IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • wp22 No. 1 iphe. 3
  • Singakwazi Ukuyeka Ukuba Nenzondo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Singakwazi Ukuyeka Ukuba Nenzondo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2022
  • Amanqaku Afanayo
  • Kutheni Inzondo Ixhaphake Kangaka?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2022
  • Intshayelelo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2022
  • Xa Inzondo Iphelisiwe Ngonaphakade!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2022
  • Abantu Abaninzi Emhlabeni Wonke Beva Ubuhlungu Ngenxa Yenzondo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2022
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2022
wp22 No. 1 iphe. 3
Imifanekiso: Indoda enestres icinga ngenzondo ayibonayo. 1. Umfazi ophethe ifowuni esandleni uyijongela phantsi le ndoda. 2. Nomnye umfazi umjongela phantsi. 3. Kukho nenye indoda efunda inewspaper emjonge kakubi. 4. Umntu ofunda iindaba okwi-TV.

Singakwazi Ukuyeka Ukuba Nenzondo!

Wakhe wacatshukelwa?

Ukuba uthi hayi, mhlawumbi wakhe wambona umntu ocatshukelwayo ngandlela ithile. Ezindabeni kusoloko kuthethwa ngocalucalulo, ukungathandwa kwabantu abathandanayo besini esinye, nokungathandwa kwabantu abasuka kwamanye amazwe—abantu bazondwa kuba uhlanga lwabo lwahlukile, bethandana nabantu besini sabo, okanye besuka kwelinye ilizwe. Ngenxa yaloo nto oorhulumente abaninzi babeka imithetho elwa nale nzondo ixhaphakileyo.

Abantu abakhe beva ubuhlungu ngenxa yokuzondwa, ngokuqhelekileyo nabo baye babazonde abanye. Nabantu abakhe baphathwa kakubi badla ngokufuna ukuziphindezelela yaye loo nto ibangela inzondo ingapheli.

Mhlawumbi wakhe wacalulwa, wajongwa kakubi ngenxa yabantu abasondele kuwe, wahlaziswa, wathukwa okanye woyikiswa. Nangona kunjalo inzondo ayipheleli apho. Inzondo ibangela inkohlakalo embi, ukuphatha kakubi abanye, ukumosha izinto, ukudlwengula, okanye ukubulala.

Le Mboniselo iza kuphendula le mibuzo ilandelayo, ize isibonise nendlela yokuphelisa inzondo:

  • Kutheni ixhaphake kangaka inzondo?

  • Kungapheliswa njani ukuxhaphaka kwenzondo?

  • Ngaba liya kuze libekhona ixesha laxa inzondo ingasekho ngonaphakade?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share