Iimbalasane Zonyaka Odluleyo
Iindibano zamaNgqina kaYehova zaminyaka le zezinye zeziganeko ezibalaseleyo zonyaka. Uthotho lweendibano zesithili ezaqala phakathi kowe-1999 zazinomxholo othi “ILizwi LikaThixo Lesiprofeto.” Olu cwangciso lwagxininisa ukubaluleka kokufunda iBhayibhile imihla ngemihla kwaza oku kwabethelelwa kumdlalo oquka ibali likaYakobi noEsawu. Iintetho zaquka amagqabantshintshi eziprofeto ezifumaneka kwincwadi kaDaniyeli nengxubusho eneenkcukacha yencwadi kaHabhakuki. Olu cwangciso lwabalaselisa ukusondela kwesiphelo sale nkqubo indala. Ngaphandle kokuxubusha ngomsebenzi wokushumayela owenziwayo ngoku, lwatsalela ingqalelo yethu kumathemba achukumisayo kaYehova ‘okwenza zonke izinto zibe ntsha.’—ISityhi. 21:5.
Ababekho kule ndibano bavuya ukufumana incwadi entsha ngeelwimi ezingama-47 ethi, Nikela Ingqalelo Kwisiprofeto SikaDaniyeli! EKorea bavuya nangakumbi—ewe, baba nemincili ngeyona ndlela—emva kokufumana INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele ngolwimi lwaseKorea.
Okumangalisayo kukuba, nangona kwakugquba imfazwe kangangeenyanga, kwenzeka ukuba kukhululwe INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike ngolwimi lwaseSerbia eYugoslavia. Ngenxa yokusebenzisana ngokumanyeneyo kwezizwe ngezizwe, iZibhalo ZamaKristu ZesiGrike nazo zakhululwa kumazwe akufuphi ngolwimi lwaseCroatia nolwaseMacedonia. Ezi mpapasho zamkelwa ngabantu bentywizisa iinyembezi zovuyo.
Kwakukho isizathu esikhethekileyo sokuvuya eYugoslavia. Ebudeni benyanga kaMatshi, eli lizwe lalilungiselele imfazwe. Ukuhlasela kwabantu baseBelgrade kwakuya kuthetha ukuba iifowuni zazingayi kusebenza, yaye kwakuya kuba nzima ukudlulisela umsebenzi ukusuka kubaguquleli baseBelgrade ukusa kwindawo yokushicilela eJamani. NgoLwesibini, ngoMatshi 23, kwacaca gca ukuba iinqwelo-moya zaziya kuhlasela kangangokuba abazalwana ababelungiselela oko kwakuza kukhululwa kwindibano eBelgrade bazimisela ukusebenza ubusuku bonke. Ngosuku olulandelayo, iifayile ze-elektroniki ezifunekayo zazisendleleni. Kwiiyure ezimbalwa kwamva, kwaqalisa ukuqhushumba kweebhombu. Nangona banyanzeleka ukuba baye kwiindawo zokuzikhusela kwiziqhushumbisi, iqela labaguquleli lalonwabile!
Bavuya nangakumbi xa iBhayibhile eshicelelweyo yakhululwa kwiinyanga ezine kamva kwindibano yaseBelgrade. Xa wonke ubani wayefumene umbhalo wakhe, ngokukhawuleza loo ndawo yayinendibano yakhal’ ibhungane. Abazalwana babesiya kwiindawo ababehlala kuzo ukuze bafunde iBhayibhile! Nangona baberhangqwe lilizwe elinocalucalulo lobuhlanga nolonqulo nto leyo eye yakhokela ekubulaweni kwabantu nakwintiyo ekrakra, babeqinisekile ukuba asikho esinye isipho esihle abanokusifumana.
Kwimpela-veki elandelayo, eyokuqala kungcelele lweendibano ezisibhozo yaqhutywa eIndonesia, ilizwe elikhulu eMpuma nalo eliye labhuqwa yimbambano yonqulo neyobupolitika. Kwindibano eJakarta, kwakukho abali-15 666 abasuka kwiindawo ezininzi zeli lizwe. Okwesihlandlo sokuqala, kwakubhaptizwa kanye kuloo ndawo yendibano, yaye kwakuvuyisa kakhulu njengoko abaphulaphuli bebukele komabonwakude abakhulu ngoxa abangama-430 babebhaptizwa. Noko ke, bavuya ngeyona ndlela xa kwenziwa isaziso sokuba INguqulelo Yehlabathi Elitsha ngolwimi lwaseIndonesia ishicilelwe yaye, siyathemba ukuba kungekudala iza kufumaneka ukuba isasazwe.
Ukusukela Indlela KaThixo Yokuphila
Kakade ke, unyaka wenkonzo wowe-1999 waqalisa ngoSeptemba 1998. Ebudeni beenyanga zokuqala zalo nyaka wenkonzo, kwaqhubeka iiNdibano Zezizwe Ngezizwe ‘Zendlela KaThixo Yokuphila.’ Ezininzi zazisele ziqhutyiwe eUnited States naseYurophu. Kodwa ukususela ngoSeptemba ukusa kuJanuwari, kwaqhutywa iindibano zezizwe ngezizwe ezili-13 ezingakumbi eAfrika, eAsia, kuMbindi nakuMzantsi Merika naseOstreliya.
Eyokuqala kwezi kunyaka wenkonzo wowe-1999 yaqhutyelwa eSão Paulo, eBrazil, ukususela ngoSeptemba 18 ukusa ngowama-20, 1998. Kwakuqhutywa ezinye iindibano kwangaxeshanye kwezinye iindawo ezili-16, kuquka neMaracanã Stadium enkulu, eRio de Janeiro. Amawaka eendwendwe ayevela kumazwe ali-15. Phakathi kwazo kwakukho abavangeli basemazweni abangama-54, abangama-23 basuka eBrazil baya kukhonza eMozambique. NgeCawa xa kwenziwa isigqibo esithi indlela kaThixo yeyona ndlela intle yokuphila, isimbuku sabantu abangama-516 333 kwiindawo ezili-17 bavuma besithi Sim (Ewe)!
Kwakuloo mpela-veki, kwabakho iindwendwe ezingama-63 886 ezongezelelekileyo eOlympic Stadium eSeoul, eKorea. Ebudeni beentsuku ezithile ngaphambi kwendibano, iindwendwe ezivela phesheya ezingama-3 046 zamkelwa kwisikhululo seenqwelo-moya ngamaNgqina amaninzi aseKorea, kuquka noodade ababenxibe izambatho eziyimibalabala eziyihombo yalapho. Emva kwentetho yokuqukumbela, njengoko iindwendwe zamanye amazwe zisiya kwiibhasi zazo, amawaka ababezile kwindibano aseka oko abanye babekubiza njengephaseji yothando, yaye njengoko iindwendwe zidlula kuyo, amaNgqina aseKorea athi kwiindwendwe zawo, “Siza kunibona eParadesi!” yaye, “Siyanithanda!” Abaninzi balila ngenxa yemincili.
Kwakubuhlungu gqitha kwiindwendwe eSeoul xa kwabakho iNkanyamba uGeorges ePuerto Rico. Indibano elandelayo yezizwe ngezizwe yayiza kuqala ngoLwesihlanu olandelayo ePuerto Rico. Ngaba oko kwakuza kwenzeka? Ngenxa yesaqhwithi, kwakulindeleke ukuba kuso sonke isiqithi kungabikho mbane kangangeeveki. Amanzi aphela; isikhululo senqwelo-moya iSan Juan savalwa; amakhaya abazalwana basekuhlaleni ababeza kuhlalisa iindwendwe ezininzi ezivela phesheya achaphazeleka. Ngenxa yale ntlekele, inye kuphela kwiindawo ezine ebezicetyelwe ukuba nendibano, iHiram Bithorn Stadium, eyafumanekayo ukuba siyisebenzise. Noko ke, okothusayo kukuba, ngxaki nganye yaconjululwa enye emva kwenye. Ababezile kuloo ndibano bafikela kwincopho yama-15 065!
Kwinyanga kamva, ukususela ngo-Oktobha 30 ukusa ngoNovemba 1, kwabakho iindibano zezizwe ngezizwe eOstreliya (eBrisbane, eMelbourne naseSydney). UJohn Barr, uMilton Henschel, uLloyd Barry, noTheodore Jaracz, beQumrhu Elilawulayo, baya kwezo ndibano. Aba babini bokugqibela babekhe bakhonza eOstreliya. Uninzi lwabavangeli basemazweni abanenzondelelo ababethunyelwe kwamanye amazwe besuka eOstreliya nabo babekho.
Ngasekupheleni kowe-1998, kwaqhutywa iindibano ezingakumbi eAfrika. ENairobi, eKenya, abazalwana abasuka kumazwe ali-16 ahlukahlukeneyo bavuya ukuba phakathi kwama-24 502 ababekho eMoi International Sports Centre ngoDisemba.
Kwiveki elandelayo kwaqhutywa iindibano zezizwe ngezizwe ezine eMzantsi Afrika (eKapa, ePitoli, eRhawutini naseThekwini), kwakukho abantu abangama-83 858, kwaza kwabhaptizwa abali-1 626. Iindibano zezizwe ngezizwe zalandelwa lungcelele lweendibano zesithili ezili-18. Kwezi kwakukho abantu abangama-53 901, yaye kwabhaptizwa abali-1 065. Ngeli xesha kwakhululwa INguqulelo Yehlabathi Elitsha epheleleyo ngesiTsonga. Uthando nomanyano olwalubonakala kwababekho kule ndibano yayibubungqina obuyinene boko kwakuchazwa nguYesu xa wathi: “Ngako oko bonke baya kwazi ukuba ningabafundi bam, ukuba ninothando phakathi kwenu.”—Yohane 13:35.
Kwangaloo mpela-veki yokuphela kukaDisemba, kwaqhutywa indibano eAbidjan, eCôte d’Ivoire, eNtshona Afrika. Olu cwangciso lwalungesiFrentshi, isiNgesi nesiTwi. Nangona kukho malunga nabavakalisi abangama-6 000 kuphela kweli lizwe— mhlawumbi kwaza kwafika abangama-500 ababevela ngaphandle kweli lizwe—abezayo bafikelela kuma-16 009 ababefuna ukufunda ngendlela kaThixo yokuphila!
Ekugqibeleni, ukuqukumbela ungcelele lweendibano zezizwe ngezizwe ezingama-32, abavakalisi abangaphezu kwama-19 000 eCosta Rica bavuya ukuba nabantu abangama-34 431 behlanganisene apho ebudeni beentsuku ezintathu zokuqala ngowe-1999. Kwisikhululo seenqwelo-moya amaNgqina anokuba ngama-4 000 asekuhlaleni aba nesabelo ekwamkeleni iindwendwe ezafika ngeenqwelo-moya ezingama-42. Enza ungcelele lwamaNgqina emi ngapha nangapha eqhwaba izandla yaye ebulisa iindwendwe ezifikayo esithi “Bienvenidos, hermanos!” (Namkelekile, bazalwana!) Uthando olwabonakaliswa ngabazalwana lwada lwashukumisela omnye umthengisi owayekwisikhululo seenqwelo-moya ukuba acele ukuqhutyelwa isifundo sasekhaya seBhayibhile!
Ungcelele lweendibano zezizwe ngezizwe lwaba nempembelelo entle kwabo bangengawo amaNgqina ababona uthando olwalubonakaliswa kwiindwendwe. Kwakhona komeleza amaqhina ezizwe ngezizwe phakathi kwamaNgqina kaYehova. Yayibubungqina obubonakalayo bokuba, eneneni, uYehova uhlanganisa “isihlwele esikhulu . . . siphuma kuzo zonke iintlanga nezizwe nezizwana neelwimi”—abantu abakhangele kuYehova noNyana wakhe, uYesu Kristu, ukuze basindiswe—bekhangele ekusindeleni kwabo kwihlabathi elitsha Lakhe lobulungisa.—ISityhi. 7:9, 10.
Ukuthanda “Ngezenzo Nangenyaniso”
Uthando alubonakalisayo amaNgqina kaYehova phakathi kwawo lungaphezulu kakhulu kunokuncuma nje nokuxhawulana kwiiHolo zoBukumkani. Kuquka okungaphezulu kunokubonakalisa umoya wokubuk’ iindwendwe ezivela kwamanye amazwe ezize kwindibano. Njengabafundi beBhayibhile, amaNgqina kaYehova akwazi kakuhle oko kubhalwe kweyoku-1 kaYohane 3:17, 18: “Nabani na onezinto zokuxhasa ubomi zeli hlabathi aze abone umzalwana wakhe eswele, kodwa azivalele iimfesane zakhe kuye, lungathini na ukuhlala kuye uthando lukaThixo? Bantwana abancinane, masingathandi ngamazwi nangomlomo, kodwa ngezenzo nangenyaniso.” Izaqhwithi ezinamandla, iimbalela, iimfazwe zamakhaya ebudeni bonyaka odluleyo ziye zanyanzela abantu bakaYehova ukuba baswele. Baye basabela njani abazalwana bamazwe ngamazwe?
NgoSeptemba 1998, iChiapas State eMexico yadlakazwa zizikhukula. Kwiiveki ezimbalwa kamva, iNkanyamba uGeorges yadlavula iSt. Kitts, iNevis, iPuerto Rico, kwiDominican Republic neHaiti nakwinxalenye yamazantsi eUnited States. Malunga nenyanga emva koko, iNkanyamba uMitch, eyayinomoya oziikhilomitha ezingama-290 ngeyure, yagaleleka eHonduras, yaza yakhukulisa imimandla ethile yaseNicaragua, yatshabalalisa elase-El Salvador neGuatemala ngaphambi kokuba iphelelwe ngamandla eMexico. Ukongezelela kwiiHolo zoBukumkani ezingama-50 neeHolo zeNdibano ezi-2, ngaphezu kwe-1 800 lamakhaya amaNgqina kaYehova ayedilizekile okanye onakele kakhulu. Izilimo zazitshabalele. Iimpahla zabantu zazonakele. Kwezinye iindawo, kwakufuneka abantu baphume emabandleni.
Ukutya, amanzi, iimpahla namayeza ayenqongophele ngeyona ndlela. AmaNgqina kwiindawo ezingachatshazelwanga sisaqhwithi asabela ngokukhawuleza. Kwezinye iindawo, kungekudala emva kokuva ngalo monakalo, amaNgqina aqalisa ukubonakala kwiofisi yesebe ephethe ukutya, iimpahla, nemali yokunceda abazalwana babo abangamaKristu. Kwiindawo ezinomonakalo apho abazalwana babengenako ukufikelela ngeenqwelo-mafutha okanye iilori ezizise izinto zokunikela uncedo, babesebenzisa amaphenyane, iibhayisekile noobhaka. Abadala basekuhlaleni benza oko banokukwenza ukuncedisa ukubuyisela amaphahla kumakhaya abazalwana. Oogqirha abangamaNgqina beza noncedo.
IQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova lakwazi ukulungiselela uncedo lwezemali kwakunye nokuthumela ukutya, iimpahla nezixhobo zokwakha ezazifuneka ngokukhawuleza ezivela kumazwe aselumelwaneni. Kwakuthunyelwa izinto ngeenqwelo-moya eziqeshiweyo, ngenqanawa nangelori. Abazalwana noodade abakwiindawo ezinentlekele babulela kakhulu kangangezihlandlo ezininzi ngothando olubonakaliswe ngabazalwana bomhlaba wonke.
IiKomiti Zokwakha Zenqila, ezilungiselelwe ukunceda ekwakheni iHolo YoBukumkani, zaqalisa ukunceda ukucoca nokulungisa amakhaya. Amaqela asixhenxe amatshantliziyo amalunga nama-30 ngalinye lasuka eUnited States ngemali yalo ukuze lichithe iveki lilungisa amakhaya amaNgqina akhonza nawo eSt. Kitts naseNevis. Amanye amatshantliziyo angama-600 aya ePuerto Rico ukuncedisa ekulungiseni nasekuphindeni akhe apho. Ngokuvisisana nokhokelo lweBhayibhile kumaGalati 6:10, bagxininisa ngokuyintloko ekuncedeni abazalwana noodade babo bokomoya. Kodwa balungisa nophahla lwesikolo baza balungisa amakhaya abamelwane abakhulileyo ababengenabantwana bokubanceda. KwiDominican Republic, amaNgqina asekuhlaleni acoca indawo engqonge isibhedlele.
EPuerto Rico iqela labazalwana laya kwidolophu esezintabeni yaseYabucoa ukuya kuncedisa ukwakha kwakhona indlu yeNgqina elihlala nomyeni walo ongeloNgqina. Abamelwane balo babelihleka xa lalisithi lalisazi ukuba abazalwana balo abangamaKristu babeza kuza balincede. Bathi bakufika abazalwana, lavuya kakhulu. Kwiiyure nje ezimbalwa, abantu abangama-200 baqokelelana esitratweni beze kubukela. Babukela usuku lonke ngoxa iqela labazalwana lalisebenza. Emva kokuxhoma ucango lwangaphambili, aba bazalwana banika udade wethu isipha seentyatyambo nezitshixo zekhaya lakhe elakhiwe ngokutsha. Xa kwakhanyiswa izikhanyiso, abamelwane baqhwaba izandla. Ngenxa yoko bakubonayo ngolo suku, abaninzi esitratweni ababewaphepha amaNgqina ngoku babefuna ukuphulaphula isigidimi soBukumkani.
Kusenzeka nje konke oku, ngoNovemba eYurophu kwakukho enye intlekele yesikhukula kwintshona Ukraine yaye eMzantsi Merika kwabakho inyikima eColombia ngoJanuwari. Yaye ngokufanayo ngothando abantu bakaYehova banikela uncedo.
Xa kwanda imfazwe yamakhaya eAngola kwakhona ebudeni bowe-1999, oku kwabangela iimbacu ezisisi-1 700 000. Abazalwana baye basebenza ngokukhutheleyo ukunceda amaNgqina aziimbacu, kunye nabanye abaninzi, ukuba babe nezinto eziyimfuneko. Iitoni ezingama-34 zokutya nempahla eziye zathunyelwa ezivela eItali, ePortugal, nakwisebe laseMzantsi Afrika zasasazwa kwabo bashiya izindlu nezixeko zabo. Kwathunyelwa ezinye zezi zinto kwimimandla ethile ekugquba imfazwe kuyo apho kwakuqhushumba iibhombu kangangeenyanga.
Njengoko kwakuqalisa unyaka wenkonzo, isebe laseCongo (eKinshasa) laxelela iQumrhu Elilawulayo ukuba ngenxa yemiphumo yemfazwe yamakhaya, isebe lalifuna izinto zokunceda abantu abangaphezu kwama-200 000. Ngokukhawuleza kwenziwa amalungiselelo esebe laseBritani, eBelgium, eFransi, eSwitzerland naseMzantsi Afrika ukuze athumele ukutya aze anikele ngemali yokuthenga izinto ezongezelelekileyo kwamanye amazwe aseAfrika. Kwaqokelelwa kwaza kwathunyelwa ngaphezu kwempahla eziitoni ezingaphezu kwama-75 zokunceda abantu ngenqwelo-moya zisuka kumaNgqina kaYehova eYurophu.
Kodwa umlo eCongo wawungekapheli. Kwavela ezinye iingxaki. NgoFebruwari 7, 1999, kwenziwa esi saziso silandelayo ngokuphathelele imeko ekwiDemocratic Republic of Congo kwintsapho yaseBheteli kwikomkhulu lehlabathi eNew York: “Ngenxa yemfazwe yamakhaya, abavakalisi abangama-30 000 eMpuma yelo lizwe baxhomekeke kwiphulo loncedo. Ngenxa yemfazwe iofisi yesebe eKinshasa ayikwazi ukuqhagamshelana naba bazalwana. Noko ke, iQumrhu Elilawulayo liye lavuma ukuba iBelgium inikele uncedo ngenqwelo-moya. Inqwelo-moya yokuqala iza kuya ebudeni bale veki yaye iphulo lesibini liza kuqalisa ngoFebruwari 20. Kuhambo lwesibini kuza kuthunyelwa iqela lezonyango.” Abazalwana abavela eYurophu basebenza kunye neekomiti zokunceda ezi-11 ezimiselwe ngokusemthethweni eziyilwe ngamaNgqina kaYehova eMpuma Congo.
Ezinye iimbacu zasabela kumazwe akufuphi. Amawaka aya eZambia engekude. Apho amaqela anikela uncedo anceda kakhulu; amaNgqina ongeza ngeengubo, ngeempahla nangezinto zokupheka nezokulima. Xa omnye umzalwana osele ekhulile wafumana ingubo, wawa isiduli. Akazange akhe anikwe ingubo entsha eyeyakhe ngaphambili. Njengoko umveleli wesiphaluka wayesinge eZambia, wafumana umzalwana oyimbedlenge phantsi komthi. Lo mveleli wesiphaluka wamkhwelisa kwibhayisekile yakhe waza wayiqhuba. Xa indawo inyuka ngamandla, lo mzalwana wayesehla, aze athabathe iziqwengana zamatayara azifake emadolweni nasezandleni, akhase ngamadolo nangezandla ukuqabela apho. Ekugqibeleni, bafika bekhuselekile eKaputa, eZambia. Apho isebe lanikela ngoncwadi ngesiSwahili kubo bonke ukuze balusebenzise kwiintlanganiso zabo zebandla. NgoAprili, kwintlanganiso neembacu ezimalunga nama-2 000, abazalwana abasuka kwiofisi yesebe banikela ukhuthazo lokomoya. Yaye iimbacu—abantu abadala nabantwana—inkoliso yazo ingenamaculo, ngeentliziyo ziphela zacula iingoma ezifana nethi “UYehova, Umsindisi,” “UYehova Ulihlathi Lethu,” “Enkosi, Yehova,” nethi “Idinga LikaThixo LeParadesi.”
Inzondelelo Ekushumayeleni Iindaba Ezilungileyo
Noko ke, eyona nto iphawulekayo, luthando oluboniswa ngamaNgqina kaYehova ngokuvakalisa iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Esabela kumyalelo owanikelwa nguYesu Kristu, azabalazela ukufikelela wonk’ ubani ngeendaba ezilungileyo. (Marko 13:10) Ngokwenjenjalo azinikela wona ngokobuqu kuquka nobuncwane bawo. Ebudeni bonyaka ophelileyo, incopho yayizizi-5 912 492 aye anesabelo kulo msebenzi, yaye aye achitha iiyure ezizi-1 144 566 849 kobu bulungiseleli. AmaNgqina amaninzi ahlengahlengisa iimeko zawo ukuze akhonze njengoovulindlela abathe ngxi okanye abangabancedani.
Aba vulindlela baneemvelaphi ezahlukahlukeneyo. Abaninzi ngabantu abaselula abaye bagqiba esikolweni okanye abaye bacwangcisa izifundo zabo ukuze bakwazi ukuba ngoovulindlela ngoxa besafunda. Abanye ngoomama bamakhaya; abanye ngamadoda asebenzayo ukuze ondle iintsapho zawo. Omnye umdala ongumKristu noyintloko-ntsapho eSt. Lucia uyakwazi ukuba nguvulindlela ngenxa yokuba wenza umzamo ‘wokugcina iliso lakhe lingenakumbi.’ (Mat. 6:19-22) Xa kutshanje wathenjiswa ngomsebenzi ohlawula imali encumisayo, akazange awuvume kuba oko ngekwakuthethe ukuba usebenza iiyure ezongezelelekileyo, angakwazi ukubakho kwiintlanganiso zamaKristu, angabi kunye nentsapho yakhe iinyanga ezintandathu, aze arhoxe kubulungiseleli bobuvulindlela. Wakhetha ukufuna kuqala uBukumkani, enentembelo yokuba uYehova uya kuqhubeka eyisikelela imigudu yakhe yokondla intsapho yakhe.
Elinye iNgqina elineminyaka engama-95 ubudala eAntigua belisoloko linandipha inkonzo yobuvulindlela bobuncedani kanye okanye kabini ngonyaka kangangexesha elide. Lichaza isizathu sokuba liqhubeke lisenza lo mgudu, lithi: “UYehova undinike amandla angakumbi, yaye ndikugqala oku njengelungelo lam lokubonakalisa uthando lwam ngaye.”
Udade othile waseDenmark osele eyikhathule iminyaka yakhe yama-60 ubudala wagqiba ekubeni uza kuba nguvulindlela ongumncedani. Ngoba? Wacacisa esithi: “Ndikholelwa ukuba yayilufundisiso lwam lweBhayibhile olwandikhuthazayo. . . . Ngokomzekelo, ndikholelwa ukuba ekubeni umabonwakude enokuba nempembelelo embi kuwe, kwakhona usenokufumana impembelelo entle ngokufunda iLizwi likaYehova yonke imihla. Oku kuye kwandikhuthaza ngokwenene.”
Ngenxa yengcinezelo engakumbi abantu abayivayo kuzo zonke iindawo ukuze banyamekele ngokufanelekileyo iintswelo zabo zezinto eziphathekayo, ngoJanuwari 1999 iQumrhu Elilawulayo liye lenza uhlengahlengiso kwisisikelo seeyure soovulindlela abathe ngxi (sincitshiswa ukususela kwiiyure ezingama-90 ukusa kwezingama-70 ngenyanga) yaye koovulindlela abangabancedani (zisusela kwezingama-60 ukusa kwezingama-50). Hayi indlela ekuye kwangqineka kuyintsikelelo ngayo oko! Kuye kwavumela abaliqela ababengoovulindlela kakade ukuba bahlale bengabo, yaye amawaka angakumbi aye aqalisa ukuba ngabo. Kwabaninzi, kuye kwabubungqina obungakumbi bokuba “iNkosi inobubele.”—1 Pet. 2:3.
Kwiinyanga emva kokwenziwa kolu hlengahlengiso, isebe laseOstreliya liye lanolwando olungaphezu kwama-400 ekhulwini lwabo babhalise njengoovulindlela abathe ngxi. EColombia kuye kwakho ulwando oluphantse lwaba lolwama-300 ekhulwini. EUkraine inani loovulindlela liye laqhubeka lisanda nyanga nganye, yaye ingxelo ibonisa ukuba kuye kwakho oovulindlela abangakumbi abangama-42 ekhulwini kunabo bonyaka ophelileyo. EMicronesia ngokomlinganiselo, kuye kongezeleleka uvulindlela omnye kwabebekade bekho, kwibandla ngalinye. ELiberia, apho inkoliso yabazalwana izizixhwitha-ntamo, bephila ngobugcwabalalana ababufumana ngokuthengisa iintwana-ntwana, kuye kwakho iincopho ezilandelelanayo ezisibhozo zoovulindlela abathe ngxi emva kokuhlengahlengiswa kwesisikelo seeyure.
Oovulindlela abangabancedani nabo banda. EOstriya ebudeni beenyanga ezintathu zokuqala zowe-1999, kwakukho abangakumbi abangama-56 ekhulwini kunonyaka owandulelayo. Kwangelo xesha lifanayo, iMalaysia yanikela ingxelo yoovulindlela abangakumbi babancedani abali-103 ekhulwini. IDenmark iye yanolwando lwama-91 ekhulwini ebudeni beenyanga ezintandathu zokuqala zonyaka. EKorea, apho uJanuwari eyinyanga entle yomsebenzi owongezelelekileyo, ama-57 ekhulwini ebekuhlobo oluthile lwenkonzo yobuvulindlela kuloo nyanga.
Ukanti, inkqubo ‘Yoovulindlela Banceda Abanye’ iqhubeka ivelisa iziqhamo ezintle. Udade othile kwiBandla iFilipino laseAnchorage, eAlaska, wathi: “Bendisenyanisweni kangangeminyaka eli-11. Inkonzo yasentsimi ibikukuzalisa nje idinga, ekubeni bendisiya nje ndingenanjongo.” Kodwa emva kokusebenza kangangexesha elithile novulindlela wasekuhlaleni, inkonzo yasentsimini yaba nentsingiselo engakumbi kuye. Uye wakuqonda ngakumbi ukungxamiseka komsebenzi. Waba nomdla ongakumbi ebantwini yaye wakwazi ukuqalisa izifundo zeBhayibhile. EMzantsi Afrika udade onguvulindlela wanceda omnye umvakalisi ukuze afumane ulwaneliseko olungakumbi ngokuthetha nabantu abadlulayo aze angalindi de kuphendulwe kwi-intercom. Kwakhona bebehlala phantsi baze bahlalutye usukelo olwahlukahlukeneyo lobulungiseleli. Ukuphela kocwangciso lweenyanga ezintandathu, loo mvakalisi wayenguvulindlela othe ngxi. Ndawonye nalo wamncedayo, ngoku ufumana uvuyo olungakumbi kubulungiseleli kunanini na ngaphambili.
Inyaniso YeBhayibhile Eshicilelweyo
Ukususela kwimihla kaMoses, uYehova uye wafundisa ngokomoya ngento ebhaliweyo. Oku bekusoloko kugxininiswa ngokufundisa ngomlomo. Kodwa into ebhaliweyo ibisoloko inguthunywashe obalulekileyo ekusasazeni iindaba ezilungileyo. IBhayibhile noncwadi olucacisa yona luye lwapapashwa ngamanani amakhulu. Kulo nyaka udluleyo kuphela, amaNgqina kaYehova aye ashicilela imibhalo yeMboniselo noVukani! eli-1 026 706 628; iincwadi ezizizi-41 579 805 nenkitha yamaphecana, iincwadana ezinemifanekiso kunye neencwadana ezingama-71 221 759. Oku kwenziwa ngeelwimi ezingama-332.
Abantu kwiindawo ezininzi baye bangenelwa kulo msebenzi. Iziqithana ezinohlaza ezibumba iTuvalu zinabemi abangama-9 403. IMboniselo ishicilelwa ngolwimi lwabo yaye abantu balapho abangama-45 ngoku banqula uYehova. Nangona iCentral African Republic ikude kakhulu kumazwe ahambele phambili kwezoshishino, IMboniselo noVukani! basasazwa ngokubanzi apho—ngesiArabhu, isiFrentshi, isiLingala, isiNgesi, isiSango nesiZande. Kukho amaNgqina angama-2 305 kwelo lizwe, yaye eSikhumbuzweni kweza abantu abangaphezulu lee ngokuphindwe kahlanu kunyaka odluleyo. IAngola idlavuzwe yimfazwe, yaye abantu abaninzi baxhwalekile, kodwa kulo nyaka udluleyo IMboniselo yaqalisa ukupapashwa kanye ngenyanga ngesiUmbundu ukuze kungenelwe iziphaluka ezibini zamaNgqina kaYehova aseAngola nabantu abaninzi abancedayo ngokomoya. Kuye kwahanjiswa amaphephancwadi angaphezu kwezigidi ezingama-26 eUkraine kulo nyaka udluleyo. Emva kokukhangela uThixo wokwenyaniso kangangeminyaka engama-20, enye indoda yayeyisekile ukuba iyifumene inyaniso xa yafunda inkupho enye kuphela kaVukani!. Abavakalisi abali-107 045 eUkraine bavuyiswa gqitha kukubona abantu abali-12 320 bebhaptizwa ebudeni baloo nyaka.
EColombia ibhinqa elithile elalinxunguphele lanikwa iphecana elithi Liyintoni Ithemba Ngabafileyo Obathandayo? Eli bhinqa alizange khe libe nomdla kunqulo, kodwa unyana walo wayefe kwinyikima, yaye laba nomdla kule ncoko. Oku kwakhokelela kwisifundo seBhayibhile. ELithuania iNgqina elithile lanika elinye ibhinqa incwadana enemifanekiso ethi Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele? Eli bhinqa lalifuna uncedo olunokuvela kuThixo kuphela. Lavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile laza ngokukhawuleza lenza inkqubela de lazahlulela laza labhaptizwa. Ewe, iimpapasho ziyaxatyiswa ngabaninzi yaye zizixhobo ezixabisekileyo ekuvakaliseni iindaba ezilungileyo.
Ukufundiswa NguYehova
Ngeendlela ezininzi nezahlukahlukeneyo, uYehova uyaqhubeka efundisa abakhonzi bakhe, ebaxhobisela umsebenzi abawenzayo ngoku, nokuze abalungiselele lowo wexesha elizayo. (Isa. 54:13) Ukongezelela koko, kumenywa abantu kumazwe angaphezu kwama-230 ukuze bazuze kucwangciso oluhle lukaYehova lokufundisa. Izigidi zabantu ‘abanotyekelo lobomi obungunaphakade’ baye basabela, yaye kulo nyaka uphelileyo kuye kwaqhutywa izifundo zeBhayibhile ezilinganiselwa kwizi-4 433 884 nyanga nganye ngesisa. (IZe. 13:48) Hayi indlela ekuye kwayintsikelelo ngayo ukubona iZibhalo zityhileka phambi kwamehlo abo ngendlela abanokuziqonda ngayo!
Imfundiso evela kuYehova ngentlangano yakhe iquka uqeqesho olukhethekileyo lweendlela ezahlukahlukeneyo. Kwakhona kulo nyaka, bangamawaka abaye bangenelwa kwiSikolo Senkonzo Yobuvulindlela njengoko babegqiba unyaka wabo wokuqala bengoovulindlela. Ebudeni bonyaka wenkonzo, kumasebe angama-40 kuye kwaqhutywa iSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli. Kuso kuye kwaya abazalwana abasuka kumazwe aseMerika, eAsia, eYurophu, eAfrika nakwiziqithi zolwandle—amazwe angama-89 ewonke. Kwakukho abantu abangama-2 174 abaye bafumana le mfundo ikhethekileyo. Amalungu eKomiti yeSebe asuka kumazwe angama-43 aye aya kwiZiko Lemfundo LeWatchtower ePatterson, eNew York, ukuze afumane ucwangciso olukhethekileyo lwemfundo lweenyanga ezimbini. Abafundi abaya kwiSikolo saseGiliyadi, apho bafumana imfundo ekhethekileyo yeBhayibhile kangangeenyanga ezintlanu, babelwa njengabashumayeli nabafundisi beLizwi likaThixo kumazwe ahlukeneyo angama-31.
Ukongezelela, kwaqaliswa isikolo esitsha sabaveleli abahambahambayo kwiZiko Lemfundo LeWatchtower. Iklasi yokuqala enamalungu angama-48, yaqalisa ngoMeyi izifundo ezithabatha iiveki ezisibhozo. Kwabo babekho yayingabaveleli besiphaluka nabesithili abasuka eUnited States naseKhanada. Uqeqesho abalufumanayo lwalwahlulahlulwe lwayimfundiso yaseklasini kunye nomsebenzi kwiSebe Lenkonzo. Kwanikelwa ingqalelo kuyo yonke inkalo yomsebenzi wabo, yaye oku kuya kuba yingenelo enkulu kumawaka amaninzi abazalwana noodade emabandleni nakwiziphaluka abasebenza kuzo. Abafazi babaveleli abahambahambayo, ababehamba nabayeni babo, elinye ixesha labo besePatterson babelichitha kumsebenzi waseBheteli nakwinkonzo yasentsimi namabandla akufuphi. Kwakhona veki nganye babesiya kwisikolo esasilungiselelwe bona kuquka nabazalwana.
‘Kuya Kuphumela Kubungqina’
UYesu waxela kwangaphambili ukuba abalandeli bakhe babeya ‘kurholelwa phambi kookumkani neerhuluneli.’ Umkhamo okuye kwenzeka ngawo oku emhlabeni wonke kule nkulungwane yama-20 wongezelela kubungqina bokuba siphila kwimihla yokugqibela. Yintoni ebangela oku? Asikuba amaNgqina kaYehova akawugcini umthetho. Ngokuchasene noko, ‘kungenxa yegama likaYesu Kristu’—ngenxa yokumgqala uKristu njengoKumkani wawo wasezulwini nangenxa yokuba, njengoYesu, ‘akayonxalenye yehlabathi.’ Kwakhona uYesu waxela kwangaphambili ukuba oku ‘kwakuya kuphumela kubungqina.’ (Luka 21:12, 13; Mat. 24:9; Yoh. 17:16) Oku kuye kwanjalo ebudeni bonyaka wenkonzo odluleyo. Kuye kwanikelwa ubungqina kumagosa karhulumente kumazwe ngamazwe njengoko bekusenziwa umgudu ongamandla wokukhusela ilungelo lamaNgqina kaYehova lokunqula ngaphandle kokuphazanyiswa.
Ngowe-1998 iNkundla YaseYurophu Yamalungelo Abantu yanikela ingqalelo kwityala elibandakanya amaNgqina kaYehova eBulgaria. Yintoni eyakhokelela koku? Urhulumente waseBulgaria akazange avume ukunika amaNgqina kaYehova, nezinye iinkonzo ezinokuba ngama-20 imvume engokwasemthethweni. Akazange avunyelwe ukuba abhene kwiNkundla Ephakamileyo yaseBulgaria ngenxa yokuba amaNgqina kaYehova akakholelwa kuBathathu Emnye nakwezinye iinkolelo zeNgqobhoko ezingavisisaniyo neBhayibhile. Oku kwakhokelela ekubanjweni, ekuphazanyisweni kweentlanganiso zonqulo, nasekuthinjweni kweencwadi zonqulo. INkundla Yamalungelo Abantu YaseYurophu yabongoza iBulgaria ukuba ikusingathe oku ngobuhlobo namaNgqina kaYehova. Ngenxa yoku, ngo-Oktobha 1998, iBulgaria yaphinda yawamkela ngokusemthethweni amaNgqina kaYehova. Oku kwavula ithuba lokuba kuthunyelwe abavangeli basemazweni abane kwiklasi ye-106 yaseGiliyadi eBulgaria ukuze baye kunceda abavakalisi basekuhlaleni njengoko babesabelana nabemi balapho ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani.
Iingxaki ezingokomthetho ezibandakanya amaNgqina kaYehova eFransi nazo ziye zaphumela ekunikelweni kobungqina ngokubanzi. AmaNgqina aye adliwa izithende esidlangalaleni. Imibutho elwa namahlelo iye yathetha kakubi ngawo kwiingxelo zamaphephandaba. Ngowe-1996 ingxelo yasepalamente yawachaza amaNgqina kaYehova ‘njengehlelo eliyingozi,’ yaye ngoJanuwari 1999 urhulumente wawathi nka ngerhafu engama-60 ekhulwini kuyo yonke iminikelo ayifumanayo, nangona oku kungazange kwenziwe kulo naluphi na olunye unqulo. AmaNgqina kaYehova asabela ngokwenza iphulo elathabatha iintsuku ezintathu, elaqala ngoJanuwari 29, 1999, apho asasaza imibhalo ezizigidi ezili-12 yephecana elinomxholo othi People of France, You Are Being Deceived! (Bantu BaseFransi, Nilahlekisiwe!)
Ngosuku lokuqala leli phulo, kwabakho ingqungquthela yoonondaba eyayichaza oko kwenziwayo. Emini emaqanda, izikhululo zikamabonwakude noonomathotholo zazisasaza le nkcazelo. Amaphephandaba namaphephancwadi esizwe naweziphaluka angaphezu kwama-60 anikela ingxelo ngalo msebenzi, esebenzisa imixholo enjengothi “UYehova Usebenzisa IFransi Njengengqina” nothi “Ukubhencwa ‘Kwenyaniso’ NgamaNgqina KaYehova.”
Ngosuku lokuqala, abavakalisi abangamawaka ezigidi basasaza eli phetshana ngaphandle kwizikhululo zikaloliwe, kwimizi-mveliso, eziofisini, ezivenkileni, ezimarikeni nakuzo zonke iindawo. Bambalwa abantu abangazange balamkele.
Umzalwana owayeshumayela kufuphi nentolongo wabizwa ngumlindi othile. Akuba enikwe iphetshana, lo mlindi wathi: “Kuza kufuneka undinike amanye, baninzi abantu abalapha ngaphakathi.” Kwesinye isihlandlo, abantu abathile abasebekhulile ababevela kwikhaya labalupheleyo behamba ngebhasi bavakalisa indlela ababedane ngayo kuba bengazange balifumane eli phetshana. Umqhubi wacela ukuba bonke abalifunayo baphakamise izandla, waza waya kwindawo awayebone kuyo iNgqina waza wacela elo nani lalifuneka.
Kwelinye icala, emarikeni kwisixeko saseGrenoble, ibhinqa elithile elafumana eli phetshana lalithuka laliyuca iNgqina elalilinike eli phetshana. Umzalwana wethu wahlala ezolile. Noko ke, abantu abathengisa apho nababeze kuthenga betsalwa kukuthukisa kweli bhinqa badanduluka bathi “Phila ngonaphakade Yehova!” Akuva oku, loo mntu wayechasa wahamba.
Oku kwaphumela entwenini? Amabandla kulo lonke elaseFransi achukumiseka ngulo msebenzi. Abaninzi ababepholile baziva iintliziyo zabo zibashukumisela ukuba babe nesabelo kweli phulo likhethekileyo. Abavakalisi kulo lonke elo bavakalisa ulwaneliseko olunzulu ngokufumana ithuba lokukhusela ukholo lwabo ngale ndlela. Iofisi yesebe yafumana iminxeba neencwadi ezininzi zivela kubantu ngabantu. Abanye babonakala bengakwazi ukukunyamezela oku. Abaninzi bavakalisa inkxaso. Kuyo yonke loo mpela-veki, abantu bacela ukuba batyelelwe, yaye kwaqaliswa izifundo zeBhayibhile ezininzi.
Yaye kuthekani ngerhafu eyayifunwa ngurhulumente? Ngenxa yako konke oku, amagosa aphakamileyo kwafuneka aqwalasele amaxwebhu amaninzi asemthethweni ngokuphathelele amaNgqina kaYehova—obunjani bona ubungqina! Kusafakwe isibheno ngalo mbandela werhafu yaye ukuba kuyimfuneko kuya kude kufikelelwe kwiNkundla Yamalungelo Abantu YaseYurophu.
Kangangeminyaka emininzi iSithili saseOradell eNew Jersey, eUnited States, besiphazamisana nomsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo. Kwesi sithili kwathiwa amaNgqina kaYehova akanakushumayela ekuhleni ngaphandle kokuba afumane imvume aze anxibe ibheji ebonakalayo. Amalinge aphindiweyo okumenza aqonde usodolophu namalungu ebhunga lesithili ukuba oku akukho semthethweni awa phantsi. Ekugqibeleni, ukuthintela lo mthetho wasekuhlaleni, kwayiwa eNkundleni YeSithili, kwiSithili saseNew Jersey. Esi yayisisihlandlo sokuqala sokuba kuthatyathwe amanyathelo anjalo ukulwela ilungelo lethu lokuba nesabelo kubulungiseleli basesidlangalaleni eUnited States kwiminyaka engama-50 edluleyo. Kwisikhalazo sethu enkundleni, kwakufanelekile ukuchaza imeko yomsebenzi wethu nokusekelwa kwawo ngokweZibhalo; ngaloo ndlela kunikelwa ubungqina obuhle.
NgoMatshi 8, 1999 uMantyi WeSithili waba nentlanganiso nabameli beSebe lethu Lezomthetho nabeSithili saseOradell waza wayalela esi sithili ukuba siyiguqule imithetho yaso. NgoMatshi 16, kwintlanganiso yebhunga yesithili, ibhunga nosodolophu badlulisela isindululo sokurhoxisa imfuneko yokufuna imvume nokunxitywa kwebheji kwimibutho yonqulo. Iindaba ezilungileyo zinokuphinda zishunyayelwe ngaphandle kokuphazanyiswa ngezinto ezingekho mthethweni eOradell!
Nanini na igama likaYehova okanye igama labantu bakhe likhankanywa enkundleni, ngexesha lokuhlanganisana kwepalamente, okanye kumatyala amabandla, abantu “abakwizikhundla eziphakamileyo” abangafane basive isigidimi soBukumkani bafumana ubungqina. (1 Tim. 2:2) Kodwa ngamaxesha athile, ithuba lokunikela ubungqina lingqale ngakumbi yaye liba likhulu. Oku kuye kwanjalo ngeRashiya.
Kwinkundla eyayizele imi ngeembambo eMoscow, eRashiya, kwenziwa umgudu omkhulu ukususela ngoSeptemba 1998 ukusa kuMatshi 1999 ukuphelisa umsebenzi wonqulo wamaNgqina kaYehova eMoscow. Noko ke, kunokuba iwavale umlomo amaNgqina kaYehova, le nkundla yavelisa ithuba elihle lokunikelwa kobungqina obunamandla.
IOfisi yoMtshutshisi waseMoscow, kamva intyontyelwa liSebe Lezobulungisa laseMoscow, isebenzisana nombutho ochasene namahlelo onxulumene neCawa YobuOthodoki YaseRashiya yafaka izimangalo zobuxoki ifuna ukuba kubhangiswe iBandla LaseMoscow LamaNgqina KaYehova. Ngokuqhelekileyo, inkundla echophela ityala elinjengeli ngaphandle kwamathandabuzo bekuza kufuneka izingqine ziphosakele iimfundiso neenkolelo zolo nqulo. Noko ke, izityholo eziphathelele iinkolelo nezenzo zamaNgqina kaYehova, zaba yeyona nto kubanjenwe ngayo.
Enkundleni, umtshutshisi wathi uncwadi lwethu lubangela ubutshaba ngokonqulo. Njani? Sifundisa ukuba silunqulo lokwenyaniso. Kanye xa kulapho, igqwetha lethu, eliliNgqina likaYehova, lanika umantyi nomtshutshisi iBhayibhile laza lafunda amaEfese 4:5 athi: “Inye iNkosi, lunye ukholo, lunye ubhaptizo.” Ehlabela mgama ebeka izibakala ezingokweZibhalo kweli tyala, umzalwana wethu waseRashiya wazingqina zingenasihlahla ezinye izimangalo zomtshutshisi ngokucaphula izibhalo ezinjengoYakobi 1:27, Yohane 17:16, neSityhilelo 18:1-4, ezibonisa imfuneko ‘yokwahluka ehlabathini.’ Umtshutshisi waphikisa ngelithi esi sibhalo sokugqibela, esithetha ngeBhabhiloni Enkulu, siyazithuka iicawa zabanye abantu xa sibhekiswa kuzo. Noko ke kamva, unjingalwazi wentanda-bulumko nongumhlohli kwiyunivesithi wagqabaza esithi: “Xa iingcaphephe zimangalela amaNgqina kaYehova ngeemfundiso zawo, aziqondi ukuba eneneni zimangalela iBhayibhile.’
Kweli tyala kwavela ithuba lokufundela inkundla iimpapasho zamaNgqina kaYehova umtshutshisi awayeziqukile kwisimangalo sakhe. Noko ke, ngesi sihlandlo, izicatshulwa zazifundwa ngomongo ochanileyo ukuze iinkolelo zethu zidluliselwe ngendlela echanileyo, ngaloo ndlela kupheliswa nasiphi na isizathu sokumangalelwa ngobuxoki njengabenzi bobubi. Iingcali eziphambili zaseRashiya ziye zavelisa amaxwebhu amahlanu angokwenzululwazi ukuphikisana nezimangalo zomtshutshisi. Kwakhona kwaphinda kwagxininiswa kwizigqibo zenkundla yamazwe ngamazwe nezivumelwano zokuhlonelwa kwenkululeko yonqulo.
Ngaba uYesu wayeya kujamelana njani nomthetho waseRashiya wowe-1997 owawusekelwe kuso isimangalo somtshutshisi? Ebudeni bokuthethwa kwetyala, igqwetha laseKhanada elalingakwicala lethu, nalo elingomnye wamaNgqina kaYehova, lakusingatha ngale ndlela oku. Lathi enkundleni, ‘Liyinyaniso elokuba uYesu wazigxeka iinkokeli zonqulo zomhla wakhe, ethetha kuzo amazwi afumaneka kuYohane 8:44, 45 athi: “Nina niphuma kuyihlo uMtyholi.” Njengokuba kuboniswe kuMateyu 15:2-9, uYesu wawagxeka amasiko awayechasene neLizwi likaThixo. Ngaba ngamazwi awawathetha kuMateyu 10:34-37, uYesu wayezama ukuchitha iintsapho? Akunjalo, kuphela nje wayechaza into enokwenzeka ngenxa yendlela abantu abasabela ngayo. Kwakhona, kuLuka 18:15, 16 uYesu wamema abantwana ukuba beze kuye. Ngaba wayelukuhla abakwishumi elivisayo nabantwana abasebancinane ukuba bamkele ubuKristu? Yaye kwakutheni ukuze abachasi bonqulo bafune ukuthintela uYesu ukuba angashumayeli? UYohane 11:47, 48 ubonisa ukuba abaninzi babelandela uYesu, yaye abefundisi abangamaYuda babevakalelwa kukuba babelahlekelwa ngamarhamente. Kusenokwenzeka ukuba izinto ziyafana nanamhlanje.’ Kwakucacile ukuba, ukuba uYesu Kristu wayeshumayela eMoscow, izimangalo abekwa zona amaNgqina kaYehova kweli tyala zaziya kubekwa nakuye. Kodwa ngubani owonileyo? Ngokucacileyo, ngabo babemmangalela, kuba uYesu “akazange enze sono.”−1 Pet. 2:22.
Liphendula imibuzo yomtshutshisi ngokuphathelele iimfundiso zamaNgqina kaYehova, igqwetha laseRashiya elingumzalwana wethu lafunda ngokusuka eBhayibhileni uDaniyeli 2:44, 45 neyesi-2 kuTimoti 3:1-5. Kamva ngaloo mvakwemini iNgqina elisisizukulwana sesithathu lanikela imbali ebubungqina bokuba amaNgqina kaYehova ebekho eRashiya kangangamashumi eminyaka. Ubungqina elabunikelayo kwakhona babusisikhumbuzo ngokubandezeleka kwamaNgqina kaYehova ebudeni bokugxothelwa kwawo eSiberia nangenxa yezinye izenzo zengcinezelo ebudeni beminyaka yokuvalwa komsebenzi ngurhulumente waseRashiya.—Bona uVukani!, Meyi 8, 1999, iphepha 20-2.
Igqwetha lesithathu nalo lalimela amaNgqina kaYehova. Asililo iNgqina likaYehova, kodwa linengqondo ehluzekileyo yaye linamava ekukhuseleni amalungelo abantu. Nalo laba nelungelo lokuvula iBhayibhile laza lalathisela inkundla kwiindinyana ezahlukahlukeneyo. Emva kokwalatha kwiSityhilelo 14:1; 16:16; 20:6; nakwiNdumiso 37:9, 10 lacela “ingcaphephe” yonqulo yomtshutshisi ukuba ibonise indawo aphazame kuyo amaNgqina kaYehova. Ayizange ikwazi ukwenjenjalo.
Okubangel’ umdla kukuba, ngoAprili 29, 1999, iSebe Lezobulungisa laseRashiya liye laphinda lawabhalisa amaNgqina kaYehova njengentlangano yonqulo. Noko ke, oku akuzange kuliphelise ityala eliseMoscow yaye akuzange kuwagwebele namaNgqina kaYehova. Kunoko, inkundla isalindele ukuhlolisiswa koncwadi lwamaNgqina kaYehova liqela “leengcaphephe” ezinyulwe ngumantyi. Enoba kufikelelwa kwisiphi na isigqibo, sinokuqiniseka ukuba kuya kuba “bubungqina.”—Mat. 10:18.
Ukongezelela kubungqina obanikelwa kumagosa enkundleni, iindaba eziphathelele eli tyala ziye zalityhutyha lonke elaseRashiya ngamaphephandaba nangomabonwakude. Nawo amaNgqina kaYehova aseRashiya aye aqinisekisa ukuba konke okwenzekayo kweli tyala imihla ngemihla kuyafumaneka kumajelo eendaba nakuwonke-wonke. Amazwi aye athethwa ngendlela ephosakeleyo ngumtshutshisi aye afumaneka ephelele kwiimpapasho zeWatch Tower yaye kwakunikelwa inkcazelo engakumbi engokwembali ngokuphathelele amaNgqina. Ubuncinane amajelo asixhenxe eendaba zamazwe ngamazwe ayenabameli ngamaxesha ahlukahlukeneyo ebudeni beli tyala. Oonozakuzaku bamanye amazwe nemibutho elwela amalungelo abantu iye yabonakalisa umdla kweli tyala. NgoMatshi 11, iPalamente yaseYurophu yadlulisela isigqibo iyalela onke amagosa aseRashiya ukuba aqinisekise inkululeko yonqulo ngaloo ndlela egcina izivumelwano zamazwe ngamazwe nto leyo urhulumente wayo naye wayivumayo. Kwinyanga elandelayo, amalungu ali-11 eParliamentary Assembly of the Council of Europe atyobela olunye uxwebhu evakalisa inkxalabo ngenxa yoko kwenzeke kwityala laseMoscow.
Ngeli xesha, abazalwana baseMoscow nabo bonke abaseRashiya bayaqonda ukuba ‘bathiyiwe’ ngabachasi besigidimi soBukumkani. Kwadubula ibhombu yegesi ngoxa kwakuqhutywa iintlanganiso eSt. Petersburg. Umntu othile ochasayo wahlasela udade osele ekhulile ngesixhobo ngoxa wayekwinkonzo yasentsimini. Yaye ukurhoxiswa kwezivumelwano zokuqesha kwabangela ukuba amaNgqina aseMoscow angama-2 000 aphulukane neendawo zokuqhubela iintlanganiso zawo, nto leyo eyawanyanzela ukuba axoze mphini wumbi. Kwandula ke ngoAgasti, xa amaNgqina kaYehova ayenendibano eMoscow phezu kwayo nje imigudu yokukuthintela oku, kwafuneka ahambe kwibala lemidlalo emva kwemini ngoMgqibelo ngenxa yesoyikiso sebhombu. Sekunjalo, kwabhaptizwa abantu abangama-600 kule ndibano, yaye abantu abangaphezu kwama-15 100 babuya ngeCawa ukuze baphulaphule inxalenye eyayisele yocwangciso.
Ngenxa yeengcinezelo ezahlukahlukeneyo ajamelana nazo amaNgqina kaYehova ehlabathini lonke njengoko ephumeza ubulungiseleli bawo, kwakufanelekile ukuba abazalwana abanembopheleleko bahlanganisane ebudeni buka-Aprili 1999 ukuze baxubushe ngeentswelo zelo xesha ‘zokuthethelelwa nokumiselwa ngokusemthethweni kweendaba ezilungileyo.’—Fil. 1:7.
AmaNgqina kaYehova aqinisekile ukuba njengokuba iBhayibhile isitsho, akukho sixhobo sikhandelwe ukulwa ‘nabakhonzi bakaYehova’ siya kuphumelela. (Isa. 54:17) Yaye kuYeremiya 1:19 apho sithenjiswa oku: “Ngokuqinisekileyo baya kulwa nawe, kodwa abayi kukoyisa, kuba ‘ndinawe, ukuba ndikuhlangule,’ utsho uYehova.”
[Umfanekiso okwiphepha 6]
UDaniel Sydlik ukhulula incwadi ethi “Nikela Ingqalelo Kwisiprofeto SikaDaniyeli!” ngesiNgesi
[Umfanekiso okwiphepha 6]
UChong-il Park ukhulula “INguqulelo Yehlabathi Elitsha” ngolwimi lwaseKorea
[Imifanekiso ekwiphepha 12, 13]
ENairobi, eKenya—enye yeendibano ezingama-32 yezizwe ngezizwe
[Imifanekiso ekwiphepha 14]
Ngasentla ekhohlo: Impahla yokunceda ilayishwa eBelgium ukuze ithunyelwe eAfrika. Ngezantsi: Iimbacu eCongo ziyafundiswa yaye zithelela ekuculeni iindumiso kuYehova ngokusuka entliziyweni
[Imifanekiso ekwiphepha 20, 21]
Uncwadi lulungiselelwa ukuthunyelwa kwezinye iindawo lusuka kwikomkhulu lehlabathi