oyenzayo ukuze ubhengeze uBukumkani.—Mal. 3:10.
6. Kutheni inyanga ka-Oktobha 2014 ibalulekile?
6 Ngenyanga ka-Oktobha 2014 uBukumkani buza kugqiba iminyaka eyi-100 buzelwe. Ngenxa yoko, uhlelo lukawonke-wonke lweMboniselo ka-Oktobha luza kubalaselisa uBukumkani bukaThixo. Kutheni ungazami ukuyihambisela abantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka? Njengoko sikhangele kwikamva, ngamana ngamnye wethu angaqhubeka ‘evakalisa iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo’ kubo bonke abaya kuphulaphula.—IZe. 8:12.