INQAKU ELIFUNDWAYO 22
INGOMA 15 Zukisa Izibulo LikaYehova!
Igama LikaYehova Libaluleke Kangakanani KuYesu?
“Ndibafundisile ngegama lakho, ibe ndiza kuqhubeka ndibafundisa.”—YOH. 17:26.
SIZA KUTHETHA NGANTONI?
Ngendlela uYesu awabafundisa ngayo abantu ngegama likaYehova, nendlela awalingcwalisa waza walithethelela ngayo.
1-2. (a) Yintoni awayenzayo uYesu ngobusuku bokugqibela ngaphambi kokuba abulawe? (b) Yeyiphi imibuzo eza kuphendulwa kweli nqaku?
KWAKUSEMVA kokutshona kwelanga ngoLwesine, ngoNisan 14, 33 C.E. UYesu wayeza kujikelwa, agwetywe, angcungcuthekiswe aze abulawe. Wayegqib’ okwenza iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa kwigumbi eliphezulu nabapostile bakhe abathembekileyo. Emva kweso Sidlo wabakhuthaza. Ngaphambi nje kokuba bahambe, wakha wathula, waza wenza umthandazo obaluleke kakhulu. Umpostile uYohane wawubhala loo mthandazo. UkuYohane isahluko 17.
2 Umthandazo kaYesu wabonisa ukuba ziintoni awayenexhala lazo ngela xesha? Loo mthandazo wayibonisa njani eyona nto yayibalulekile kuye xa wayelapha emhlabeni? Ngoku makhe siphendule le mibuzo.
“NDIBAFUNDISILE NGEGAMA LAKHO”
3. UYesu wathini ngegama likaYehova? Wayethetha ukuthini? (Yohane 17:6, 26)
3 Xa uYesu wayethandaza wathi: “Ndibafundisile ngegama lakho.” Phofu watsho kabini ukuba ubafundisile abafundi bakhe ngegama likaYehova. (Funda uYohane 17:6, 26.) Wayethetha ukuthini? Ngaba wayebaxelele ngegama ababengalazi? Abafundi bakhe babengamaYuda, ngoko babesazi ukuba igama likaThixo nguYehova. Eli gama livela phantse kayi-7 000 kwiZibhalo ZesiHebhere. Ngoko uYesu wayengathethi ukuthi ubafundise ukuba ngubani igama likaThixo, kodwa wayebafundise ukuba unguThixo onjani. Eyona nto wabafundisa yona yayisisizathu sokuba uYehova adale umhlaba nabantu, izinto azenzileyo naseza kuzenza, neempawu anazo. Kaloku uYesu nguye yedwa omazi kakuhle ngolo hlobo uTata wakhe.
4-5. (a) Yintoni enokulenza libaluleke kakhulu igama lomntu kuthi? Yenza umzekelo. (b) Yintoni eyalenza labaluleka kakhulu igama likaYehova kubafundi bakaYesu?
4 Masithi kukho umdala ongugqirha ebandleni okulo. Igama laloo mdala nguDavid. Sekuyiminyaka emininzi umazi. Kodwa ngenye imini wena ugulela ukufa, uze ubalekiselwe kwisibhedlele asebenza kuso. Xa ufika uhoywa ngulo mzalwana, aze asindise ubomi bakho. Ngaba le nto ayilenzi libaluleke nakakhulu igama lalo mzalwana kuwe? Ngokuqinisekileyo kunjalo. Kaloku uDavid akasengomdala nje omaziyo, ukwanguye nogqirha osindise ubomi bakho.
5 Ngendlela efanayo, abafundi bakaYesu babesele belazi igama likaYehova. Kodwa ngenxa yokuba uYesu wabanceda bamazi bhetele uYehova, latsho labaluleka kakhulu igama lakhe kubo. Kutheni sisitsho? Kaloku yonke into awayeyithetha nawayeyenza uYesu yayibonisa ukuba ungumntu onjani uTata wakhe. Ngoko abapostile baye bamazi bhetele uYehova ngokumamela indlela uYesu awayefundisa ngayo, nokubukela indlela awayebaphatha ngayo abantu.—Yoh. 14:9; 17:3.
‘IGAMA LAKHO ONDINIKE LONA’
6. Wayethetha ukuthini uYesu xa wayesithi igama likaYehova linikwe yena? (Yohane 17:11, 12)
6 Xa uYesu wayethandazela abafundi bakhe wathi: “Ndicela ubagade ngenxa yegama lakho ondinike lona.” (Funda uYohane 17:11, 12.) Ngaba le nto ithetha ukuba ngoku uYesu wayeza kwaziwa ngokuba nguYehova? Hayi. Qaphela ukuba kumthandazo wakhe, xa uYesu ethetha ngegama elithi Yehova uthi ‘igama lakho.’ Ngoko igama likaYehova alizange libe ligama likaYesu. Wayethetha ukuthini ke uYesu xa wayesithi igama likaThixo linikwe yena? Okokuqala, uYesu wayemela uYehova futhi emthethela. Weza egameni likaTata wakhe, wenza nemimangaliso egameni Lakhe. (Yoh. 5:43; 10:25) Okwesibini, igama elithi Yesu lithetha ukuba “uYehova Ulusindiso.” Ngoko igama likaYesu linento yokwenza negama likaYehova.
7. Yenza umzekelo wendlela uYesu awayenokukwazi ngayo ukuthetha egameni likaYehova.
7 Ukuze uqonde ukuba kwakutheni ukuze uYesu akwazi ukuthethela uYehova, cinga ngalo mzekelo: Umntu ophetheyo unokuthuma omnye umntu ukuba aye kumthethela nabantu. Ngoko izinto ezithethwa ngulo mntu uthunyiweyo iba ngathi zithethwa ngula mntu uphetheyo. Ngokufanayo, uYesu wamela uYehova waza wathetha nabantu egameni Lakhe.—Mat. 21:9; Luka 13:35.
8. Igama likaYehova lalikuYesu njani ngaphambi kokuba aze emhlabeni? (Eksodus 23:20, 21)
8 UYesu kuthiwa nguLizwi kuba uYehova usebenzisa yena xa efuna ukuxelela iingelosi okanye abantu izinto afuna bazenze okanye bazazi. (Yoh. 1:1-3) Inoba uYesu yilaa ngelosi yathunywa nguYehova ukuba incede amaSirayeli xa ayefuduka. Xa wayewaxelela ukuba ayithobele le ngelosi, uYehova wathi: “Kuba igama lam likuyo.”a (Funda iEksodus 23:20, 21.) Ngala mazwi uYehova wayewaxelela ukuba uYesu umela Yena. Ngoyena mntu ulithethelelayo nolingcwalisayo igama likaTata wakhe.
“TATA, LIZUKISE IGAMA LAKHO”
9. Lalibaluleke kangakanani igama likaYehova kuYesu? Cacisa.
9 Njengoko sesifundile, igama likaYehova lalibaluleke kakhulu kuYesu nangaphambi kokuba eze emhlabeni. Yiloo nto xa wayelapha emhlabeni zonke izinto awayezenza zazibonisa indlela elibaluleke ngayo igama likaYehova kuye. Xa wayeza kufa, wakhwaza esithi: “Tata, lizukise igama lakho.” Ngoko nangoko uTata wakhe wamphendula ngelizwi elavakala ngathi ziindudumo liphuma ezulwini, lisithi: “Ndilizukisile, ibe ndiza kuphinda ndilizukise.”—Yoh. 12:28.
10-11. (a) UYesu walizukisa njani igama likaYehova? (Jonga nomfanekiso.) (b) Kwakutheni ukuze kufuneke ukuba igama likaYehova lingcwaliswe lize lithethelelwe?
10 NoYesu walizukisa igama likaTata wakhe. Wayenza njani loo nto? Enye indlela awayenza ngayo kukuxelela abantu ngeempawu ezithandekayo zikaTata wakhe, nangezinto azenzileyo. Kodwa zikhona nezinye izinto awazenzayo ukuze alizukise. Kwakufuneka angcwalise igama likaYehova aze amthethelele.b Wabonisa indlela ebaluleke ngayo le nto xa wayefundisa abalandeli bakhe ukuthandaza. Wathi: “Tata wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho.”—Mat. 6:9.
11 Kutheni igama likaYehova kufuneka lingcwaliswe lize lithethelelwe? Kungenxa yokuba kwigadi yase-Eden uSathana uMtyholi wathetha kakubi ngoYehova uThixo exoka. Wathi uYehova lixoki futhi uvimba uAdam noEva into elungileyo. (Gen. 3:1-5) Wayefuna kubonakale ngathi uYehova akalawuli kakuhle. Ezo zityholo zamenza waduma kakubi uYehova okanye zalingcolisa igama lakhe. Kanti ngemihla kaYobhi, uSathana wathi abantu bakhonza uYehova ngenxa nje yezinto abanika zona. Lo mhlebi wade wathi akakho umntu omthanda nyhani uYehova kangangokuba angade ahlale emkhonza nokuba sekunzima. (Yobhi 1:9-11; 2:4) Ngoko kwakufuneka ixesha lokubonisa ukuba ngubani kanye kanye olixoki, nguYehova okanye nguSathana?
UYesu wafundisa abalandeli bakhe indlela ekubaluleke ngayo ukungcwalisa igama likaThixo (Jonga isiqendu 10)
“NDINCAMA UBOMI BAM”
12. Yintoni uYesu awayekulungele ukuyenza ngenxa yokuba ethanda igama likaYehova?
12 Ngenxa yokuba emthanda uYehova, uYesu wayefuna ukwenza konke okusemandleni akhe ukuze angcwalise aze athethelele igama Lakhe. Wathi: “Ndincama ubomi bam.” (Yoh. 10:17, 18) Kaloku wayekulungele nokulifela igama likaYehova.c Abantu bokuqala ababengenasono, uAdam noEva, bakhetha ukumjikela uYehova, balandela uSathana. Kodwa yena uYesu wayekulungele ukuza emhlabeni aze abonise indlela amthanda ngayo uYehova. Le nto wayenza ngokuthobela uYehova kuzo zonke izinto awayezenza nawayezithetha. (Heb. 4:15; 5:7-10) Wahlala engagungqi ubomi bakhe bonke de wafa kwisibonda sokungcungcutheka. (Heb. 12:2) Ngokwenza loo nto, wabonisa ukuba uyamthanda uYehova negama Lakhe.
13. Kutheni uYesu wayengoyena mntu ufanelekileyo wokubonisa ukuba uSathana lixoki? (Jonga nomfanekiso.)
13 Zonke izinto awazenzayo uYesu zabonisa ngokucacileyo ukuba nguSathana ixoki, ayingoYehova. (Yoh. 8:44) Kubo bonke abantu abakha baphila, akakho umntu owayesazi uYehova njengoYesu. Ukuba yayikhona into eyinyani kwizinto uSathana awayemtyhola ngazo uYehova, uYesu wayeza kuyazi. Kodwa zange agungqe nakanye ekuthetheleleni igama likaYehova, nto leyo ebonisa ukuba wayesazi ukuba ezo zityholo zibubuxoki. Naxa kwakubonakala ngathi uYehova umshiyile, uYesu wayekulungele ukufa kunokuba ajikele uTata wakhe amthandayo.—Mat. 27:46.d
Zonke izinto awazenzayo uYesu zabonisa ngokucacileyo ukuba nguSathana ixoki, ayingoYehova (Jonga isiqendu 13)
‘NDIWUGQIBILE UMSEBENZI OBUNDINIKE WONA’
14. UYehova wamsikelela njani uYesu ngenxa yokuthembeka kwakhe?
14 Kumthandazo awawenza kubusuku bangaphambi kokuba afe, uYesu wathi: ‘Ndiwugqibile umsebenzi obundinike wona.’ Wayeqinisekile ukuba uYehova wayeza kumsikelela ngenxa yokuthembeka kwakhe. (Yoh. 17:4, 5) Nyhani ke uYesu zange aphoxeke. (IZe. 2:23, 24) UYehova zange amvumele ukuba ahlale engcwabeni. Wamvusa waza wambeka kwisikhundla esiphezulu ezulwini. (Fil. 2:8, 9) Ekuhambeni kwexesha, uYesu waba nguKumkani kuBukumkani BukaThixo. Babuza kwenza ntoni obo Bukumkani? UYesu wawuphendula lo mbuzo xa wayefundisa abafundi bakhe ukuthandaza. Wathi: “Mabufike uBukumkani bakho. Makwenzeke nasemhlabeni ukuthanda kwakho [Yehova], njengasezulwini.”—Mat. 6:10.
15. Zeziphi ezinye izinto eziza kwenziwa nguYesu?
15 Selisondele ixesha lokuba uYesu alwe neentshaba zikaThixo aze azitshabalalise kwimfazwe yeArmagedon. (ISityhi. 16:14, 16; 19:11-16) Kungekudala emva koko, uSathana uza kuphoswa ‘kumngxuma ongenasiphelo,’ afane nomntu ofileyo ekungekho nto akwaziyo ukuyenza. (ISityhi. 20:1-3) KwiMinyaka Eliwaka Yokulawula kwakhe, uYesu uza kwenza kubekho uxolo emhlabeni, aze ancede nasekwenzeni isono siye siphela ebantwini. Uza kubavusa abantu abaswelekileyo, enze wonke umhlaba ube yiparadesi. Kuza kwenzeka into uYehova awayefuna yenzeke.—ISityhi. 21:1-4.
16. Ubomi buza kuba njani xa kuphela iMinyaka Eliwaka Yokulawula kukaKristu?
16 Yintoni esinokulindela ukuba yenzeke xa kuphela iMinyaka Eliwaka Yokulawula kukaYesu? Abantu baza kube bengenasono. Akuzukubakho sizathu sokuba bacele ukuxolelwa izono zabo egameni likaYesu; bengazukudinga nomlamli okanye i-144 000. “Utshaba lokugqibela oluza kupheliswa kukufa [okwabangelwa nguAdam].” Amangcwaba aza kube engenabantu kuba abantu abaswelekileyo baza kube bevusiwe. Wonke umntu emhlabeni uza kube engenasono.—1 Kor. 15:25, 26.
17-18. (a) Kuza kwenzeka ntoni ekupheleni kweMinyaka Eliwaka Yokulawula KukaKristu? (b) Yintoni aza kuyenza uYesu xa kuphela ixesha lokulawula kwakhe? (1 Korinte 15:24, 28) (Jonga nomfanekiso.)
17 Yeyiphi enye into eza kwenzeka xa kuphela iMinyaka Eliwaka Yokulawula KukaKristu? Kanye ngelo xesha, kuza kwenzeka enye into ebaluleke kakhulu. Bonke abantu baza kuyeka ukuthandabuza ukuba uYehova ungcwele nokuba nguThixo onobulungisa. Kutheni sisitsho? Kaloku kwigadi yase-Eden uSathana wathi uYehova lixoki futhi akabathandi abantu abalawulayo. Ukususela ngoko, abantu abahlonipha uYehova baye balingcwalisa kaninzi igama Lakhe. Ngoko ekupheleni kweMinyaka Eliwaka Yokulawula KukaKristu, uYehova uza kube ethethelelwe ngokupheleleyo. Uza kube enze kwacaca kubo bonke abantu ukuba unguTata osezulwini osithandayo.
18 Ekugqibeleni wonke umntu uza kube esazi ukuba izinto uSathana awazithetha ngoYehova zazibubuxoki. Yintoni aza kuyenza uYesu xa kuphela ixesha lokulawula kwakhe? Ngaba uza kufana noSathana, ajikele uYehova? Soze. (Funda ama-1 Korinte 15:24, 28.) Uza kubuyisela uBukumkani kuTata wakhe. Uza kuzithoba kulawulo lukaYehova. UYesu akafani noSathana, umthanda kakhulu uYehova kangangokuba ukulungele ukuncama yonke into.
Ekupheleni kweMinyaka Eliwaka Yokulawula kwakhe, uYesu ubuyisela uBukumkani kuYehova (Jonga isiqendu 18)
19. Libaluleke kangakanani igama likaYehova kuYesu?
19 Ayisimangalisi into yokuba uYehova walinika uYesu igama lakhe. Indlela uYesu awayezenza nawayezithetha ngayo izinto yayingathi zenziwa futhi zithethwa nguYehova ngokwakhe. Ngoko libaluleke kangakanani igama likaYehova kuYesu? Libaluleke ngaphezu kwayo nantoni na. Wayekulungele ukulifela, uza kukulungela nokubuyisela zonke izinto kuYehova ekupheleni kweMinyaka Eliwaka Yokulawula kwakhe. Sinokumlinganisa njani uYesu? Lo mbuzo uza kuphendulwa kwinqaku elilandelayo.
INGOMA 16 Dumisani UYehova Ngenxa YoBukumkani Bakhe
a Ngamanye amaxesha neengelosi bezimela uYehova xa zidlulisa imiyalezo evela kuye. Yiloo nto ngamanye amaxesha eBhayibhileni kukhe kuthiwe kuthetha uYehova ngoxa iyingelosi ethethayo. (Gen. 18:1-33) Ngoxa iZibhalo zisithi uMoses wafumana uMthetho kuYehova, ezinye iivesi zibonisa ukuba uYehova wasebenzisa iingelosi ukuze adlulisele loo Mthetho.—Lev. 27:34; IZe. 7:38, 53; Gal. 3:19; Heb. 2:2-4.
b AMAGAMA ACACISIWEYO: ‘Ukungcwalisa’ kuthetha ukuzukisa, ukujonga umntu okanye into njengengcwele, okanye ukuhlonipha kakhulu. ‘Ukuthethelela’ kuthetha ukubonisa ukuba izinto ezithethwayo ngomntu zibubuxoki futhi akanatyala.
c Ukufa kukaYesu kuye kwanika abantu nethuba lokufumana ubomi obungunaphakade.
d Jonga inqaku elithi “Imibuzo Evela Kubafundi” kwiMboniselo ka-Aprili 2021, iphe. 30-31.