INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Kutheni Uluxabisa Unqulo Olunyulu?
Abathinjwa abangamaYuda bakhuthazwa ngumbono kaHezekile wetempile kuba wawubenza babe nethemba lokuba unqulo olunyulu lwaluza kubuyiselwa. Kule mihla yokugqibela, unqulo olunyulu ‘lumiselwe ngokuqinileyo encotsheni yeentaba,’ ibe siphakathi kwabo baphuma kuzo zonke iintlanga abaye baya kuyo. (Isa 2:2) Ngaba ucamgca rhoqo ngenyhweba onayo yokwazi uYehova nokumkhonza?
IINTSIKELELO ZOKUBA KUNQULO OLUNYULU:
Sinolwazi olusisondeza kuThixo oluphendula imibuzo ebalulekileyo ebomini, olusifundisa ngendlela yokuphila nolusinika ithemba eliqinisekileyo.—Isa 48:17, 18; 65:13; Rom 15:4
Sinabazalwana ehlabathini lonke abasithandayo.—Nd 133:1; Yoh 13:35
Sinenyhweba yokuba ngabasebenzi abangamadlelane kaThixo kumsebenzi osivuyisayo.—IZe 20:35; 1Ko 3:9
‘Sinoxolo lukaThixo’ olusinceda somelele xa kunzima.—Fil 4:6, 7
Sinesazela esicocekileyo.—2Ti 1:3
‘Sisondelelene noYehova.’—Nd 25:14
Ziziphi iindlela endinokubonisa ngazo ukuba ndiyaluxabisa unqulo olunyulu?