IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • mwb21 Januwari iphe. 11
  • Khetha Ukukhonza UYehova

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Khetha Ukukhonza UYehova
  • Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2021
  • Amanqaku Afanayo
  • Kubalulekile Ukubhaptizwa!
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
  • Kufuneka Ubhaptizwe Ukuze Ube NgumKristu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2018
  • Izinto Ezenza Ubani Afanelekele Ukubhaptizwa NjengomKristu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Ubhaptizo Nolwalamano Lwakho NoThixo
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
Khangela Okunye
Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2021
mwb21 Januwari iphe. 11
Indlela yokukhonza uYehova. Izinto eziboniswe kule ndlela zichaza izinto umntu afanele azenze. Ukufundelwa iBhayibhile, ukuya ezintlanganisweni, ukushumayela kunye nokubhaptizwa.

Ngaba uzimisele ukubhaptizwa?

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Khetha Ukukhonza UYehova

Ukuba ungumvakalisi ongabhaptizwanga oselula okanye usaqhutyelwa isifundo seBhayibhile, ngaba uzimisele ukubhaptizwa? Kutheni kufuneka ukufune ukubhaptizwa? Ukuzinikela nokubhaptizwa kwenza sikwazi ukuba nobuhlobo obukhethekileyo noYehova. (Nd 91:1) Ezi zinto zisinceda sikwazi ukuba nethuba lokusindiswa. (1Pe 3:21) Ungenza njani ukuze ukwazi ukufikelela apha?

Zibonele ngokwakho ukuba lena yinyaniso. Xa unemibuzo, phanda. (Rom 12:2) Jonga ukuba ziintoni ekufuneka uzitshintshe, uze uqinisekise ukuba utshintsha kuba ufuna ukuvuyisa intliziyo kaYehova. (IMi 27:11; Efe 4:23, 24) Thandaza kuYehova umcele ukuba akuncede. Qiniseka ukuba uza kukuqinisa aze akomeleze esebenzisa umoya wakhe oyingcwele. (1Pe 5:10, 11) Asoze uzisole ngezinto ozenzayo. Ukukhonza uYehova yeyona ndlela ibhetele yokuphila ubomi!​—Nd 16:11.

BUKELA IVIDIYO ETHI BABEZIMISELE UKUBHAPTIZWA, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Zeziphi iingxaki ekwafuneka badlule kuzo abanye ngaphambi kokuba babhaptizwe?

  • Yintoni ekufuneka uyenze ukuze ube nokholo oluza kukwenza uzinikele kuYehova?

  • Bancedwe yintoni abanye ukuze bakufanelekele ukubhaptizwa?

  • UYehova ubasikelela njani abo bakhetha ukumkhonza?

  • Kuthetha ukuthini ukuzinikela nokubhaptizwa?

Xa intetho yobhaptizo iphela, umzalwana oyinikelayo uye acele abo baza kubhaptizwa ukuba baphakame baze baphendule le mibuzo mibini ilandelayo ngelizwi elivakalayo:

Uguqukile na kwizono obuzenza, wazinikela kuYehova, ibe uyakholwa ukuba uYehova uza kukusindisa ngoYesu Kristu?

Uyaqonda na ukuba njengokuba ubhaptizwa uza kuba liNgqina LikaYehova, ube kwintlangano yakhe?

Xa abo baza kubhaptizwa besithi ewe kule mibuzo mibini, ‘bavuma phambi kwabantu’ ukuba bayayikholelwa into yokuba baza kusindiswa ngenxa kaYesu Kristu, ibe bazinikele kuYehova ngokupheleleyo.​—Rom 10:9, 10.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share