UMXHOLO WENYANGA: “Lishumayele ilizwi ngokungxamisekileyo.”—2 Tim. 4:2.
Waxhakamfule Amathuba Akho Okusasaza Isigidimi SoBukumkani!
1. Sisiphi isifundo esinokusifunda kumzekelo kaDavide?
1 UKumkani uDavide akazange avumele iimeko zakhe ukuba zimtyhafise. Ngokomzekelo, uDavide wayefuna ukwakhela uYehova indlu. Wathi esakungavunyelwa ukuba ayakhe, wahlengahlengisa usukelo lwakhe waze waqokelela izinto ezaziza kusetyenziswa nguSolomon ukwakha itempile. (1 Kum. 8:17-19; 1 Kron. 29:3-9) Kunokuba acinge ngento awayengakwazi ukuyenza, uDavide wacamngca ngoko anokukwenza. Sinokuwuxelisa njani umzekelo kaDavide njengoko sikhangela amathuba okusasaza isigidimi soBukumkani?
2. Yintoni esifanele siyihlolisise?
2 Yenza Oko Unokukwenza: Abaninzi baye babenza lula ubomi babo ukuze babe ngoovulindlela abangabancedani okanye abathe ngxi. (Mat. 6:22) Ngaba unokubathelela? Njengoko uzihlolisisa ngomthandazo iimeko zakho, unokubona ukuba kuvuleke “umnyango omkhulu okhokelela emsebenzini.” Ukuba kunjalo lixhakamfule elo thuba!—1 Kor. 16:8, 9.
3. Ngawaphi amathuba okushumayela esinokuwasebenzisa kwanokuba iimeko zethu azisivumeli ukuba sibe ngoovulindlela?
3 Kuthekani, ukuba iimeko zakho ziyakuthintela ukuba ube nguvulindlela? Sebenzisa amathuba owafumanayo. Ngokomzekelo, ukuba emsebenzini usoloko udibana nabantu abangakholwayo, kutheni ungasebenzisi elo thuba ukuze ushumayele kubo? Okanye ukuba awuphilanga, ngaba ungasebenzisa elo thuba ukuze ushumayele kubantu abakongayo? Ukhumbule ukuba kukho ilungiselelo lokuba abo bangakwaziyo ukushumayela ngenxa yokwaluphala okanye impilo enkenenkene bafake ingxelo yabo yenkonzo yasentsimini ngokwemizuzu eyi-15. Xa ufaka ingxelo yenkonzo yakho yasentsimini, qiniseka ukuba uyaliquka ixesha oshumayele ngokungacwangciswanga neencwadi oye wazihambisa, kuquka amaphecana nezimemo zeSikhumbuzo nezendibano. Unokothuswa kukufumanisa indlela elininzi ngayo ixesha olifumana ngaloo mathuba!
4. Yintoni ozimisele ukuyenza?
4 Enoba zinjani iimeko zethu, masixhakamfule naliphi ithuba elivelayo lokushumayela iindaba ezilungileyo. Ngaloo ndlela siyakufumana ulwaneliseko lokwazi ukuba senza konke esinako ngenxa yoBukumkani.—Marko 14:8; Luka 21:2-4.