IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • mwb22 Matshi iphe. 9
  • Ngoobani Abahlobo Bakho Kwiiwebhsayithi Zokuncokola?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngoobani Abahlobo Bakho Kwiiwebhsayithi Zokuncokola?
  • Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2022
  • Amanqaku Afanayo
  • Kuthekani Ngabahlobo Oncokola Nabo Ngekhompyutha?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2
  • Lumka Xa Usebenzisa Iiwebhsayithi Zokuncokola
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2018
  • Yintoni Endifanele Ndiyazi Ngeewebhusayithi Zokuncokola?—Inxalenye 2
    Vukani!—2011
  • Abantwana Abasebenzisa I-Internet—Oko Kufanele Kwaziwe Ngabazali
    Vukani!—2008
Khangela Okunye
Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2022
mwb22 Matshi iphe. 9

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ngoobani Abahlobo Bakho Kwiiwebhsayithi Zokuncokola?

Umhlobo “ngumntu onamathele komnye kuba emthanda okanye emhlonela.” Ngokomzekelo, uYonatan noDavide babangabahlobo abasondeleyo emva kokuba uDavide ebulele uGoliyati. (1Sa 18:1) Bobabini babonisa iimpawu ezabenza bafuna ukuba ngabahlobo. Ngoko ukuze abantu babe ngabahlobo abasondeleyo kufuneka bazane nyhani. Kuthatha ixesha ibe kufuneka usebenze nzima ukuze umazi omnye umntu. Kodwa ke, kwiiwebhsayithi zokuncokola abantu bangaba “ngabahlobo” ngokucofa nje iqhosha elinye. Le nto iyenzeka kuba abantu kwiiwebhsayithi zokuncokola bayakwazi ukuyilungiselela into abaza kuyithetha nendlela abafuna abantu babajonge ngayo ngoko kulula ukuba bazifihle into abayiyo. Ngenxa yaloo nto, kubalulekile ukwenza isigqibo sokuba ‘ngabantu abanjani oza kubamkela njengabahlobo bakho’ kwiiwebhsayithi zokuncokola. Ukuba umntu ongamaziyo ucela ukuba ngumhlobo wakho kwiiwebhsayithi zokuncokola, sukuba neentloni zokungavumi kuba ungafuni ukumvisa kabuhlungu. Abanye baye bakhetha ukungazisebenzisi ezi webhsayithi zokuncokola kuba bengafuni ezi ngxaki. Kodwa ukuba ukhetha ukuzisebenzisa iiwebhsayithi zokuncokola yintoni omele ucinge ngayo?

BUKELA IVIDIYO ETHI ZISEBENZISE KAKUHLE IIWEBHSAYITHI ZOKUNCOKOLA, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Umfanekiso okwividiyo ethi “Zisebenzise Kakuhle Iiwebhsayithi Zokuncokola.” Intombazana ibonakala yothukile xa ibona iifoto zayo kwi-TV.

    Yintoni ofanele ucinge ngayo ngaphambi kokufaka izinto ozicingayo nemifanekiso kwiiwebhsayithi zokuncokola?

  • Umfanekiso okwividiyo ethi “Zisebenzise Kakuhle Iiwebhsayithi Zokuncokola.” Isikali sinefoto entle yentombazana size kwelinye icala sibe nemali ezi-coins. Ifoto ibonakala isinda kunemali.

    Kutheni ufanele ubakhethe kakuhle abahlobo kwiiwebhsayithi zokuncokola?

  • Umfanekiso okwividiyo ethi “Zisebenzise Kakuhle Iiwebhsayithi Zokuncokola.” Umfana uvale amehlo njengoko amadoda amabini awoyikekayo embonisa into ekwiwebhsayithi yokuncokola.

    Kutheni ufanele uzibekele ixesha ongazukudlula kulo xa usebenzisa iiwebhsayithi zokuncokola?—Efe 5:15, 16

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share