Umsebenzi WamaNgqina KaYehova Kula Maxesha
ERashiya
Imbali yamaNgqina kaYehova eRashiya ibonisa ukholo inkalipho, ukunyaniseka okungahexiyo kuThixo phezu kwako nje ukuchaswa ngenkohlakalo. Nangona amaNgqina athunyelwa elubhacweni, avalelwa ezintolongweni nasezinkampini, asebenza nzima abazange bakwazi ukuwaval’ umlomo okanye ukwaphula ingqibelelo yawo.
Imbali yawo asilobali nje elibuhlungu. Abo babenokholo kuYehova babeyilindele intshutshiso. Abazange bazisizele, kunoko baba nethuba lokubonisa ukuba babenyanisekile kuThixo. Omnye umzalwana uthi: “Xa kwawiswa izigwebo, akukho namnye kwizifundo zam owayesoyika. Kwatsho kwathi xibilili! Bobane bagwetywa iminyaka engama-25 ezinkampini. Ndanikwa isigwebo esithe chatha. . . . Emva koko sabulela uYehova ngokusixhasa. Abalindi babemangalisiwe bengazi oko kusonwabisayo.”
Funda ngentombazana eyafumana inyaniso kwiileta ezaziphoswe ngapha kocingo lwentolongo. Funda ngendlela awayezomeleza ngayo amabanjwa ngokomoya. Uza kubona okwenzekayo xa abazali abangamaNgqina babetyholwa ngokukrumpula indlebe yentombi yawo.
Amashumi eminyaka yokuvalwa umlomo lithontsi nje emphandeni kwizinto ezenzekayo. Kwiminyaka engamashumi amabini edluleyo, amaNgqina aye antinga ngendlela engummangaliso kweli lizwe lonke. Uza kubona indlela abazalwana abaye bajamelana ngayo neengxaki ezintsha ezavelayo emva kokukhululwa komsebenzi. Kokokuqala ukususela oko yabakho iNcwadi Yonyaka ukuba sibhale ngelizwe elinye kuphela—iRashiya.