UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | 2 KORINTE 7–10
Siyabanceda Abazalwana Xa Kwehle Intlekele
AmaKristu anemisebenzi emibini, umsebenzi ‘wokuxolelanisa’ okanye wokushumayela nokufundisa, ‘nesabelo kubulungiseleli’ okanye umsebenzi wokunceda abazalwana xa kwehle intlekele. (2Ko 5:18-20; 8:4) Ukunceda amaKristu afuna uncedo yenye indlela esimkhonza ngayo uYehova. Xa sincedisa,
sinceda abazalwana noodade abafuna uncedo.—2Ko 9:12a
sinceda abazalwana noodade abasentlungwini ukuze bambulele uYehova ngokuphinda bafundisise, baye ezintlanganweni baze bakhuthale entsimini.—2Ko 9:12b
sizukisa uYehova. (2Ko 9:13) Umsebenzi wokunceda abazalwana uyashumayela ebantwini, nakwabo bangawathandiyo amaNgqina KaYehova.