IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • mwb20 Aprili iphe. 7
  • “Balahle Oothixo Bobuxoki”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Balahle Oothixo Bobuxoki”
  • Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso——2020
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Ukusebenzelana Nemimoya Kukuzonwabisa Okungeyongozi?
    Ulutsha Luyabuza
  • UYehova Angakunceda Ungalahlekiswa Ziidemon
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2019
  • Ifundisa Ntoni IBhayibhile Ngemimoya Engcolileyo?
    Vukani!—2017
  • Zinikele KuYehova Yedwa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2019
Khangela Okunye
Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso——2020
mwb20 Aprili iphe. 7
Indoda ilahla intambo yomqala enento yokwenza needemon.

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

“Balahle Oothixo Bobuxoki”

UYakobi wayesazi ukuba kufanele kukhonzwe uYehova yedwa, nangona wawungekabikho umthetho ongakuvumeliyo ukukhonza abanye oothixo. (Eks 20:3-5) Ngoko emva kokuba uYehova emxelele ukuba makabuyele eBheteli, uYakobi waxelela bonke abantu ukuba balahle oothixo babo bobuxoki. Naye wabalahla, namacici ekusenokwenzeka ukuba ayenxityelwa ukuzikhusela kwimimoya emdaka. (Gen 35:1-4) Ngokuqinisekileyo uYehova yamvuyisa nyhani le nto yenziwa nguYakobi.

Kule mihla, sinokwenza ntoni ukuze siqiniseke ukuba sikhonza uYehova yedwa? Enye into ebalulekileyo esimele siyenze kukuphepha nantoni na edibene nemimoya okanye izithixo. Le nto ithetha ukuba simele sizilahle zonke izinto ezidibene nokusebenzelana nemimoya size sizikhethe kakuhle izinto esizonwabisa ngazo. Ngokomzekelo khawuzibuze: ‘Ngaba ndiyathanda ukufunda iincwadi okanye ukubukela iimuvi ezineevampire, iizombie, okanye abantu abanamandla angaqhelekanga? Ngaba izinto endizonwabisa ngazo zenza kubonakale ngathi imilingo, nokuthakatha abantu zizinto nje ezingenamsebenzi?’ Kufuneka sidlalele kude kuyo nantoni na uYehova ayicaphukelayo.—Nd 97:10.

BUKELA IVIDIYO ETHI “MCHASENE UMTYHOLI,” UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Umntwana ulele, engalweni yakhe ufakwe into yokumkhusela kwimimoya emdaka. Ngasemva, umama wakhe oqhutyelwa isifundo uthetha nabantu abamfundelayo.

    Waba nengxaki yantoni uPalesa owayefundelwa iBhayibhile?

  • Umzalwana nenkosikazi yakhe kunye nesifundo sabo badibana nabadala ukuze bafumane uncedo.

    Kutheni kubalulekile ukucela uncedo kubadala xa umntu esimaziyo okanye esimfundelayo enengxaki enento yokwenza needemon?

  • Umntu oqhutyelwa isifundo utshisa laa nto ebisengalweni yomntwana wakhe enento yokwenza needemon.

    Mchaseni uMtyholi, nize nisondele kuThixo.—Yak 4:7, 8

    Ziintoni abafanele bazilahle ngokupheleleyo abantu abafuna ukukhuselwa nguYehova?

  • Wenza esiphi isigqibo uPalesa?

  • Kwindawo ohlala kuyo, unokuziphepha njani izinto ezidibene needemon?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share