IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • mwb17 Februwari iphe. 4
  • Luhambise Kakuhle Uncwadi LweBhayibhile

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Luhambise Kakuhle Uncwadi LweBhayibhile
  • Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2017
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Uyaluxabisa Uncwadi Lwethu?
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Masilusebenzise Ngobulumko Uncwadi Lwethu Olusekelwe EBhayibhileni
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
  • Ibhokisi Yemibuzo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2011
  • Ukuhambisa Uncwadi Kwintsimi Ekuthethwa Iilwimi Ezininzi Kuyo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2003
Khangela Okunye
Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2017
mwb17 Februwari iphe. 4
Ibhinqa limamele njengoko amaNgqina kaYehova elibonisa incwadana ethi, Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo!

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Luhambise Kakuhle Uncwadi LweBhayibhile

UYesu wafundisa ukuba: “Namkele ngesisa, yiphani ngesisa.” (Mat 10:8) Siyawathobela la mazwi ngokungabahlawulisi abantu ngeeBhayibhile okanye uncwadi olusekelwe eBhayibhileni esibanika lona. (2Ko 2:17) Sekunjalo, olu ncwadi lunenyaniso exabisekileyo esuka kwiLizwi likaThixo. Kufuna umgudu ibe kuziindleko ukuluprinta nokuluthumela emabandleni asehlabathini lonke olu ncwadi. Ngenxa yoko, sifanele sithathe kuphela olo siza kulusebenzisa.

Sebenzisa ingqiqo xa unika abantu uncwadi kwanaxa ushumayela esidlangalaleni. (Mat 7:6) Kunokuba unike nje kwamntu udlulayo, zama ukuncokola ukuze ubone enoba unomdla na. Ngaba unokuphendula ngoewe okungenani kumbuzo omnye okwibhokisi ehamba neli nqaku? Ukuba awukwazi ukumbona umntu unomdla, kungcono umnike iphecana. Kakade ke, ukuba umntu ucela imagazini okanye naluphi na olunye uncwadi, siyamnika.—IMi 3:27, 28.

NGABA LO MNTU . . . 

  • uyaphulaphula xa sithetha?

  • uyaphendula njengoko sithetha naye?

  • uyavuma xa simcela afunde uncwadi lwethu?

  • uyanikela?

  • unomdla xa esiva oko kuthethwa liLizwi LikaThixo?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share