IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w25 Matshi iphe. 2-7
  • Bhaptizwa, Ungalibazisi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Bhaptizwa, Ungalibazisi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2025
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • AMASAMARIYA ABHAPTIZWA
  • USAWULE WASETARSO WABHAPTIZWA
  • UKORNELI WABHAPTIZWA
  • AMAKORINTE ABHAPTIZWA
  • UKHOLO LWAKHO LUNOKUSUSA IINTABA
  • ‘Qhubeka Ulandela’ UYesu Nasemva Kokuba Ubhaptiziwe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2024
  • Sowukulungele Ukuzinikela KuYehova?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2024
  • Fumana Iimpendulo Zale Mibuzo
    Ucwangciso Lwendibano Yesiphaluka Kunye Nomveleli Wesiphaluka Ka-2025-2026
  • Izigqibo Ezibonisa Ukuba Siyamthemba UYehova
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2023
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2025
w25 Matshi iphe. 2-7

INQAKU ELIFUNDWAYO 9

INGOMA 51 Sizinikele KuThixo!

Bhaptizwa, Ungalibazisi

“Kutheni ulibazisa nje? Phakama, ubhaptizwe.”​—IZE. 22:16.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Ngokuba ukufunda ngamaSamariya, uSawule waseTarso, uKorneli namaKorinte kunokukukhuthaza ukuba ubhaptizwe.

1. Zeziphi ezona zizathu zenza umntu abhaptizwe?

NGABA uyamthanda uYehova uThixo, lowo ukunike zonke izinto ezilungileyo, nkqu nobomi? Uyafuna ukumbonisa indlela omthanda ngayo? Eyona ndlela onokuyenza ngayo loo nto kukuzinikela kuye uze ubhaptizwe. Xa wenze ezi zinto, uza kuba ngomnye wabantu abakwintsapho yakhe. UTata wakho okwanguMhlobo wakho uza kukhokela aze akukhathalele kuba uza kube ungowakhe. (INdu. 73:24; Isa. 43:​1, 2) Ukuzinikela nokubhaptizwa kuza kukwenza ube nalo nethemba lokuphila ngonaphakade.​—1 Pet. 3:21.

2. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

2 Ngaba ikhona into ekwenza ungabhaptizwa? Ukuba uthi ewe, bakhona nabanye abantu abafana nawe. Baninzi abantu ekuye kwafuneka batshintshe indlela abaphila ngayo nabacinga ngayo ukuze bafaneleke ukuba bangabhaptizwa. Ngoku bakhonza uYehova bevuya, bewukhuthalele nomsebenzi afuna bawenze. Yintoni onokuyifunda kwabanye ababhaptizwa ngexesha lamaKristu okuqala? Makhe sithethe ngeengxaki ababenazo size sibone ukuba yintoni esinokuyifunda kubo.

AMASAMARIYA ABHAPTIZWA

3. Ziintoni ezazinokwenza amaSamariya angabhaptizwa?

3 Ngexesha likaYesu amaSamariya ayeliqela labantu becawe. Amaninzi kuwo ayehlala kummandla wezixeko ezikumantla akwaYuda, kwaShekem naseSamariya. Ukuze abhaptizwe kwakufuneka azamkele zonke iincwadi ezikwiLizwi LikaThixo aze azazi kakuhle. Ziincwadi zokuqala zeBhayibhile qha awayekholelwa ukuba ziphefumlelwe, iGenesis ukuya kutsho kwiDuteronomi, mhlawumbi noYoshuwa. Ngenxa yento eyathenjiswa nguThixo kwiDuteronomi 18:​18, 19, amaSamariya ayekulindele kona ukufika kukaMesiya. (Yoh. 4:25) Ukuze abhaptizwe kwakufuneka ayamkele into yokuba uYesu wayenguloo Mesiya wayethenjisiwe. “AmaSamariya amaninzi” ayenza loo nto. (Yoh. 4:39) Kusenokwenzeka ukuba amanye kwakufuneka ayeke ucalucalulo olwalusezintliziyweni zawo, olwaluphakathi kwamaSamariya namaYuda.​—Luka 9:​52-54.

4. Ngokutsho kweZenzo 8:​5, 6, 14, enza ntoni amaSamariya xa uFilipu washumayela kuwo?

4 Ancedwa yintoni amaSamariya ukuze abhaptizwe? Xa umvangeli uFilipu “washumayela ngoKristu” kuwo, amanye ‘alamkela ilizwi likaThixo.’ (Funda iZenzo 8:​5, 6, 14.) Ammamela ngoxa wayengumYuda. Mhlawumbi akhumbula iivesi ezikwiPentatiki ezibonisa ukuba uThixo akakhethi. (Dut. 10:​17-19) Aba “nomdla kwizinto awayezithetha uFilipu” ngoKristu, abona nezinto awayezenza ezazibonisa ukuba uthunywe nguThixo. UFilipu wayesenza nemimangaliso emininzi, eminye yayo ikukuphilisa abantu abagulayo nokukhupha iidemon.​—IZe. 8:7.

5. Yintoni onokuyifunda kumaSamariya?

5 Loo maSamariya ayenokuvumela ucalucalulo okanye ukungabi nalwazi kuwenze angabhaptizwa. Kodwa zange ayivumele yenzeke loo nto. Athi akukholelwa ukuba izinto ezifundiswa nguFilipu ziyinyani, akalibazisa abhaptizwa. IBhayibhile ithi: ‘Xa amkholelwayo uFilipu, owayeshumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani BukaThixo nezegama likaYesu Kristu, abhaptizwa, amadoda nabafazi.’ (IZe. 8:12) Ngaba uyayikholelwa into yokuba iLizwi LikaThixo liyinyaniso nokuba amaNgqina KaYehova awanalo ucalucalulo, kodwa azama ukubonisa uthando, nto leyo abonakala ngayo amaKristu okwenyaniso? (Yoh. 13:35) Ngoko sukoyika ukubhaptizwa, qiniseka ukuba uYehova uza kukusikelela.

6. Inokukunceda njani into eyenziwa nguRuben?

6 URuben waseJamani wakhulela kwintsapho engamaNgqina. Kodwa esemncinci wayeyithandabuza into yokuba uYehova ukhona. Yintoni eyamnceda wayeka ukuthandabuza? Waqonda ukuba akanalwazi lungako ngobukho bukaThixo, ngoko wagqiba ekubeni aphande. Uthi: “Ndandifundela ukuba ndiyazi eyona nyaniso ngoThixo. Kwafuneka ndiyijonge kaninzi imfundiso yokuzivelela kwezinto.” Wafunda incwadi ethi, Is There a Creator Who Cares About You? Loo ncwadi yamnceda kakhulu uRuben. Ngaphakathi wathi, ‘Tyhini! Kanti uThixo ukhona!’ Xa wayeye kubona ikomkhulu lehlabathi, wayixabisa kakhulu indlela abamanyene ngayo abazalwana abasemhlabeni wonke. Wabuyela eJamani, waza wabhaptizwa ena-17. Ukuba uyayithandabuza into oyifundileyo, phanda ngayo usebenzisa iincwadi zethu. Into enokukunceda uyeke ukuthandabuza kukuba ‘nolwazi oluchanileyo.’ (Efe. 4:​13, 14) Njengoko usiva ngendlela abathandana nabamanyene ngayo abantu bakaYehova abakwamanye amazwe, uyibona loo nto nakwibandla okulo, uza kuya ubathanda abazalwana noodadewethu abasemhlabeni wonke.

USAWULE WASETARSO WABHAPTIZWA

7. Yintoni awayeyicinga uSawule ekwakufuneka ayilungise?

7 Khawucinge ngoSawule waseTarso. Wayewazi kakuhle umthetho wamaYuda, futhi esiya esiba ngobalulekileyo kuwo. (Gal. 1:​13, 14; Fil. 3:5) Ngelo xesha amaYuda ayekholelwa ukuba amaKristu ngabawexuki, ngoko uSawule wayewatshutshisa kabuhlungu amaKristu. Wayecinga ukuba wenza into ethandwa nguThixo. (IZe. 8:3; 9:​1, 2; 26:​9-11) Ukuze abe nokholo kuYesu aze abhaptizwe, abe ngumKristu, kwakufuneka ayamkele into yokuba naye wayeza kutshutshiswa.

8. (a) Wancedwa yintoni uSawule ukuze abhaptizwe? (b) Ngokutsho kweZenzo 22:​12-16 uAnaniyas wamnceda njani uSawule? (Jonga nomfanekiso.)

8 Wancedwa yintoni uSawule ukuze abhaptizwe? Yathi yakubonakala kuye iNkosi uYesu ezukisiweyo, wayimfama. (IZe. 9:​3-9) Zange atye iintsuku ezintathu, kusenokwenzeka ukuba wayecingisisa nangale nto yenzekileyo. Wade waqiniseka ukuba uYesu nguMesiya, nokuba abalandeli bakhe bakhonza uThixo ngendlela ayifunayo. Umele ukuba wayezisola ngokufak’ isandla xa kwakubulawa uStefano. (IZe. 22:20) Emva kweentsuku ezintathu umfundi uAnaniyas weza kuye, wamnceda wabona waza wamkhuthaza ukuba abhaptizwe, angalibazisi. (Funda iZenzo 22:​12-16.) USawule wathobeka, walwamkela uncedo luka-Ananiyas, waza wabhaptizwa.​—IZe. 9:​17, 18.

USawule ungena emanzini ukuze abhaptizwe. Ubukelwe ngabantu abambalwa abavuyayo.

Ngaba uza kufana noSawule, uvume xa ukhuthazwa ukuba ubhaptizwe? (Jonga isiqendu 8)


9. Ziintoni onokuzifunda kuSawule?

9 Zikhona izinto esinokuzifunda kuSawule. Wayesenokuvumela ikratshi okanye ukoyika abantu kumenze angabhaptizwa. Kodwa zange ayenze loo nto. Emva kokwazi inyani ngoKristu, wathobeka waza watshintsha ubomi bakhe. (IZe. 26:​14, 19) Wayekulungele ukuba ngumKristu ngoxa wayesazi ukuba wayeza kutshutshiswa. (IZe. 9:​15, 16; 20:​22, 23) Emva kokuba ebhaptiziwe wahlala emthembile uYehova ukuba uza kumnceda anyamezele iingxaki ezahlukeneyo. (2 Kor. 4:​7-10) Xa uye wabhaptizwa, waliNgqina LikaYehova, kusenokwenzeka izinto ezifuna ubonise ukuba unokholo okanye ube neengxaki, kodwa awuzukuba wedwa. Qiniseka ukuba uThixo noKristu baza kukunceda.​—Fil. 4:13.

10. Yintoni onokuyifunda kuAnna?

10 UAnna wakhulela kwintsapho yamaKurd eMpuma Yurophu. Xa wayena-9 umama wakhe wabhaptizwa, emva koko utata wakhe wamvumela ukuba afundelwe iBhayibhile. Kodwa le nto zange ziyithande ezinye izihlobo zabo ezazihlala nabo. Kuzo yayilihlazo into yokuba umntu ashiye inkolo yookhokho. Xa uAnna wayena-12, wacela utata wakhe ukuba amvumele abhaptizwe. Utatakhe wafuna ukwazi ukuba sisigqibo sakhe na eso okanye kukho umntu omnyanzelayo ukuba abhaptizwe. Wathi, “Ndiyamthanda uYehova.” Utata wakhe wathi angabhaptizwa. Emva kokuba ebhaptiziwe, abantu bakowabo bamphatha kakubi. Omnye wabo wade wathi: “Bekubhetele uziphathe kakubi, utshaye nokutshaya kunokuba ube liNgqina LikaYehova.” Yintoni eyamnceda wanyamezela? Uthi, “UYehova wandiqinisa, nabazali bam babendinceda nyhani.” UAnna uyawabhala aze awagcine amaxesha axa esibona isandla sikaYehova ebomini bakhe. Umane ebuyela kuwo ke ukuze angayilibali indlela uYehova aye wamnceda ngayo. Ukuba woyika ukutshutshiswa, khumbula ukuba nawe uYehova uza kukunceda.​—Heb. 13:6.

UKORNELI WABHAPTIZWA

11. Ziintoni ezazinokwenza uKorneli alibazise ukubhaptizwa?

11 Omnye umntu esinokufunda kuye ekuthethwa ngaye eBhayibhileni nguKorneli. Wayengumphathi wamajoni ayi-100 awayekumkhosi waseRoma. (IZe. 10:​1, umbhalo osemazantsi) Ngenxa yaloo nto, kusenokwenzeka ukuba wayesaziwa kakhulu ngabahlali nabasemkhosini. ‘Wayewanceda namahlwempu.’ (IZe. 10:2) UYehova wathumela umpostile uPetros ukuba aye kumshumayeza iindaba ezilungileyo. Ngaba isikhundla awayenaso uKorneli samenza walibazisa ukubhaptizwa?

12. Wancedwa yintoni uKorneli ukuze abhaptizwe?

12 Wancedwa yintoni uKorneli ukuze abhaptizwe? IBhayibhile ithi ‘yena nayo yonke indlu yakhe babemoyika uThixo.’ Enye into wayehlala ethandaza kuThixo. (IZe. 10:2) Xa uPetros wamshumayeza iindaba ezilungileyo, yena nentsapho yakhe bakholwa kuKristu baza bakhawuleza babhaptizwa. (IZe. 10:​47, 48) Ngokuqinisekileyo wayekulungele ukutshintsha nantoni na ekwakufuneka ayitshintshe ukuze yena nentsapho yakhe bakhonze uYehova.​—Yosh. 24:15; IZe. 10:​24, 33.

13. Ziintoni onokuzifunda kuKorneli?

13 NjengoSawule, uKorneli wayenokuvumela isikhundla awayekuso simenze angade abe ngumKristu. Kodwa zange ayivumele loo nto. Ngaba ukwazi inyaniso kuza kufuna ubutshintshe kakhulu ubomi bakho? Ukuba uthi ewe, uYehova uza kukunceda. Uza kukusikelela xa uzimisele ukumkhonza usebenzisa imigaqo yeBhayibhile ebomini bakho.

14. Yintoni onokuyifunda kuTsuyoshi?

14 UTsuyoshi waseJapan kwafuneka kubekho izinto ayekayo ukuzenza emsebenzini wakhe ukuze akwazi ukubhaptizwa. Wayelisekela lomphathi wesikolo saseIkenobo esasifundisa indlela yokulungisa iintyatyambo. Xa umphathi engazukubakho emngcwabeni, uTsuyoshi wayesoloko emmela kwizinto zonqulo lwamaBhuda ezenziwa emingcwabeni. Kodwa wathi akufunda into ethethwa yiBhayibhile ngokufa, wabona ukuba xa eqhubeka esenza le nto akazukubhaptizwa. Ngoko wenza isigqibo sokungancedisi kwizinto zonqulo lwamaBhuda. (2 Kor. 6:​15, 16) Wathetha nomphathi wakhe ngale nto. Kwenzeka ntoni? UTsuyoshi waqhubeka nomsebenzi wakhe, kodwa engazenzi izinto zonqulo lwamaBhuda. Malunga nonyaka emva kokuba eqalile ukufunda iBhayibhile, wabhaptizwa.a Ukuba kukho izinto ekufuneka uziyeke emsebenzini ukuze uvuyise uThixo, yiba nokholo lokuba uza kuqiniseka ukuba wena nentsapho yakho niyazifumana izinto enizidingayo.​—INdu. 127:2; Mat. 6:33.

AMAKORINTE ABHAPTIZWA

15. Yintoni eyayinokwenza amaKorinte angabhaptizwa?

15 Abantu baseKorinte babedume ngokufuna ukuba nezinto nokuziphatha kakubi. Abaninzi kubo babephila ngendlela angayithandiyo uThixo. Ngokucacileyo loo nto yayisiba yingxaki kuye nabani na owamkela iindaba ezilungileyo. Kodwa xa umpostile uPawulos waya kushumayela iindaba ezilungileyo ezingoKristu apho, ‘abantu abaninzi baseKorinte abayivayo intshumayelo, baba ngamakholwa baza babhaptizwa.’ (IZe. 18:​7-11) Emva koko iNkosi uYesu Kristu yabonakala kuPawulos yaza yathi: “Baninzi abantu kwesi sixeko abaseza kukholwa kum.” Ngoko uPawulos washumayela apho unyaka neenyanga eziyi-6.

16. Ancedwa yintoni amaKorinte ukuze abhaptizwe? (2 Korinte 10:​4, 5)

16 Ancedwa yintoni amaKorinte ukuze abhaptizwe? (Funda ama-2 Korinte 10:​4, 5.) ILizwi LikaThixo nomoya wakhe oyingcwele zawanceda abutshintsha kakhulu ubomi bawo. (Heb. 4:12) Lawo azamkelayo iindaba ezilungileyo ezingoKristu akwazi ukuyeka izinto ezinjengokunxila, ubusela, amadoda ayeka ukulala namanye amadoda, nabafazi bayeka ukulala nabanye abafazi.​—1 Kor. 6:​9-11.b

17. Ziintoni onokuzifunda kumaKristu aseKorinte?

17 Phawula ukuba ngoxa abanye eKorinte kwakufuneka bayeke izinto ekwakungekho lula ukuziyeka, zange bacinge ukuba kuza kuba nzima kakhulu ukuba ngamaKristu. Bazama ngamandla abo onke ukuhamba kwindlela encinci eya kubomi obungunaphakade. (Mat. 7:​13, 14) Ngaba kukho into erongo ozama ngamandla ukuyiyeka ukuze ubhaptizwe? Unganikezeli. Mcenge uYehova akuphe umoya wakhe oyingcwele ukuze ukuncede uyeke ukunqwenela ukuyenza.

18. Yintoni onokuyifunda kuMonika?

18 Ukuze abhaptizwe, uMonika ohlala kwilizwe laseGeorgia wasebenza nzima ukuze ayeke ukuthetha izinto ezingcolileyo nokuzonwabisa ngendlela engafanelekanga. Uthi: “Xa ndandisemncinci ndandincedwa kukuthandaza. UYehova wayesazi ukuba ndifuna ukwenza into elungileyo, ngoko wayesoloko endinceda futhi endikhokela.” Xa wayena-16 uMonika wabhaptizwa. Ngaba kukho izinto ekufuneka uyeke ukuzenza ukuze ukhonze uYehova ngendlela ayifunayo? Qhubeka umcela akuphe amandla okukwazi ukuziyeka. UYehova usipha ngesisa umoya wakhe oyingcwele.​—Yoh. 3:34.

UKHOLO LWAKHO LUNOKUSUSA IINTABA

19. Yintoni enokukunceda woyise iingxaki ezifana neentaba? (Jonga nomfanekiso.)

19 Nokuba ziintoni ezenza kube nzima ukuba ubhaptizwe, qiniseka ukuba uYehova uyakuthanda futhi ufuna ube kwintsapho yakhe. UYesu wathi kubafundi bakhe: “Ukuba nje ninokholo olulingana nokhozo lwemostade, ninokuthi kule ntaba, ‘Suka apha uye phaya,’ ize isuke, ibe ayikho into eningenakukwazi ukuyenza.” (Mat. 17:20) Abantu awayethetha nabo babeneminyaka nje embalwa bengabafundi bakhe, kwakusafuneka ukholo lwabo luqine. Ngoko uYesu wabenza baqiniseka ukuba, ukuba babenokuba nokholo olwaneleyo, uYehova wayeza kubanceda boyise iingxaki ezifana neentaba. Nawe uYehova uza kukunceda uyenze loo nto.

Endibanweni iqela elivuyayo labazalwana noodade liqhwabela abantu abadlulayo abasand’ ukubhaptizwa.

Qiniseka ukuba uYehova uyakuthanda futhi ufuna ube kwintsapho yakhe (Jonga isiqendu 19)c


20. AmaKristu okuqala nawangoku ekuthethwe ngawo kweli nqaku akukhuthaza ukuba wenze ntoni?

20 Ukuba kukho izinto ezikwenza ungade ubhaptizwe, sukulibazisa, sebenzela ukukhawuleza uzilungise. Thuthuzelwa uze womelezwe zizinto ozifunde kumaKristu okuqala nawangoku. Mazikukhuthaze zize zikwenze uzinikele kuYehova uze ubhaptizwe. Esi sesona sigqibo sifanelekileyo onokusenza ebomini bakho.

YINTONI OYIFUNDE KULA MAKRISTU OKUQALA NGOKOYISA IINGXAKI EZINOKUKWENZA UNGABHAPTIZWA?

  • AmaSamariya

  • USawule waseTarso noKorneli

  • AmaKorinte

INGOMA 38 Uza Kukomeleza

a Ibali lobomi likaMzalwan’ uTsuyoshi Fujii likuVukani! ka-Agasti 8, 2005, iphe. 28-31.

b Jonga ividiyo ethi ‘Kutheni Ungade Ubhaptizwe?’ kujw.org/xh

c INGCACISO YOMFANEKISO: Abazalwana noodade bamkela abantu abasand’ ubhaptizwa.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share