UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | HEZEKILE 46-48
Iintsikelelo Awayeza Kuzifumana USirayeli Obuyiselweyo
Umbono kaHezekile wetempile wakhuthaza amaSirayeli waza waqinisekisa iziprofeto zangaphambili ngokubuyela kwawo ezweni lawo. Abo bakunqulo olunyulu nabasikelelweyo nguYehova babeza kuba kwindawo ephakamileyo.
Lo mbono wathembisa ulungelelwano, ukusebenzisana nokhuseleko
Ilizwe elichumileyo
Ilifa kwintsapho nganye
Ngaphambi kokuba umhlaba wabelwe abantu, inxalenye ethile ‘yayinikelwa’ ‘njengomnikelo’ kuYehova
Ndingabonisa njani ukuba ukukhonza uYehova kuyeyona nto iza kuqala ebomini bam? (w06 4/15 27-28 ¶13-14)