Ingaba indlela esiziva ngayo isoloko ichanile?
Okulungileyo Nokungalunganga: Into Ekhokela Abantu Abaninzi Xa Besenza Isigqibo
Phantse wonke umntu uyavuma ukuba ezinye izinto abantu abazenzayo zi-rayithi kanti ezinye zirongo. Ngokomzekelo ukubulala, ukudlwengula, ukuhlukunyezwa kwabantwana ngesondo zizinto ezaziwayo ngabantu ukuba zirongo, kanti ubulungisa, ububele novelwano zizinto ezithandwa kakhulu ngabantu. Ebomini abantu bakholelwa ukuba ayikho indlela elungileyo ingekho nengalunganga ngokuphathelele ukuba umntu ukhetha ukulala nabani, ukunyaniseka, okanye indlela yokukhulisa abantwana. Bathi umntu uhamba ngayibonayo. Abanye abantu baye benze izigqibo beqhutywa yindlela abavakalelwa ngayo nayindlela abanye abantu abavakalelwa ngayo ngaloo nto. Ingaba yindlela erayithi leyo?
INDLELA ESIVAKALELWA NGAYO
Amaxesha amaninzi siqhutywa yindlela esivakalelwa ngayo okanye isazela. (Roma 2:14, 15) Nabantwana abancinci ngeminyaka bayakwazi ukwahlula phakathi kwento erongo nerayithi ibe baye batyiwe sisazela xa benze into erongo. Njengoko sikhula siye siyifunde kubantu esichitha ixesha nabo, kubantu esihlala nabo, okanye kunqulo lwethu indlela yokwahlula okulungileyo nokungalunganga. Xa senze isigqibo, isazela sethu siye sisixelele ukuba senze sigqibo ngokwendlela esasikhuliswe ngayo okanye akunjalo.
Xa siyazi into elungileyo nengalunga siyakwazi ukuba novelwano kwabanye, senze ngobulungisa. Siye sikwazi nokuzibamba ukuze singabakhathazi abantu esibathandayo sikuphephe nokubenza iintloni, okanye isazela esibuhlungu.
Ingaba indlela esiziva ngayo isoloko ichanile? Esengumfana, uGarrick uthi, “Ndandizikhethela eyam imithetho yokuphila”. Wafumanisa ukuba ukwenza into acinga ukuba irayithi kwakungenamiphumo mihle ekugqibeleni. Xa ebalisa ngobomi bakhe uthi wayengonwabanga kuba wayeziphatha kakubi, esebenzisa kakubi iziyobisi, enxila, esenza nobundlobongela.”
INDLELA ABANYE ABANTU ABAVAKALELWA NGAYO
Ukungozelela kwindlela thina esivakalelwa ngayo, amaxesha amaninzi izigqibo esizenzayo zikhokelwa nayindlela abavakalelwa ngayo abanye. Loo nto ingasinceda sifunde kumava nakubulumko babo. Siye sihlonitshwe ziintsapho zethu, abahlobo nabantu basekuhlaleni xa sisenza into esicinga ukuba irayithi.
Ngaba indlela abantu abazijonga ngayo izinto inokusoloko ithenjwa? UPriscila osemtsha wabelana ngesondo nomntu angatshatanga naye nto leyo eyayisenziwa nazezinye izihlobo zakhe. Nangona abanye babecinga ukuba wenze into erayithi, wayengonwabanga. Uthi: “Ukwenza into eyayisenziwa ngabanye abantu zange kundenze ndonwabe. Kunoko ndaphela sendisenza izigqibo zobudenge neziyingozi.”
IKHONA INDLELA EBHETELE?
Xa sikhetha phakathi kwento elungileyo nengalunganga iimvakalelo zethu nezabanye abantu zidlala indima ebalulekileyo. Kodwa loo nto iyodwa ayisoloko ikhokelela kwimiphumo evuyisayo. Ngamanye amaxesha singaphela sisenzakalisa thina nabanye abantu ngenxa yokuba singakhange sibone ukuba eso sigqibo siza kukhokelela entwenini na. (IMizekeliso 14:12) Kwaye nangona sisenokucinga ukuba indlela esizibona ngayo izinto irayithi isenokuba yingozi futhi isenokutshintsha. Phofu ke, izinto ezithile ebezikade zijongwa njengezinto ezirongo ngoku zijongwa njengezirayithi. Kwelinye icala indlela yokuziphatha ebikade ijongwa njengeyamkelekileyo ngoku kuthwa ayifanelekanga.
Ingaba ukulandela izinto ezithethwa ngabanye abantu kuza kusoloko kusinceda senze izigqibo ezirayithi?
Ngaba ikhona indlela ebhethele yokukhetha phakathi kwento erayithi nerongo? Ngaba ikhona indlela yokuziphatha esinokuyilandela namhlanje engazukusishiya siphoxekile kwiminyaka ezayo?
Okuvuyisayo kukuba likhona icebiso elingendlela yokuziphatha elingatshintshiyo nesinokulithemba kwaye linokunceda wonke umntu nokuba usuka phi. Inqaku elilandelayo liza kuthetha ngokuba sinokulifumana phi elona cebiso linokuthenjwa xa sifuna ukwazi okulungileyo nokungalunganga.