INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Thobeka—Kuphephe Ukuzincoma
Xa umntu ezincoma ibe eqhayisa ubonisa ukuba unekratshi, ibe ezo zinto azibancedi abo bamameleyo. Yiloo nto iBhayibhile isithi: “Mayibe ngomnye umntu okuncomayo, ungazincomi ngowakho umlomo.”—IMi 27:2.
BUKELA IVIDIYO ETHI, YIBA NGUMHLOBO KAYEHOVA—THOBEKA, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:
Ziintoni abantu abadla ngokuqhayisa ngazo?
Wayeqhayisa ngantoni uSihle kumhlobo wakhe?
Utata wakhe wamnceda njani wabona ukuba kufuneka athobeke?
Eyoku-1 kaPetros 5:5 isinceda njani sithobeke?