IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • yb08 iphe. 65
  • Umsebenzi WamaNgqina KaYehova Kula Maxesha

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Umsebenzi WamaNgqina KaYehova Kula Maxesha
  • Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2008
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • ERashiya
  • Abantu Abathanda Uxolo Bayazithethelela
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Ukuhlangabezana Nocelomngeni Lokunyaniseka
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
  • Ukutyelela Kwakhona ERashiya
    Vukani!—1995
  • AmaNgqina KaYehova ERashiya
    Vukani!—1997
Khangela Okunye
Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2008
yb08 iphe. 65

Umsebenzi WamaNgqina KaYehova Kula Maxesha

ERashiya

Imbali yamaNgqina kaYehova eRashiya ibonisa ukholo inkalipho, ukunyaniseka okungahexiyo kuThixo phezu kwako nje ukuchaswa ngenkohlakalo. Nangona amaNgqina athunyelwa elubhacweni, avalelwa ezintolongweni nasezinkampini, asebenza nzima abazange bakwazi ukuwaval’ umlomo okanye ukwaphula ingqibelelo yawo.

Imbali yawo asilobali nje elibuhlungu. Abo babenokholo kuYehova babeyilindele intshutshiso. Abazange bazisizele, kunoko baba nethuba lokubonisa ukuba babenyanisekile kuThixo. Omnye umzalwana uthi: “Xa kwawiswa izigwebo, akukho namnye kwizifundo zam owayesoyika. Kwatsho kwathi xibilili! Bobane bagwetywa iminyaka engama-25 ezinkampini. Ndanikwa isigwebo esithe chatha. . . . Emva koko sabulela uYehova ngokusixhasa. Abalindi babemangalisiwe bengazi oko kusonwabisayo.”

Funda ngentombazana eyafumana inyaniso kwiileta ezaziphoswe ngapha kocingo lwentolongo. Funda ngendlela awayezomeleza ngayo amabanjwa ngokomoya. Uza kubona okwenzekayo xa abazali abangamaNgqina babetyholwa ngokukrumpula indlebe yentombi yawo.

Amashumi eminyaka yokuvalwa umlomo lithontsi nje emphandeni kwizinto ezenzekayo. Kwiminyaka engamashumi amabini edluleyo, amaNgqina aye antinga ngendlela engummangaliso kweli lizwe lonke. Uza kubona indlela abazalwana abaye bajamelana ngayo neengxaki ezintsha ezavelayo emva kokukhululwa komsebenzi. Kokokuqala ukususela oko yabakho iNcwadi Yonyaka ukuba sibhale ngelizwe elinye kuphela—iRashiya.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share