INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Ngaba Kuyakunceda Ukufunda Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla?
Ngaba itekisi yosuku uyifunda yonke imihla? Ukuba awuyifundi yonke imihla, ngaba ungazama ukuzipha ixesha lokuyifunda qho? Abantu abaninzi bayifunda kwakusasa. Loo nto ibanceda bakwazi ukucinga ngezinto abazifundileyo imini yonke. (Yos 1:8; Nd 119:97) Yintoni enye ofanele uyenze ukuze sikuncede iSibhalo sosuku? Okokuqala, funda ukuba eso Sibhalo sabhalelwa ntoni, sibhalwa ngubani, nini, ukuze wazi ukuba sithetha ngantoni kanye kanye. Okwesibini, cinga ngebali eliseBhayibhileni eliyicacisa kakuhle loo nto ifundiswayo. Emva koko, ucinge ukuba unokuyisebenzisa njani loo nto ebomini bakho. Xa usenza izigqibo usebenzisa iLizwi LikaThixo, liza kukunceda kakhulu.—Nd 119:105.
KwiiBheteli zonke kufundwa itekisi yosuku kwakusasa. Iintetho zayo ziyarekhodwa, zize ezinye zifakwe kwiwebhsayithi yethu ye-JW Broadcasting kwindawo ethi IINKQUBO NEEMBUTHO ZETHU. Wagqibela nini ukuzibukela? Khawuzibukele, kungenzeka zibe yile nto uyidingayo. Ngokomzekelo, into eyenzeka kuLote ingakunceda njani xa kufuneka wenze izigqibo?
BUKELA IVIDIYO ETHI SANUKULITHANDA IHLABATHI (1Yo 2:15) UZE UPHENDULE LE MIBUZO:
Bekuthethwa ngantoni kule tekisi?
Sifunda ntoni kwibali likaLote ngokuthanda ihlabathi okanye izinto ezikulo?—Gen 13:12; 14:12; 19:3, 12, 13, 24-26
Singambonisa njani uYehova ukuba sithanda yena, hayi ihlabathi nezinto zalo?
Yintoni endinokuyenza imini yonke ukuze uYehova abone ukuba ndiyalixabisa iLizwi lakhe?