IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • mwb18 Agasti iphe. 8
  • Ukuphucula Ubuchule Bethu Bokushumayela​—⁠Mazi U-JW.ORG

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuphucula Ubuchule Bethu Bokushumayela​—⁠Mazi U-JW.ORG
  • Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2018
  • Amanqaku Afanayo
  • KU-JW.ORG/XH Ungafumana Ubulumko Obunokukunceda Yonke Imihla
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2022
  • Sinokuzifumana Phi Iimpendulo Zemibuzo Ebalulekileyo Ngobomi?
    Sinokuzifumana Phi Iimpendulo Zemibuzo Ebalulekileyo Ngobomi?
  • Icebiso Lezinto Onokuzifunda
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2023
  • Ngaba Wakha Wazibuza?
    Vukani!—2019
Khangela Okunye
Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2018
mwb18 Agasti iphe. 8
Umzalwana usebenzisa ikhadi likaJW.ORG ukuze abonise umntu indlela yokungena ku-jw.org

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ukuphucula Ubuchule Bethu Bokushumayela​—Mazi U-JW.ORG

KUTHENI KUBALULEKILE NJE? Zonke iimpapasho ezikwiZixhobo Zokufundisa zisalathisa ku-jw.org. Phofu, eyona njongo yekhadi le-JW.ORG nephecana elithi Sinokuzifumana Phi Iimpendulo Zemibuzo Ebalulekileyo Ngobomi? kukusa abantu kwiwebhsayithi yethu. Ungamsebenzisa u-jw.org ukuze uhambise impapasho ekwiZixhobo Zokufundisa ngokuyithumela ngeimeyili okanye uthumele ilinki yayo. Loo nto ingakunceda kakhulu xa ushumayela kumntu othetha olunye ulwimi. Ukongezelela, abantu basenokubuza imibuzo ephendulwa ziimpapasho ezingekhoyo kwiZixhobo Zokufundisa. Xa siyazi le webhsayithi, siza kuphumelela entsimini.

SINGAYAZI NJANI KE?

  • Umntu usebenzisa ikhadi likaJW.ORG ukuze angene kule webhsayithi

    Indawo ethi “IZINTO EZIFUNDISWA YIBHAYIBHILE.” Masithi ushumayela kumzali ofuna ukwazi ukuba angamkhulisa njani umntwana wakhe. Yiya kwindawo ethi IZINTO EZIFUNDISWA YIBHAYIBHILE > UMTSHATO NENTSAPHO.

  • Indawo ethi “IIMPAPASHO.” Masithi ushumayela esikolweni kwaye ufuna ukunika umntwana ofunda naye incwadana ethi Imibuzo Eli-10 Yolutsha Iyaphendulwa. Yiya kwindawo ethi IIMPAPASHO > IINCWADI NEENCWADANA EZINEMIFANEKISO.

  • Indawo ethi “INKCAZELO ENGAKUMBI NGATHI.” Masithi ushumayeza umntu ophangela naye ongathanda ingcaciso emfutshane yeenkolelo zethu. Yiya kwindawo ethi INKCAZELO ENGAKUMBI NGATHI > IMIBUZO ABANTU ABAQHELE UKUYIBUZA.

BUKELA IVIDIYO ETHI MAZI U-JW.ORG, UCHAZE UKUBA UNOKUYA PHI KULE WEBHSAYITHI UKUZE UNCEDE:

  • umntu othi akukho Thixo

  • umntu ohlelwe yinto ebuhlungu

  • umzalwana okanye udade opholileyo

  • ibuyelo elifuna ukwazi ukuba siyithatha phi imali yokwenza umsebenzi wethu

  • umntu osuka kwelinye ilizwe ofuna ukuya kwiintlanganiso kwilizwe lakhe

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share