UPetros noYohane balungisa igumbi abaza kuyenzela kulo iPasika yango-33 C.E
INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Ngaba Uyasilungiselela ISikhumbuzo?
IPasika kaYesu yokugqibela yayibalulekile. Njengokuba wayesele eza kubulawa, walungiselela isidlo sePasika nabapostile bakhe waza wayalela ukuba qho ngonyaka benze iSidlo seNkosi Sangokuhlwa. Wacela uPetros noYohane ukuba balungise indlu ababeza kusenzela kuyo esi sidlo. (Luk 22:7-13; jonga umfanekiso ongaphandle.) Le nto isibonisa indlela ekubaluleke ngayo ukulungisela iSikhumbuzo esiza kuba nge-27 kaMatshi. Kusenokwenzeka ukuba amabandla sele elungiselele ukuba iza kunikelwa ngubani intetho, ibe sele kukho isonka newayini nezinye izinto ezifunekayo. Kodwa ke, mntu ngamnye ufanele enze ntoni ukuze alungiselele iSikhumbuzo?
Cinga ngendlela onombulelo ngayo ngenxa yokufa kukaYesu. Funda ufundo lweBhayibhile lweSikhumbuzo uze ucingisise ngalo. Olu fundisiso ungalufumana kwincwadi ethi Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla. Olunye ufundisiso lweBhayibhile olucacileyo lukwiSihlomelo B12 kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele ehlaziyiweyo. (Jonga neNcwadi Yentlanganiso Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela YangoAprili 2020.) Iintsapho zinokujonga nezinto ezinokuzenza kunqulo lwentsapho ezithetha ngokubaluleka kokuhlawulelwa nguYesu kwiWatch Tower Publications Index okanye ISikhokelo Sokuphanda SamaNgqina KaYehova.
Mema abantu. Yibakho qho kwiphulo lokumemela abantu eSikhumbuzweni. Cinga ngabantu onokubamema njengamabuyelo, izifundo zakho zeBhayibhile, abantu obaziyo, kunye nabo uzalana nabo. Abadala bamele bameme nabantu abapholileyo. Ungalibali ukuba xa kukho umntu ofuna ukummema ongahlali kwindawo ohlala kuyo ungaya ku-jw.org/xh, ucofe indawo ethi INKCAZELO ENGAKUMBI NGATHI, uze ukhethe indawo ethi “ISikhumbuzo,” ukuze ubone indawo nexesha esiza kungena ngayo iSikhumbuzo kwindawo yakhe.
Yintoni enye esinokuyenza ukuze silungiselele iSikhumbuzo?