IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w25 Aprili iphe. 26-31
  • Bazalwana Abasebatsha​​—Linganisani UMarko NoTimoti

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Bazalwana Abasebatsha​​—Linganisani UMarko NoTimoti
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2025
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • NJENGOMARKO​—KULUNGELE UKUKHONZA
  • NJENGOTIMOTI​—BAKHATHALELE NYHANI ABANYE
  • LINOKUKUNCEDA ICEBISO LIKAPAWULOS
  • SIYASIKELELWA XA SINCEDA ABANYE
  • “Ekhuthaza Amabandla”
    ‘Ukushumayela Ngokucokisekileyo’ NgoBukumkani BukaThixo
  • Izigqibo Ezibonisa Ukuba Siyamthemba UYehova
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2023
  • Bazalwana​​—Ngaba Nisebenzela Ukuba Zizicaka Zolungiselelo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2024
  • Khumbula Ukuba UYehova ‘NguThixo Ophilayo’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2024
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2025
w25 Aprili iphe. 26-31

INQAKU ELIFUNDWAYO 18

INGOMA 65 Qhubela Phambili!

Bazalwana Abasebatsha​—Linganisani UMarko NoTimoti

“Ndicela uze noMarko, kuba uyandinceda kumsebenzi wam.”​—2 TIM. 4:11.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Ngendlela ukufunda kuMarko noTimoti okunokubanceda ngayo abazalwana abasebatsha babe neempawu ezifunekayo ukuze bamsebenzele ngaphezu kokuba besenza uYehova, bancede nabazalwana noodade.

1-2. Ziintoni ezazisenokwenza kube nzima kuMarko noTimoti ukumkhonza nangezinye iindlela uYehova?

BAZALWANA abasebatsha, ngaba niyafuna ukumsebenzela ngaphezu kokuba nisenza uYehova, nize nincede abazalwana noodade nangezinye iindlela? Siqinisekile ukuba niyafuna. Kusivuyisa nyhani ukubona abazalwana abaninzi abasebatsha bekulungele ukukhonza abazalwana noodade. (INdu. 110:3) Kodwa kusenokungabi lula. Ngaba uyathandabuza ukumsebenzela ngaphezu kokuba usenza uYehova kuba ungazi ukuba ubomi bakho buza kuba njani? Ngaba wakha wanikwa isabelo, kodwa awavuma ukusenza kuba ungazithembanga? Ukuba uthi ewe, ayinguwe wedwa oziva ngaloo ndlela.

2 UMarko noTimoti babeziva ngaloo ndlela. Ngoxa babengazi ukuba ubomi babo buza kuba njani okanye becinga ukuba abafaneleki, bakhetha ukumsebenzela nangezinye iindlela uYehova. Kusenokwenzeka ukuba xa wayemenywa ukuba ahambe nompostile uPawulos noBharnabhas kuhambo lwabo lokuqala bengabathunywa bevangeli, uMarko wayehlala nomama wakhe kwikhaya elihle. (IZe. 12:​12, 13, 25) UMarko walishiya elo khaya lakhe lihle ukuze amsebenzele nangezinye iindlela uYehova. Waqala waya kuhlala kwa-Antiyokwe. Emva koko wahamba noPawulos noBharnabhas baya kwezinye iindawo ezikude. (IZe. 13:​1-5) Kusenokwenzeka ukuba uTimoti naye wayehlala nabazali bakhe xa uPawulos wamcelayo ukuba aye kushumayela naye. Ekubeni wayesemtsha futhi engenanto ingako ayaziyo, wayesenokungavumi ukuhamba noPawulos kuba engazithembanga. (Thelekisa ama-1 Korinte 16:​10, 11 no-1 Timoti 4:12.) Kodwa wavuma ukuhamba naye. Ngenxa yaloo nto, uYehova wamsikelela kakhulu.​—IZe. 16:​3-5.

3. (a) UPawulos wayemthanda kangakanani uMarko noTimoti? (2 Timoti 4:​6, 9, 11) (Jonga nemifanekiso.) (b) Yeyiphi imibuzo esiza kuyiphendula kweli nqaku?

3 UMarko noTimoti bayifunda besebatsha indlela yokwenza imisebenzi eyahlukahlukeneyo yebandla. UPawulos wayebathanda aba bafana, kangangokuba wayefuna babe kunye naye xa wayebona ukuba sele eza kusweleka. (Funda u-2 Timoti 4:​6, 9, 11.) Zeziphi iimpawu ezamenza wabathanda? Abazalwana abasebatsha banokubalinganisa njani? Amacebiso kaPawulos anokubanceda njani abazalwana abasebatsha?

Imifanekiso: 1. UMarko ulungiselela uPawulos noBharnabhas ukutya nento eselwayo. 2. UTimoti ufundela abadala abammamele kakuhle ileta.

Ukwenza imisebenzi yebandla besebancinci kwenza uMarko noTimoti bathandwa nguPawulos (Jonga isiqendu 3)b


NJENGOMARKO​—KULUNGELE UKUKHONZA

4-5. UMarko wabonisa njani ukuba uyakufuna ukunceda abantu?

4 Ukukhonza abanye kunokuthetha ukusebenza nzima ukuze ubancede, nokungayeki ukuyenza loo nto naxa kunzima. Loo nto siyibona kwinto eyenziwa nguMarko. Xa uPawulos engazange afune ukuhamba naye kuhambo lwabo lwesibini bengabathunywa bevangeli, inoba uMarko wayebuhlungu futhi ephoxekile. (IZe. 15:​37, 38) Kodwa loo nto ayizange imenze ayeke ukunceda abazalwana noodade.

5 UMarko waya kukhonza kwenye indawo nomzala wakhe uBharnabhas. Malunga neminyaka eyi-11 emva koko, waba phakathi kwabantu abanceda uPawulos xa wayeqala ukuvalelwa eRoma. (Filem. 23, 24) UPawulos wayixabisa indlela awayemnceda ngayo uMarko kangangokuba wathi ‘uyamthuthuzela.’​—Kol. 4:​10, 11.

6. Kwamnceda njani uMarko ukuvana namaKristu awayeneminyaka emininzi ethembekile kuYehova? (Jonga umbhalo osemazantsi.)

6 UMarko wancedwa kukuvana kakhulu namaKristu awayeneminyaka emininzi ethembekile kuYehova. Emva kwexesha ekunye noPawulos eRoma, uMarko waya kuba kunye nompostile uPetros eBhabhiloni. Bavana kakhulu kangangokuba uPetros wayesithi xa ethetha ngaye, ‘uMarko unyana wam.’ (1 Pet. 5:13) Njengoko babesebenza kunye, kusenokwenzeka ukuba uPetros wabalisela lo mhlobo wakhe usemtsha izinto ezininzi ezenza umdla ngobomi bukaYesu nangemisebenzi yakhe, kangangokuba ekuhambeni kwexesha wazibhala ezo zinto kwincwadi yakhe yeVangeli.a

7. Omnye umzalwana osemtsha, uSeung-Woo, wamlinganisa njani uMarko? (Jonga nomfanekiso.)

7 UMarko wahlala exakekile ekhonza uYehova, esondele nakubazalwana ababeneminyaka bethembekile. Unokumlinganisa njani uMarko? Ukuba kukho indlela owawufuna ukumkhonza ngayo uYehova, awakwazi, sukutyhafa. Hlala ukhangela ezinye iindlela zokumkhonza nezokunceda ibandla. Ikhona into onokuyifunda kuSeung-Woo ongumdala ngoku. Xa wayesengumfana, wayezithelekisa nabanye abazalwana abalingana naye. Ebandleni, abanye babo babesenza imisebenzi awayengekayenzi yena. USeung-Woo wabona ngathi akahoywanga de waxelela abadala indlela awayeziva ngayo. Omnye umdala wamcebisa ukuba abancede ngaloo ndlela akwaziyo ukubanceda ngayo abanye, nokuba ngamanye amaxesha akabonwa. Elo cebiso lakhuthaza uSeung-Woo ukuba ancede abantu abakhulileyo, nabo babengenamoto yokuya kwiintlanganiso. Xa ecinga ngaloo maxesha uthi: “Ndatsho ndaqonda ukuba kuthetha ukuthini ukukhonza uYehova nokunceda abazalwana noodade. Ndayibona indlela okuvuyisa ngayo ukunceda abanye.”

Umzalwana osemtsha usa umzalwana okhulileyo kwiintlanganiso ngemoto.

Ukuchitha ixesha nabazalwana abaneminyaka bethembekile kuYehova kubanceda njani abazalwana abasebatsha? (Jonga isiqendu 7)


NJENGOTIMOTI​—BAKHATHALELE NYHANI ABANYE

8. Kwakutheni ukuze uPawulos afune ukuhamba noTimoti? (Filipi 2:​19-22)

8 UPawulos wayefuna ukuhamba nabantu abanesibindi xa wayebuyela kwizixeko awayengafunwa kuzo. Waqala wacela umzalwana owayesele eneminyaka ekhonza uYehova, uSilas, ukuba ahambe naye. (IZe. 15:​22, 40) Ekuhambeni kwexesha, wacela uTimoti. Kwakutheni ukuze afune ukuhamba noTimoti? Kungenxa yokuba abazalwana babethetha kakuhle ngaye. (IZe. 16:​1, 2) Wayebakhathalele nyhani nabantu.​—Funda amaFilipi 2:​19-22.

9. Yintoni eyenziwa nguTimoti eyayibonisa ukuba ubakhathalele nyhani abazalwana noodade?

9 Esaqala nje ukusebenza noPawulos, uTimoti wabonisa ukuba ubakhathalele kakhulu abanye kunesiqu sakhe. Loo nto yenza uPawulos wamthemba kakhulu, waza wamshiya eBhereya ukuze akhuthaze abantu ababesand’ ukuba ngabafundi. (IZe. 17:​13, 14) Ngelo xesha, uTimoti umele ukuba wafunda into eninzi kuSilas, naye owayeshiyeke eBhereya. Ekuhambeni kwexesha, uPawulos wamthuma yedwa uTimoti ukuba aye eTesalonika, ayokomeleza amaKristu alapho. (1 Tes. 3:2) Kangangeminyaka emalunga neyi-15 emva koko, uTimoti wafunda ‘ukulila nabantu ababelila,’ ebavela abo babesezintlungwini. (Roma 12:15; 2 Tim. 1:4) Abafana abangamaKristu banokumlinganisa njani uTimoti?

10. Yintoni eyanceda uWoo Jae wakwazi ukubakhathalela kakhulu abanye abantu?

10 Umzalwana onguWoo Jae wafunda ukubakhathalela kakhulu abanye. Xa wayesengumfana, kwakunzima kuye ukuncokola nabazalwana noodade abadala kunaye. Wayevele ababulise, akugqiba abashiye. Omnye umdala wamcebisa ukuba aqalise incoko ngokubaxelela izinto azithandayo kubo. Wamkhuthaza nokuba acinge ngezinto abanokuba nomdla kuzo. Wayenza ke loo nto uWoo Jae. UWoo Jae ongumdala ngoku, uthi: “Ngoku kulula ukuncokola nabantu abaneminyaka eyahlukeneyo. Ndivuyiswa kukuba ngoku ndiziqonda bhetele iingxaki abanazo abantu. Le nto indenze ndakwazi ukubanceda kakuhle abazalwana noodade.”

11. Ziintoni ezinokwenziwa ngumzalwana osemtsha ezibonisa ukuba unomdla kwabanye abantu abasebandleni lakhe? (Jonga nomfanekiso.)

11 Ukuba ungumzalwana osemtsha, nawe unokufunda ukuba nomdla kwabanye abantu. Xa ukwiintlanganiso, ncokola nabo bonke abantu nokuba badala okanye bancinci, basuka phi okanye bakhule njani. Babuze ukuba banjani uze ubamamele. Loo nto iza kukunceda wazi ukuba unokubanceda phi. Mhlawumbi uza kubona ukuba kukho utamkhulu nomakhulu abadinga ukufundiswa indlela yokusebenzisa iJW Library. Okanye usenokubona ukuba akukho mntu baza kuya naye entsimini. Ngaba unokubanceda bakwazi ukusebenzisa iifowuni neethabhlethi zabo okanye uye nabo entsimini? Xa unceda abantu nokuba abakakuceli, nabanye ebandleni baza kufunda kuwe.

Umzalwana osemtsha ushumayela nomzalwana okhulileyo kwindlu ngendlu. Lo mzalwana ukhulileyo uncokola nenye indoda, ngoxa lo usemtsha embambele ithabhlethi edlala ividiyo.

Abazalwana abasebatsha banokulinceda ngeendlela ezininzi ibandla (Jonga isiqendu 11)


LINOKUKUNCEDA ICEBISO LIKAPAWULOS

12. Yintoni abanokuyenza abazalwana abasebatsha ukuze abancede amacebiso uPawulos awawanika uTimoti?

12 UPawulos wacebisa uTimoti ngezinto ezaziza kumnceda ebomini nakumsebenzi wakhe wokushumayela. (1 Tim. 1:18; 2 Tim. 4:5) Ukuba ungumzalwana osemtsha, anokukunceda njani amacebiso kaPawulos? Xa ufunda iileta ezimbini uPawulos awazibhalela uTimoti, mayibe ngathi wayezibhalela wena, ubone nokuba amacebiso akuzo unokuwasebenzisa njani ebomini bakho. Nantsi imizekelo embalwa.

13. Yintoni enokusinceda sinyaniseke kuYehova?

13 “Ziqeqeshe, uzimisele ukuzinikela ngokupheleleyo kuThixo.” (1 Tim. 4:7b) Unjani umntu ozinikele ngokupheleleyo kuThixo? Unyanisekile kuYehova, futhi ufuna ukwenza izinto ezimvuyisayo. Asizalwanga nalo olu phawu, ngoko kufuneka sisebenzele ukuba nalo. Njani? Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ziqeqeshe” lalidla ngokusetyenziswa xa kuchazwa indlela abadlali abaprekthiza nzima ngayo xa belungiselela ukhuphiswano. Aba badlali kwakufuneka baziqhelise ukwenza izinto ezaziza kubanceda baphumelele. Nathi kufuneka siziqhelise ukwenza izinto eziza kusinceda sisondele kuYehova.

14. Sifanele sibe yintoni isizathu sokuba ufunde iBhayibhile? Yenza umzekelo.

14 Njengoko uziqhelisa ukufunda iBhayibhile yonke imihla, khumbula ukuba loo nto uyenza kuba ufuna ukusondela kuYehova. Ngokomzekelo, yintoni onokuyifunda kwibali likaYesu nomfana owayengumlawuli, esiso nesityebi? (Marko 10:​17-22) Lo mfana wayeqinisekile ukuba uYesu nguMesiya, kodwa engenalo ukholo lokuba ngumlandeli wakhe. Sekunjalo, uYesu ‘wamthanda.’ Inoba uyithanda nyhani indlela uYesu awathetha ngayo naye. Kucacile ukuba uYesu wayefuna enze isigqibo esifanelekileyo. Wayebonisa nendlela uYehova amthanda ngayo lo mfana. (Yoh. 14:9) Njengoko ucinga ngeli bali nangeemeko zakho, zibuze, ‘Yintoni ekufuneka ndiyenze ukuze ndisondele kuYehova, ndincede nabantu ngaphezu kokuba ndisenza?’

15. Kutheni umzalwana osemtsha emele abe ngumzekelo omhle kwabanye? Yenza umzekelo. (1 Timoti 4:​12, 13)

15 “Yiba ngumzekelo kwabo bathembekileyo.” (Funda u-1 Timoti 4:​12, 13.) UPawulos wakhuthaza uTimoti ukuba asebenzele ukukwazi ukufunda nokufundisa kakuhle, abe nazo neempawu ezifana nothando, ukholo nokuziphatha kakuhle. Kwakutheni? Abantu banomdla kakhulu kwizinto ozenzayo kunozithethayo. Masithi wabelwe intetho ethetha ngendlela onokuyikhuthalela ngayo intsimi. Ukuba nawe uyikhuthalele intsimi, uza kuyenza ukhululekile le ntetho. Xa abantu abakumameleyo besazi ukuba le nto uthetha ngayo uyayenza, baza kutsho bafune ukuyenza nabo.​—1 Tim. 3:13.

16. (a) Zeziphi izinto eziyi-4 anokuba ngumzekelo kuzo umKristu osemtsha? (b) Ziintoni anokuzenza umzalwana osemtsha ukuze abe ngumzekelo kwindlela athetha ngayo?

16 Ku-1 Timoti 4:​12, uPawulos uthetha ngezinto eziyi-4 umzalwana osemtsha anokuba ngumzekelo kuzo. Kutheni ungakhe ufunde ngento nganye kwezi? Masithi ufuna ukuba ngumzekelo omhle kwindlela ‘othetha’ ngayo. Cinga ngendlela ezinokubakhuthaza ngayo abantu izinto ozithethayo. Ukuba usahlala nabazali bakho, ungakwazi ukuhlala ubabulela ngezinto abakwenzela zona? Emva kweentlanganiso, ungamxelela umntu obenentetho ukuba uthande ntoni kuyo? Enye into onokuzama ukuyenza kukuphendula ngamazwi akho kwiintlanganiso. Xa usebenza nzima uzama ukuba ngumzekelo kwindlela othetha ngayo, abanye baza kubona ukuba uhambela phambili.​—1 Tim. 4:15.

17. Yintoni eza kunceda umzalwana osemtsha azenze izinto azimisele ukuzenzela uYehova? (2 Timoti 2:22)

17 “Sukunqwenela izinto zobutsha, kunoko funa ubulungisa.” (Funda u-2 Timoti 2:22.) UPawulos wakhuthaza uTimoti ukuba alwe neminqweno eyayinokumphazamisa kwizinto awayefuna ukuzenzela uYehova, neyayinokumosha ubuhlobo bakhe noThixo. Usenokubona ukuba uchitha ixesha elininzi, usenza izinto ezingekho rongo, kodwa ezikushiya ungenaxesha lingako lokwenza izinto ezithandwa nguThixo. Ngokomzekelo, cinga ngexesha olichitha kwimidlalo, kwi-intanethi okanye kwiivideo games. Ngaba elinye kwelo xesha ungalisebenzisela ukukhonza uYehova nokunceda abanye? Mhlawumbi unokuncedisa xa kulungiswa iHolo YoBukumkani okanye ushumayele ngetroli. Xa usenza ezi zinto, unokufumana abahlobo abatsha, abaza kukunceda umsebenzele ngaphezu kokuba usenza uYehova.

SIYASIKELELWA XA SINCEDA ABANYE

18. Kutheni sinokuthi kwaye kwenzeka izinto ezivuyisayo ebomini bukaMarko noTimoti?

18 UMarko noTimoti batshintsha izinto ezininzi ebomini babo ukuze bancede abazalwana noodade nangezinye iindlela. Ngenxa yaloo nto, ebomini babo kwenzeka izinto ezivuyisayo. (IZe. 20:35) UMarko waya kwiindawo ezikude ukuze ancede abazalwana noodade. Wabhala nencwadi emnandi ethetha ngobomi bukaYesu nangomsebenzi awayewenza. UTimoti wanceda uPawulos ekumiseleni amabandla nasekukhuthazeni abazalwana noodade. Ngokuqinisekileyo ukuzincama kukaMarko noTimoti kwamvuyisa uYehova.

19. Kutheni abazalwana abasebatsha befanele bazenze izinto uPawulos awazicebisa uTimoti? Kuza kubanceda njani ukuzenza?

19 Iileta uPawulos awazibhalela uTimoti zenza kucace ukuba wayemthanda lo mhlobo wakhe wayesemtsha. Ekubeni yayinguYehova owaphefumlela uPawulos ukuba abhale ezi leta, izinto esizifunda kuzo zibonisa ukuba uYehova uyanithanda nani bazalwana abasebatsha. Ufuna nikonwabele ukumkhonza. Ngoko zamani ngamandla ukuzenza izinto ezacetyiswa nguPawulos, nize nimsebenzele ngaphezu kokuba nisenza uYehova, nincede nabazalwana noodade. Loo nto iza kunenza nonwabe ngoku, ‘nifumane nobomi benene’ kwixesha elizayo.​—1 Tim. 6:​18, 19.

KHAWUTSHO

  • Yintoni oyifundileyo kuMarko?

  • Unokumlinganisa njani uTimoti ukuze ubonise ukuba ubakhathalele nyhani abanye?

  • Leliphi icebiso likaPawulos elinokunceda umzalwana osemtsha ahambele phambili?

INGOMA 80 “Ziboneleni Nizivele Ukuba UYehova Ulungile”

a UPetros wayesoloko eyibonakalisa indlela aziva ngayo. Ngenxa yaloo nto, umele ukuba wakwazi ukumcacisela kakuhle uMarko indlela uYesu awayeziva ngayo nezinto awayezenza kwiimeko ezahlukeneyo. Loo nto inokusenza sicace isizathu sokuba kwincwadi yakhe uMarko esoloko ethetha ngendlela uYesu awayeziva ngayo nangezinto awayezenza.​—Marko 3:5; 7:34; 8:12.

b INGCACISO YOMFANEKISO: UPawulos noBharnabhas bakuhambo lwabo bengabathunywa bevangeli. UMarko ubanceda ngezinto abazidingayo. UTimoti utyelela ibandla ukuze omeleze aze akhuthaze abazalwana.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share