INTO ONOKUYENZA XA UFUNDA
Funda Kwimifanekiso
Iincwadi zethu zinemifanekiso esifundisa izinto ezibalulekileyo. Sinokuyisebenzisa njani le mifanekiso ukuze isincede?
Ngaphambi kokuba ufunde inqaku, jonga imifanekiso. Inokusenza sibe nomdla wokulifunda inqaku. Kufana naxa ubona ukutya okumnandi. Uye urhalele ukukutya. Ngoko zibuze, ‘Ndibona ntoni?’—Amosi 7:7, 8.
Njengoko ulifunda inqaku, cinga ukuba kutheni kusetyenziswe lo mfanekiso. Funda amagama angakumfanekiso okanye ingcaciso yomfanekiso ukuba ikhona. Cinga ukuba lo mfanekiso udibana njani neli nqaku ulifundayo, nokuba into oyifunda kuwo unokuyisebenzisa njani ebomini bakho.
Wakugqiba ukufunda inqaku, sebenzisa imifanekiso ukuze ukhumbule izinto ezibalulekileyo elithetha ngazo. Emva koko cimela, uze uzame ukukhumbula imifanekiso nezinto ekufundisa zona.
Kutheni ungajongi imifanekiso ekule magazini uze ubone ukuba usayikhumbula na into ekufundisa yona?