Udade osemtsha wenza isincoko eklasini
Iintshayelelo Onokuzisebenzisa
UVUKANI!
Umbuzo: Iingxelo zibonisa ukuba lintinge ngendlela eyothusayo inani labafikisayo abangonwabanga. Ucinga ukuba yintoni enokwenziwa ukulungisa le ngxaki?
Unokuthi: Le magazini inamacebiso ngento enokwenziwa ngabafikisayo xa bekule ngxaki, noko kunokwenziwa ngabazali ukubanceda.
FUNDISA INYANISO
Umbuzo: Unokonwaba njani emtshatweni?
Isibhalo: Efe 5:33
Inyaniso: Imitshato iyaphumelela xa kukho uthando nentlonelo.
NGABA IZINTO EZIPHILAYO ZADALWA? (lc)
Umbuzo: Ucinga ukuba kusengqiqweni ukuthi ubomi badalwa nguThixo okanye babakho ngamabona-ndenzile?
Unokuthi: Le ncwadana inobungqina obubangela ukuba abantu abaninzi bakholelwe kuMdali okrelekrele. Ndicela ukuphinda ndibuye ukuze sincokole ngalo mbuzo ukwiphepha 29: “Ngaba Kubalulekile Ukuba Yintoni Oyikholelwayo?”
ZENZELE EYAKHO INTSHUMAYELO
Sebenzisa le mizekelo ingasentla ukuze uzenzele eyakho intshumayelo yasentsimini.