IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w24 Juni iphe. 32
  • Ngaba Unalo Ukholo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Unalo Ukholo?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2024
  • Amanqaku Afanayo
  • Bonisa Ukuba Unokholo Kwizithembiso ZikaYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2016
  • Ukholo​—Lusinceda Somelele
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2019
  • Bonakalisa Ukholo Olusekelwe Kwinyaniso
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • “Sinike Ukholo Olungakumbi”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2024
w24 Juni iphe. 32

AMAZWI ASEBHAYIBHILENI

Ngaba Unalo Ukholo?

Ukuba sifuna ukuvuyisa uYehova, simele sibe nokholo. Kodwa yona iBhayibhile ithi “ayingabo bonke abantu abanokholo.” (2 Tes. 3:2) Apha umpostile uPawulos wayethetha ‘ngabantu abenzakalisayo nabenza izinto ezimbi,’ ababemphethe kakubi. Kodwa le nto wayeyithetha isebenza nakwabanye abantu. Abanye abazihoyi izinto ezibonisa ngokucacileyo ukuba ukhona uMdali onguThixo. (Roma 1:20) Kanti abanye basenokuthi bayakholwa ukuba ikhona into okanye umntu onamandla awodlula lee awethu. Kodwa olo, ayilokholo lokwenene.

Kufuneka siqiniseke ukuba uYehova ukho, futhi uyabasikelela abantu abanokholo olomeleleyo. (Heb. 11:6) Ukholo luphawu lwesiqhamo somoya wakhe oyingcwele. Ukuze siwufumane, kufuneka sithandaze. (Luka 11:​9, 10, 13) Enye indlela ebalulekileyo esinokuwufumana ngayo kukufunda iLizwi eliphefumlelwe nguThixo. Emva koko sinokucinga ngento esiyifundileyo, size sizame ukuyenza. Xa sisenza loo nto, umoya kaYehova uza kusinceda siphile ngendlela ebonisa ukuba sinokholo lokwenene.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share