Umsebenzi WamaNgqina KaYehova Kula Maxesha
EUganda
Abantu baseUganda abalambele inyaniso, baye batyhubela elona xesha linogonyamelo embalini yeli lizwe. Khawukhe uzivele ukuba baye bakwazi njani ukuqhuba iintlanganiso empengempengeni, nakuba babevalwe umlomo. Funda ukuba lithetha ukuthini ibinzana elithi Obwakabaka bwa Katonda nendlela elisimanyanisa ngayo naba bazalwana noodade bathembekileyo.
EAlbania
Lwasinda njani unqulo lokwenyaniso ekubeni zazivalwe umlomo zonke iindidi zonqulo? Ngaba abazalwana bethu babeya kuma beqinile nangona kwakukhe kuqengqeleke iiyure bengcungcuthekiswa? Umzalwana owayesifa wabanika liphi icebiso abazalwana abaselula ababevalelwe? Khawukhe uzivele kule ngxelo yomelezayo ingokuthembeka nokugcina ingqibelelo.
EBelize
Abakhonzi bakaYehova bathobekile yaye bazilahlele nofele kulo msebenzi wokufundisa inyaniso kweli lizwe linezithethe namasiko awahlukahlukeneyo. Zivele ukuba kwenzeka ntoni “eMfazweni” nokuba amaNgqina kaYehova asabela njani xa kwahlasela iNkanyamba uHattie. Funda ngohambo lokuya kushumayela olwalunqumla kumanzi acwengileyo akuQaqa Lolwandle iBelize.