IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • mwb16 Septemba iphe. 8
  • Imigibe Omele Uyilumkele Xa Uqhuba Isifundo SeBhayibhile

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imigibe Omele Uyilumkele Xa Uqhuba Isifundo SeBhayibhile
  • Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yeentlanganiso (2016)
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuqhuba Isifundo SeBhayibhile Sekhaya
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Nceda Umntu Omfundelayo Abhaptizwe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2021
  • Ukufundisa Ngendlela Elula
    Bathande Abantu—Yenza Abafundi
  • Indlela Yokwenza Abafundi Ngencwadi Ethi Ulwazi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1996
Khangela Okunye
Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yeentlanganiso (2016)
mwb16 Septemba iphe. 8

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Imigibe Omele Uyilumkele Xa Uqhuba Isifundo SeBhayibhile

Printed Edition
Umzalwana uthetha kakhulu xa eqhuba isifundo

Ukuthetha Kakhulu: Sukucinga ukuba umele ucacise yonke into. Ukuze ancede abantu benze isigqibo esifanelekileyo, uYesu wayesebenzisa imibuzo. (Mat 17:24-27) Imibuzo yenza isifundo sibangel’ umdla. Inceda nawe ubone ukuba umfundi uyayiqonda kwaye uyayikholelwa na le nto ayifundayo. (be 253 ¶3-4) Xa ubuza, sukungxamela impendulo, linda. Ukuba impendulo ayichananga, kunokuba uyitsho ngokwakho, buza eminye imibuzo eza kubangela ukuba ade ayichane. (be 238 ¶1-2) Thetha ngendlela eza kubangela ukuba umfundi ayibambe into ayifundayo.—be 230 ¶4.

Izinto ezinzima ngesizathu sokuba saluphale

Sukumxinanisa Ingqondo: Sukufuna ukumxelela yonke into oyaziyo ngombandela enifunda ngawo. (Yoh 16:12) Gxininisa kweyona ngongoma ibalulekileyo kwisiqendu. (be 226 ¶4-5) Iinkcukacha ezininzi, kwanezibangel’ umdla, zinokuyisitha ingongoma. (be 235 ¶3) Ukuba umfundi uyayiqonda ingongoma, dlulela kwisiqendu esilandelayo

Umzalwana uthetha izinto ezininzi ezibhida umfundi

Ukufundela Nje Ukugqiba: Injongo yethu kukufikelela intliziyo, ayikokugqiba ukufunda umbandela. (Luk 24:32) Sebenzisa amandla eLizwi likaThixo ngokugxininisa kwizibhalo eziyintloko. (2Ko 10:4; Heb 4:12; be 144 ¶1-3) Yenza imizekeliso elula. (be 245 ¶2-4) Cinga ngeengxaki anazo umfundi nezinto azikholelwayo, uze ulungelelanise umbandela nezo zinto. Mbuze imibuzo efana nale: “Uyiva njani le nto uyifundayo?” “Isifundisa ntoni ngoYehova?” “Ucinga ukuba ingakunceda njani ebomini bakho?”—be 238 ¶3-5; 259 ¶1.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share