INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Oko Sikufundayo Kwincwadi KaYona
ELizwini lakhe, uYehova ugcine amabali obomi amadoda namabhinqa ayenokholo ukuze sifunde kuwo. (Rom 15:4) Yintoni oyifundileyo kwincwadi kaYona? Bukela ividiyo ethi, Unqulo Lwentsapho: UYona—Ukufunda Kwinceba KaYehova, uze uphendule le mibuzo ilandelayo:
Ziziphi iingxaki abajamelana nazo abavakalisi abathathu abakule vidiyo?
Ingasikhuthaza njani incwadi kaYona xa siye sohlwaywa okanye saphulukana namalungelo enkonzo? (1Sa 16:7; Yon 3:1, 2)
Ingasinceda njani ingxelo kaYona ukuba sihlale sicinga ngendlela efanelekileyo ngentsimi yethu? (Yon 4:11;Mat 5:7)
Zingasomeleza njani izinto ezenzeka kuYona xa sigula kakhulu? (Yon 2:1, 2, 7, 9)
Yintoni oyifundileyo kule vidiyo ngokubaluleka kokufunda iBhayibhile nokucamngca?