INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Lutsha—Musani Ukulibazisa Ukungena ‘Kumnyango Omkhulu’
Kungalula ngathi ukucinga ukuba siya kuhlala sibatsha yaye asoze sifikelwe ‘yimihla yentlekele’ ehamba nokwaluphala kweli hlabathi likaSathana. (INt 12:1) Ukuba usemtsha, ngaba ucinga ukuba unexesha elininzi lokuba wenze izinto ezithandwa nguThixo njengokuba kwinkonzo yexesha elizeleyo?
Sonke, kuquka nabo basebatsha, ‘sehlelwa lixesha nasisihlo esingenakubonwa kwangaphambili.’ (INt 9:11) “Anikwazi oko ubomi benu buya kuba kuko ngomso.” (Yak 4:14) Ngoko ke, musani ukulibazisa ngokungeyomfuneko ukwenza okungakumbi enkonzweni. Ngenani ‘kumnyango omkhulu okhokelela emsebenzini’ ngoku usanivulekele. (1Ko 16:9) Anisoze nizisole.
Ezinye izinto eninokuzenza:
Kukushumayela ngolunye ulwimi
Kukuba nguvulindlela
Kukuya kwizikolo zentlangano
Ngumsebenzi wokwakha
Kukukhonza eBheteli
Ngumsebenzi wesiphaluka