UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | IZENZO 27-28
UPawulos Wakhwela Inqanawa Eya ERoma
UPawulos zange ayeke ukushumayela nangona wayelibanjwa. Washumayela kubantu ababekwinqanawa. Xa inqanawa awayeyikhwele yophuka eMalta, kumele ukuba walisebenzisa elo thuba ukuze ashumayele kubantu awabaphilisayo. Kwiminyaka emibini elibanjwa lasendlini, wayeshumayela kubo bonke abantu ababeze kumbona.
Yintoni wena onokuyenza ukuze ushumayele nangona uneengxaki ongenakwenza nto ngazo?