IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • yb09 iphe. 3-5
  • ILeta Evela KwiQumrhu Elilawulayo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • ILeta Evela KwiQumrhu Elilawulayo
  • Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2009
  • Amanqaku Afanayo
  • Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo
    Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2012
  • Qhubekani Nihamba Ngeyona Ndlela Igqwesileyo Yokuphila!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo
    Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2001
  • Ngaba Ukulungele Ukubhaptizwa?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2020
Khangela Okunye
Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2009
yb09 iphe. 3-5

ILeta Evela KwiQumrhu Elilawulayo

MaNgqina KaYehova Athandekayo:

Sivuya gqitha xa sinibhalela le leta bazalwana abathandekayo! Sivakalelwa njengompostile uYohane, owaxelela abo wayekhonza kunye nabo ukuba ‘ubathanda ngokwenene’ yaye unemihlali kuba ‘behamba enyanisweni.’ (2 Yoh. 1, 4) Siyixabisa ngokwenene inyaniso xa sisonke! Inyaniso iye yasikhulula kwiBhabhiloni Enkulu nakwiimfundiso nezithethe zayo ezinyelisa uThixo. Ngenxa yokulandela indlela yenyaniso siye sanothando, ububele nenceba. Inyaniso iye yabangela ukuba samkeleke kuThixo yaye sibe nethemba lobomi obungunaphakade.

Hayi indlela esinombulelo ngayo ngomoya kaYehova osikhokelayo nosomelezayo yonke imihla! Siqinisekile ukuba niye nakunandipha ukuhlolisisa iindlela ezahlukahlukeneyo uYehova asikhokela nasomeleza ngazo, KwiiNdibano Zesithili ezisandul’ ukudlula ‘Zokwalathiswa Ngumoya KaThixo.’ Njengoko iimeko zehlabathi zisiya zisiba mbi, kubalulekile ukuba sithembele kukhokelo lomoya kaYehova onamandla kweli xesha lamanqam siphila kulo.

Siqinisekile ukuba niye nachukumiseka ngokunzulu xa nifunda kwiNcwadi Yonyaka amava abangel’ umdla abazalwana abaye banyamezela ubunzima ngenxa yokholo lwabo. Enye into emangalisayo kukuba ngexesha lokuvela kobu bunzima, abaninzi kwaba bazalwana bathembekileyo bebengenaxesha lide bebhaptiziwe ukanti abanye bebengekabhaptizwa. Sibathanda kakhulu ngenxa yokunyaniseka kwabo nokumela ubulungisa! Eneneni, umzekelo wabo obalaseleyo usenza sizimisele nangakumbi ukuqhubeka sinyanisekile kuBukumkani enoba sityhubela kubunzima obungakanani na.—1 Tes. 1:6-8.

Siyazi bazalwana noodadewethu abathandekayo ukuba nijamelene neengxaki ezininzi zezoqoqosho nezolunye uhlobo ngoxa nizama ukugcina iintsapho zenu zimanyene eluthandweni. Abanye benu kunzima nokuba baxhase ngokuthe rhoqo umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani neminye imisebenzi yebandla. Kungenxa yoko le nto, emva kokuxubusha nokuthandaza ngenyameko siye senza utshintsho kwiintlanganiso zebandla ukususela ngoJanuwari 1, 2009. Sinethemba lokuba, niya kulisebenzisa ngokunengenelo eli lungiselelo ukuze nichithe ixesha elingakumbi kufundisiso lobuqu nakwisifundo sentsapho.

Kwiindibano ezahlukahlukeneyo ebezikho kulo nyaka, kuye kwaluvuyo ngokwenene ukubona abaninzi bebhaptizwa. Phakathi kwabo baye babhaptizwa kukho nabaselula kakhulu ngeminyaka. Siyanincoma kakhulu bazali, ngokukhulisa nokuqeqesha abantwana benu ukuba babe noxabiso ngenyaniso, nangokubakhuthaza ukuba bazahlulele kuYehova ukuze bamkhonze ngoxa beselula. Aba bantwana bathandekayo bajamelene neengxaki esikolweni sekunjalo baye bakufanelekela ukubhaptizwa, yaye oku kubonisa ukuba baye baqeqeshwa kakuhle emakhaya.—INdu. 128:1-6.

Kukho ulwando nakwizifundo zeBhayibhile—yaye oku kubangelwe kukuzibhokoxa kwabavangeli basemazweni noovulindlela abakhethekileyo. IQumrhu Elilawulayo lilixabisa kakhulu igalelo elikhulu labazalwana noodade abasehlabathini lonke lokuthi “Yiza!” kwabo banyanisekileyo, bemema bonke abanxaniweyo ukuba ‘bathabathe amanzi obomi ngesisa.’ (ISityhi. 22:17) Sibamkela ngokufudumeleyo abangama-289 678 abaye bafuzisela uzahlulelo lwabo ngokubhaptizwa emanzini kulo nyaka uphelileyo!

Ngamana angahlala enkenteza ezindlebeni zethu amazwi kampostile uYohane, athi: “Ihlabathi liyadlula nenkanuko yalo, kodwa lowo wenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.” (1 Yoh. 2:17) Ewe, eli hlabathi liza ‘kudlula’ kungekudala! Ngenxa yoko, sifanele sixakeke senze ukuthanda kukaThixo yaye ‘sihlale silindile.’ (Mat. 24:42) Asisayi kuze sizisole ngokwenza oko, yaye siya kufumana ububele bothando bukaYehova.—Isa. 63:7.

Siyathemba ukuba amava achukumisayo akule Ncwadi Yonyaka avela kumazwe amaninzi aya kunikhuthaza nonke ukuba nibeke izilangazelelo zoBukumkani kwindawo yokuqala. Hlalani nisazi ukuba asinilibali kwimithandazo yethu yaye siyanithanda kakhulu. Wanga uYehova anganisikelela kakhulu.

Abazalwana benu,

IQumrhu Elilawulayo LamaNgqina KaYehova

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share