IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • mwb23 Januwari iphe. 16
  • Yiba Nezinto Ozimisele Ukuzenza Ngexesha LeSikhumbuzo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yiba Nezinto Ozimisele Ukuzenza Ngexesha LeSikhumbuzo
  • Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2023
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Ululungele Olona Suku Lubalulekileyo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2024
  • UYehova Uyazisikelela Iinzame Esizenzayo Zokubakho ESikhumbuzweni
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2023
  • Lonwabele Eli Xesha LeSikhumbuzo!
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2014
  • Ixesha LeSikhumbuzo—Ithuba Lokwandisa Inkonzo!
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2011
Khangela Okunye
Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2023
mwb23 Januwari iphe. 16

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Yiba Nezinto Ozimisele Ukuzenza Ngexesha LeSikhumbuzo

Qho ngonyaka abantu bakaYehova basoloko bejonge phambili ekwenzeni iSikhumbuzo kunye. Kwiiveki ezingaphambi nasemva kweSikhumbuzo siye sisebenzise eli thuba likhethekileyo lokuba sidumise size sibulele uYehova ngenxa yesipho sentlawulelo. (Efe 1:3, 7) Ngokomzekelo, sisebenza nzima ukuze simeme abanye beze eSikhumbuzweni. Abanye baye balungise iimeko zabo ukuze bakwazi ukuba ngoovulindlela abangabancedani ngoMatshi nangoAprili bezimisele ukwenza iiyure eziyi-30 okanye eziyi-50. Ngaba ungathanda ukongeza ixesha oshumayela ngalo ngeli xesha leSikhumbuzo? Yintoni enokukunceda ukuze ukwazi ukuyenza le nto?

Amaxesha amaninzi siye senze okuninzi xa siye salungiselela kusengaphambili. (IMi 21:5) Njengoko ixesha leSikhumbuzo lisondela, ngoku lixesha lokuba siqalise ukuzilungiselela. Cinga ngendlela ofuna ukulandisa ngayo ixesha oshumayela ngalo ngexesha leSikhumbuzo, uze ugqibe ukuba uza kwenza njani ukuze ukwazi. Cela uYehova ayisikelele imigudu yakho.—1Yo 5:14, 15.

Ungakwazi ukucinga ngeendlela onokulandisa ngayo ixesha oshumayela ngalo ngexesha leSikhumbuzo?

Izinto endizimisele ukuzenza

Into ekufuneka ndiyenze ukuze ndikwazi ukwenza into endizimisele ukuyenza

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share