UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | GENESIS 6-8
“Wayenza Ngobunjalo Bayo”
Khawube nombono wendlela uNowa nentsapho yakhe abasebenza ngayo ukuze bakha umkhombe, bengenazo nezinto zokwakha zala maxesha.
Wawumkhulu gqitha lo mkhombe, wawumalunga neemitha eziyi-133 ubude, uziimitha eziyi-22 ubukhulu uze ube ziimitha eziyi-13 ukuphakama
Babesika imithi, bayenze amaplanga, baze bakha ngawo
Babewuqaba wonke ngetha ngaphakathi nangaphandle
Baqokelela ukutya ababeza kukutya unyaka wonke bona nezilwanyana
Kungenzeka ukuba bawugqiba kwiminyaka eyi-40 ukuya kweyi-50
Eli bali lingasikhuthaza njani ukuba siwenze umsebenzi uYehova asinike wona, nokuba unzima?