UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | ISAYA 11–16
Umhlaba Uya Kuzaliswa Kukwazi UYehova
Indlela esazaliseka ngayo esi siprofeto kumaSirayeli
Xa ayegoduka esuka ekuthinjweni eBhabhiloni okanye ebuyiselwa kwilizwe lawo, amaSirayeli akazange oyike amarhamncwa okanye abantu abanjengawo.—Ezr 8:21, 22.
Indlela esizaliseka ngayo esi siprofeto namhlanje
Ukwazi uYehova kuye kwatshintsha ubuntu bethu. Abantu abebengoophuma-silwe baye banoxolo. Ukwazi uYehova kubangele ukuba abantu abasehlabathini baphile ubomi obufana nobaseparadesi.
Indlela esiza kuzaliseka ngayo esi siprofeto kwixesha elizayo
Umhlaba wonke uza kuba yiparadesi ekhuselekileyo nenoxolo, kuba leyo yayiyinjongo kaThixo kwasekuqaleni. Akukho sidalwa siya kuba yingozi kwesinye, enoba ngumntu okanye isilwanyana.
UPawulos watshintshwa kukwazi uThixo
Ngoxa wayengumFarisi, wayeneempawu ezifana nezerhamncwa.—1Ti 1:13.
Ulwazi oluchanileyo lwamtshintsha.—Kol 3:8-10.