ICEBISO LEZINTO ONOKUZENZA XA UFUNDA
Iindlela Ezinokusinceda Ngazo Iimbekiselo
Iimbekiselo ezikwiZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha zibonisa indlela evisisana ngayo iBhayibhile ngokukusa kwezinye izibhalo ezikuchazela nezinye izinto ngaloo nto uyifundayo. Iimbekiselo zibonakala ngonobumba omncinci osecaleni kwegama. Ukuze ufumane ezinye izibhalo ezithetha ngaloo nto uyifundayo, kwiiBhayibhile eziprintiweyo khangela unobumba ofana nalowo esiphakathini selo phepha, kanti kujw.org okanye kuJW Library, cofa unobumba osecaleni kwegama.
Iimbekiselo zinokukusa kwenye yezi zinto zilandelayo nakwezinye:
Ingxelo Efanayo: Imbekiselo ekusa kwenye incwadi yeBhayibhile enengxelo efanayo nale uyifundayo. Ngokomzekelo, jonga u-2 Samuweli 24:1 nezi-1 Kronike 21:1.
Into Ecatshulweyo: Imbekiselo ebonisa isibhalo ecatshulwe kuso loo nto ithethwayo. Ngokomzekelo, jonga uMateyu 4:4 neDuteronomi 8:3.
Isiprofeto esenzekileyo: Imbekiselo ekusa kwisibhalo esibonisa ukuba yenzeka loo nto yayiprofetiwe, jonga uMateyu 21:5 noZekariya 9:9.