Kumenyelwa abantu kwiintlanganiso kwiCook Islands
Iintshayelelo Onokuzisebenzisa
IMBONISELO
Umbuzo: Ngaba zikho nyhani iingelosi?
Isibhalo: Nd 103:20
Unokuthi: Le Mboniselo ichaza into ethethwa yiBhayibhile ngeengelosi nendlela ezibuchaphazela ngayo ubomi bethu ngoku.
FUNDISA INYANISO
Umbuzo: Ngaba ucinga ukuba isayensi ayidibani neBhayibhile?
Isibhalo: Isa 40:22
Inyaniso: Oko iBhayibhile ikutshoyo ngezinto ezinento yokwenza nesayensi kuchanile.
ISIMEMO SEENTLANGANISO ZEBANDLA (inv)
Unokuthi: Ndiyakumema ukuba ubekho kwintetho yeBhayibhile. Iza kuba kwindawo esidibanela kuyo. [Mnike isimemo seentlanganiso zebandla uze umchazele ngexesha nendawo eziba kuyo iintlanganiso zangempela veki, emva koko uchaze nomxholo wentetho.]
Umbuzo: Ngaba wakha waya kwindawo esikhonzela kuyo? [Ukuba kunokwenzeka, mbonise ividiyo ethi, Yintoni Eyenzekayo EHolweni YoBukumkani?]
ZENZELE EYAKHO INTSHUMAYELO
Sebenzisa le mizekelo ingasentla ukuze uzenzele eyakho intshumayelo yasentsimini.