IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • mwb20 Septemba iphe. 8
  • Ukuphucula Ubuchule Bethu Bokushumayela​—Xa Umninimzi Ekrwada

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuphucula Ubuchule Bethu Bokushumayela​—Xa Umninimzi Ekrwada
  • Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso——2020
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuphucula Ubuchule Bethu Bokushumayela—Ukushumayela Kwi-intercom
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2015
  • Ukulondoloza Iinkumbulo Ngokuchukumisa Nje Iqhosha!
    Vukani!—1991
  • Indlela Ukufota Okwaqala Ngayo
    Vukani!—2006
  • Ukuba Nembeko Xa Sisemnyango
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2017
Khangela Okunye
Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso——2020
mwb20 Septemba iphe. 8
Umzalwana nodade babonisa umninimzi okrwada iphecana.

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ukuphucula Ubuchule Bethu Bokushumayela​—Xa Umninimzi Ekrwada

ISIZATHU SOKUBA IBALULEKILE LE NTO: Abantu abaninzi esithetha nabo entsimini banembeko, kodwa uYesu waprofeta esithi abanye baza kusicaphukela. (Yoh. 17:14) Ngenxa yaloo nto, asifanele sothuke xa sidibana nomninimzi okrwada. Xa umninimzi ekrwada, indlela esiphendula nesenza ngayo sifuna ivuyise uYehova osithumileyo. (Roma 12:17-21; 1 Pet. 3:15) Ukwenza loo nto kusenokwenza umninimzi angacaphuki kakhulu. Kusenokwenza yena nabanye ababukeleyo bajonge ukuba siza kuthini. Ukuba siphendula kakuhle banokufuna ukusimamela kwixesha elizayo.​—2 Kor. 6:3.

INDLELA YOKUYENZA LE NTO:

  • Zola, ube nobubele. Loo nto ingamnceda nomninimzi azole. Ungacingi ukuba nguwe lo angamfuniyo. (INtshu. 7:9) Kusenokwenzeka ukuba uneengxaki nje zakhe okanye wena ufike ngexesha elibi. Kungenzeka ukuba uve izinto ezibubuxoki ngathi, yiloo nto ekrwada.​—2 Kor. 4:4.

  • Mphendule kakuhle, ube nembeko. (IMize. 15:1) Ngaba umvuse elele okanye umphazamisile? Nangona singaxolisi ngokwenza umsebenzi wethu, unokuxolisa ngokufika ngexesha elibi. Ngaba unomsindo ngenxa yobuxoki obuthethwayo ngathi? Ukuba kunjalo, unokuthi: “Ndiyasiqonda isizathu sokuba ikucaphukise le nto. Kodwa ingathi le nto uyivileyo asiyonyani. Ndicela ukukucacisela.” Ngaba akathandi enye yezinto esizikholelwayo, mhlawumbi eyokususwa kwabantu ebandleni okanye ukungavumi ukutofelwa igazi? Usenokuthi: “Ndiyakuva. Nabanye abayiqondi kakuhle le nto. Ndicela ukukubonisa ukuba siyithatha ndawoni eBhayibhileni le nto siyenzayo.”

  • Xa umntu enomsindo kakhulu, kusenokuba bhetele ukuba umshiye kunokuba uzame ukumphendula. Ukuba uthi akafuni kuphinde abone Ngqina likaYehova kwakhe, unokumchazela ukuba siza kusihlonipha isigqibo sakhe.

ZAMA LE NTO

The same brother practicing his presentation and recording himself on his cell phone.

Yenza ividiyo efowunini yakho, uze uzibukele ukuze ubone ukuba uza kuba njani xa ushumayela kumntu okrwada.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share