INQAKU ELIFUNDWAYO 44
Ungayeki Ukuqinisa Ithemba Onalo
“Thembela ngoYehova.”—INDU. 27:14.
INGOMA 144 Hlala Ujonge Emvuzweni!
IZINTO ESIZA KUZIFUNDAa
1. Leliphi ithemba uYehova asinike lona?
UYEHOVA usinike ithemba elimangalisayo lokuphila ubomi obungunaphakade. Abanye kuthi banethemba lokubuphila ezulwini, benemizimba engafiyo. (1 Kor. 15:50, 53) Kodwa abaninzi banethemba lokubuphila apha emhlabeni, bonwabile futhi beyimiqabaqaba. (ISityhi. 21:3, 4) Nokuba sinethemba lokuphila ngonaphakade ezulwini okanye emhlabeni, silixabisa kakhulu elo themba.
2. Kutheni siqinisekile ukuba izinto esinethemba lazo ziza kwenzeka?
2 EBhayibhileni, igama eliguqulelwe ngokuthi “ithemba” linokuthetha “ukulindela izinto ezintle eziza kwenzeka.” Siqinisekile ukuba izinto esinethemba lazo ziza kwenzeka kuba nguYehova osithembise zona. (Roma 15:13) Siyazazi izinto azithembisileyo, siyazi nokuba usoloko ezenza izinto athe uza kuzenza. (Num. 23:19) Siqinisekile ukuba uYehova uyafuna futhi unamandla okwenza nantoni na athe uza kuyenza. Ngoko izinto esinethemba lazo azilophupha njee, sinobungqina bokuba ziza kwenzeka nyhani.
3. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku? (iNdumiso 27:14)
3 UTata wethu osezulwini uyasithanda futhi ufuna sithembele kuye. (Funda iNdumiso 27:14.) Xa liqinile ithemba esinalo kuYehova, siza kukwazi ukunyamezela iingxaki, sibe nesibindi size sonwabe nokuba kwenzeka ntoni kuthi. Ngoku makhe sithethe ngendlela ithemba elisikhusela ngayo. Siza kuqala sibone ukuba lifana njani neankile nomnqwazi wentsimbi, size emva koko sithethe ngokuba singaliqinisa njani.
ITHEMBA ESINALO LIFANA NEANKILE
4. Ithemba lifana njani neankile? (Hebhere 6:19)
4 Kwileta awayibhalela amaKristu akwaYuda, umpostile uPawulos wafanisa ithemba esinalo neankile. (Funda amaHebhere 6:19.) Wayesoloko ehamba elwandle, ngoko wayesazi ukuba iiankile zisetyenziselwa ukwenza iinqanawa zingemki namanzi. Ngeny’ imini wathi esakhwele inqanawa, kwakho isaqhwithi esikhulu. Kwathi kusenjalo, wabona abantu ababeyiqhuba bephosa iiankile emanzini ukuze loo nqanawa ingadudulwa ngumoya ize ibetheke ematyeni. (IZe. 27:29, 39-41) Njengokuba iankile inceda inqanawa izinze, nethemba esinalo lisinceda singabhekeli kuYehova xa sineengxaki ezifana nesaqhwithi. Lisinceda sihlale sizolile xa sineengxaki, sisazi ukuba izinto ziza kuba bhetele. Khumbula kaloku ukuba uYesu wathi siza kutshutshiswa. (Yoh. 15:20) Ngoko ukucingisisa ngezinto esizithenjiswe nguYehova kusinceda singayeki ukumkhonza.
5. Ithemba lamnceda njani uYesu wanyamezela nangona wayeza kufa?
5 Khawucinge ngendlela ithemba elamnceda ngayo uYesu wahlala enyanisekile nangona wayeza kubulawa kabuhlungu. NgePentekoste ka-33 C.E., umpostile uPetros wathetha ngesi siprofeto sikwincwadi yeeNdumiso, esiyibonisa kakuhle indlela uYesu awayezole ngayo: “Ndiza kuhlala ndinethemba ngenxa yokuba awuzukundishiya engcwabeni, ungazukumvumela abone ukonakala lowo ukukhonza ngokungagungqiyo. . . . Ndiza kuvuya kakhulu xa ndinawe.” (IZe. 2:25-28; INdu. 16:8-11) Nangona wayesazi ukuba uza kufa, wayeqinisekile ngethemba lokuba uThixo uza kumvusa, baze baphinde babe kunye ezulwini.—Heb. 12:2, 3.
6. Omnye umzalwana wathini xa ethetha ngethemba?
6 Ukuba nethemba kuncede abazalwana noodade abaninzi bakwazi ukunyamezela. Khawucinge ngento eyenzeka kumzalwana owayethembekile uLeonard Chinn, owayehlala eNgilani. NgeMfazwe Yehlabathi Yokuqala wabanjwa kuba engafuni ukuya emfazweni. Wavalelwa kwisisele sakhe yedwa kangangeenyanga ezimbini, emva koko wanyanzelwa ukuba enze umsebenzi onzima. Wabhala wathi: “Izinto ezenzeka kum, zandenza ndayibona indlela ithemba elibaluleke ngayo ukuze sikwazi ukunyamezela. Into enokulenza liqine, sitsho sikwazi ukunyamezela kukufunda kuYesu, kubapostile, kubaprofeti, nokufunda izinto esizithenjiswa nguThixo eziseBhayibhileni.” Ithemba laba njengeankile kuLeonard, linokuba yiyo nakuthi.
7. Iingxaki zethu ziliqinisa njani ithemba esinalo? (Roma 5:3-5; Yakobi 1:12)
7 Xa sinyamezele iingxaki size sibone indlela uYehova asincede ngayo, siyaqiniseka ukuba uyavuyiswa sithi. Loo nto ilenza liye liqina ithemba esinalo. (Funda amaRoma 5:3-5; uYakobi 1:12.) Liqina ngaphezu kokuba kwakunjalo xa sasiqala ukwamkela inyaniso. USathana ufuna iingxaki esinazo zisityhafise, kodwa ngoncedo lukaYehova singakwazi ukuzinyamezela.
ITHEMBA ESINALO LIFANA NOMNQWAZI WENTSIMBI
8. Ithemba esinalo lifana njani nomnqwazi wentsimbi? (1 Tesalonika 5:8)
8 IBhayibhile iphinda ifanise ithemba esinalo nomnqwazi wentsimbi. (Funda ama-1 Tesalonika 5:8.) Ukuze ijoni lingonzakali entloko xa lisilwa, liye lithwale lo mnqwazi. Nathi njengoko sisilwa noSathana, simele sizikhusele iingqondo zethu. Usebenzisa iindlela ezininzi zokusilinga ukuze amoshe indlela esicinga ngayo. Njengokuba lo mnqwazi uyikhusela intloko yejoni, ithemba esinalo liyayikhusela indlela esicinga ngayo ukuze sihlale sithembekile kuYehova.
9. Kwenzeka ntoni kubantu abangenathemba?
9 Ithemba esinalo lobomi obungunaphakade liza kusinceda silumke xa sisenza izigqibo. Kwelinye icala, xa singaliqinisi, size sicinge kuphela ngezinto ezifunwa sithi, linokude liphele. Cinga ngento eyenzeka kwamanye amaKristu awayehlala eKorinte. Ayeka ukuba nokholo kwisithembiso sikaThixo esibalulekileyo, sokuvuswa kwabantu abaswelekileyo. (1 Kor. 15:12) UPawulos wathi abantu abangenalo ithemba lobomi bexesha elizayo, baphilela nje ukwenza izinto eziza kubavisa kamnandi ngoku. (1 Kor. 15:32) Yiloo nto kanye eyenziwa ngabantu abaninzi namhlanje. Kodwa thina asikho njalo, siqinisekile ngezinto esizithenjiswe nguThixo. Ithemba esinalo linjengomnqwazi okhusela iingqondo zethu, ukuze singacingi ngezinto ezifunwa sithi qha, kuba loo nto inokusenza siyeke ukuba ngabahlobo bakaYehova.—1 Kor. 15:33, 34.
10. Ithemba linokusinceda njani singakholelwa izinto ezingekhoyo?
10 Ithemba esinalo elifana nomnqwazi linokusinceda singacingi ukuba soze sikwazi ukumvuyisa uYehova. Ngokomzekelo, abanye basenokuthi: ‘Soze ndibufumane ubomi obungunaphakade. Akho yam. Soze ndikwazi nokwenza izinto ezifunwa nguThixo.’ Khumbula ukuba noElifazi xa wayesenza ngathi uthuthuzela uYobhi wathetha into enjalo. Wathi: “Ukhona na umntu onokude acoceke?” Zange aphelele apho, kodwa wathi ngoThixo: “Jonga! Akathembanga kwaneengelosi zakhe, namazulu lawo awacocekanga emehlweni akhe.” (Yobhi 15:14, 15) Obunjani bona ubuxoki! Khumbula kaloku ukuba nguSathana ofuna ucinge ngaloo ndlela. Uyazi ukuba xa uhlala ucinga kanje, uza kuphelelwa lithemba. Ngoko sukubukholelwa obo buxoki kodwa hlala ucinga ngezinto esizithenjiswe nguYehova. Ungaze uthandabuze ukuba ufuna uphila ngonaphakade futhi uza kukunceda ukuze yenzeke loo nto.—1 Tim. 2:3, 4.
HLALA ULIQINISA ITHEMBA ONALO
11. Kutheni simele sibe nomonde njengoko silinde uThixo ukuba ade azenze izinto asithembise zona?
11 Ngamanye amaxesha akukho lula ukuhlala sinethemba eliqinileyo. Sisenokuphelelwa ngumonde xa kubonakala ngathi azide zenzeke izinto esizithenjiswe nguThixo. Kodwa ngenxa yokuba uYehova wayesoloko ekhona, ixesha elinokubonakala lilide kuthi lifutshane kuye. (2 Pet. 3:8, 9) Izinto azithembisileyo uza kuzenza kakuhle zonke, nangona esenokungazenzi ngexesha esilindele ngalo. Yintoni enokusinceda ukuze ithemba esinalo lihlale liqinile, njengoko silinde ngomonde ukuba uThixo azenze izinto azithembisileyo?—Yak. 5:7, 8.
12. AmaHebhere 11:1, 6 abonisa ukuba ithemba lidibana njani nokholo?
12 Ukuba sizama ukumazi bhetele uYehova, ithemba esinalo liza kuya liqina kuba nguye oza kuzenza izinto esinethemba lazo. IBhayibhile ithi ukuze sibe nethemba kufuneka sikholwe ukuba uYehova ukhona futhi “ungumvuzi wabo bamfuna ngokuzimisela.” (Funda amaHebhere 11:1, 6.) Xa sikholelwa nyhani ukuba ukhona, siza kuya siqiniseka ukuba uza kuzenza zonke izinto azithembisileyo. Ngoku masithethe ngezinto esinokuzenza ukuze ukholo lwethu kuYehova nethemba esinalo lihlale liqinile.
Ukuthandaza nokucingisisa kuza kulenza lihlale liqinile ithemba esinalo (Jonga isiqendu 13-15)b
13. Sinokwenza ntoni ukuze sibe ngabahlobo bakaThixo?
13 Thandaza kuYehova, ufunde neLizwi lakhe. Singakwazi ukuba ngabahlobo bakhe nangona singamboni. Singakwazi nokuthetha naye ngomthandazo, siqinisekile ukuba uza kusiva. (Yer. 29:11, 12) Siyammamela ngokufunda iLizwi lakhe nokucingisisa ngezinto esizifundayo. Xa sifunda ngendlela awabakhathalela ngayo abantu bakudala ababethembekile kuye, ithemba esinalo liza kuya liqina. Kaloku zonke izinto ezikwiLizwi LikaThixo “zabhalwa ukuze kufundiswe thina, ukuze ukunyamezela kwethu nokuthuthuzelwa ziZibhalo kusincede sibe nethemba.”—Roma 15:4.
14. Kusinceda ngantoni ukucinga ngezinto uYehova azenzele abanye?
14 Cingisisa ngezinto awazithembisayo uYehova waza wazenza. Cinga ngento awayenzela uAbraham noSara. Babebadala kakhulu ukuba bangaba nabantwana. Nokuba sekunjalo, uThixo wabathembisa ukuba baza kumfumana umntwana. (Gen. 18:10) Waziva njani uAbraham ngesi sithembiso? IBhayibhile ithi: “Waba nethemba nokholo lokuba uza kuba ngutata weentlanga ezininzi.” (Roma 4:18) Nangona yayibonakala ingenakwenzeka le nto, uAbraham wayeqinisekile ukuba uYehova uza kuyenza into ayithembisileyo. Zange aphoxeke ke nangoku. (Roma 4:19-21) Amabali afana neli asinceda sihlale simthemba uYehova ukuba uza kuzenza izinto azithethileyo, nokuba kuthi zibonakala zingenakwenzeka.
15. Kutheni simele sicingisise ngezinto uThixo asenzele zona?
15 Cinga ngezinto uYehova akwenzele zona. Cinga ngendlela ezenzeke ngayo kuwe izinto esizithenjiswa kwiLizwi LikaThixo. Ngokomzekelo, uYesu wathembisa ukuba uTata wakhe uza kukunika izinto ozidingayo ukuze uphile. (Mat. 6:32, 33) Enye into awakuthembisa yona kukuba uYehova uza kukunika umoya oyingcwele xa uwucela. (Luka 11:13) Uye wazenza ke nyhani ezi zinto. Nawe ungacinga ngezinto ebekuthembise zona waza wazenza. Ngokomzekelo, uthi uza kukuxolela, akuthuthuzele aze akunike izinto eziza kukunceda uhlale ungumhlobo wakhe. (Mat. 6:14; 24:45; 2 Kor. 1:3) Xa ucingisisa ngezinto uYehova akwenzele zona, liza kutsho liqine ithemba onalo kwizinto athe uza kukwenzela zona kwixesha elizayo.
VUYA NGENXA YETHEMBA
16. Kutheni sisithi ithemba sisipho esixabisekileyo?
16 Ithemba esinalo lokuphila ngonaphakade lisisipho esixabisekileyo esivela kuThixo. Sizijonge ngamehlo abomvu izinto asithembise zona, nesiqinisekileyo ukuba ziza kwenzeka. Eli themba lifana neankile, lisinceda sinyamezele iingxaki, singagungqi xa sitshutshiswa size singoyiki naxa sisoyikiswa ngokubulawa. Liphinda lifane nomnqwazi wentsimbi. Likhusela iingqondo zethu ukuze singazenzi izinto ezirongo kodwa sifune ukwenza ezilungileyo. Ithemba esinalo kwizinto esizithenjiswe eBhayibhileni lisinceda simazi bhetele uThixo futhi libonisa nendlela asithanda ngayo. Xa lihlala liqinile sincedakala kakhulu.
17. Kutheni lisivuyisa kangaka ithemba esinalo?
17 Umpostile uPawulos wathi kumaKristu aseRoma: “Vuyani ngenxa yokuba ninethemba.” (Roma 12:12) Into eyayinokumvuyisa kukuqiniseka ukuba xa ehlala ethembekile, uza kuphila ngonaphakade ezulwini. Nathi singakwazi ukuvuyiswa lithemba esinalo, kuba siqinisekile ukuba uYehova soze asiphoxe. Kaloku umdumisi wathi: “Wonwabile lowo . . . othembela ngoYehova uThixo wakhe, . . . Lowo uhlala ethembekile.”—INdu. 146:5, 6.
INGOMA 139 Zibone Ukwihlabathi Elitsha
a UYehova usinike ithemba elimangalisayo lezinto aseza kusenzela zona. Elo themba liyasikhuthaza futhi lisinceda singazihoyi kakhulu iingxaki esinazo ngoku. Lisinceda sihlale sithembekile kuYehova nokuba sineengxaki ezingakanani. Likwasinceda singaqhathwa zizinto ezinokumosha indlela esicinga ngayo. Njengokuba siza kubona kweli nqaku, ezi zizizathu ezisenza sihlale siliqinisa ithemba esinalo.
b INGCACISO YOMFANEKISO: Kanye njengokuba umnqwazi wentsimbi unceda ijoni lingonzakali entloko, neankile inceda inqanawa ingemki namanzi; ithemba esinalo likhusela iingqondo zethu lize lisincede singagungqi naxa sineengxaki. Udade uyathandaza, eqinisekile ukuba uYehova uza kumphendula. Umzalwana ucingisisa ngendlela uThixo awazenza ngayo izinto awayemthembise zona uAbraham. Omnye umzalwana ucinga ngendlela uYehova amsikelele ngayo.