INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Ngaba Uyakwazi Ukuzithethelela Izinto Ozikholelwayo?
Xa unokubuzwa ukuba kutheni ukholelwa ukuba izinto zadalwa, ungathini? Ukuze ukwazi ukuphendula lo mbuzo, nazi izinto ekufuneka uzenze: Okokuqala kufuneka uzibonele ngokwakho ukuba izinto zadalwa. (Rom 12:1, 2) Emva koko cinga ngendlela ongamcacisela ngayo omnye umntu ukuba nyhani zadalwa.—IMi 15:28.
BUKELA IVIDIYO ETHI UGQIRHA WAMATHAMBO UBALISA NGOKHOLO LWAKHE NETHI ISAZI NGEZILWANYANA SICHAZA NGOKHOLO LWASO UKUZE UBONE UKUBA KUTHENI ABANYE BEKHOLELWA UKUBA IZINTO ZADALWA, EMVA KOKO NIPHENDULE LE MIBUZO:
Kutheni uIrène Hof Laurenceau ekholelwa ukuba izinto zadalwa azizange zizivelele?
Kutheni uYaroslav Dovhanych ekholelwa ukuba izinto zadalwa azizange zizivelele?
Ungamcacisela njani umntu ukuba kutheni ukholelwa ukuba izinto zadalwa?
Zeziphi izinto ezifumanekayo ngolwimi lwakho ezenziwe yintlangano kaYehova, ezinokukunceda uzibonele ukuba izinto zadalwa uze ukwazi nokucacisela abanye?