Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo
Bazalwana Noodade Abathandekayo:
UYehova, onguBawo wethu wasezulwini, usisimntwiso sothando. Yiloo nto iBhayibhile isithi: “UThixo uluthando.” (1 Yoh. 4:8) Nakuba uYehova enguSomandla, iLizwi lakhe alikhe lithi, “UThixo ungamandla.” Ulawulo lwakhe luqhutywa luthando. Oku kusenza sitsaleleke kuye!
Into evuyisayo kukuba, uYehova akasinyanzeli ukuba simkhonze. Akangozwilakhe. Ufuna simkhonze kuba simthanda ngokusuka entliziyweni. Xa sikwenza oku, simbonisa ukuba sifuna ukulawulwa nguye kuba elawula ngendlela elungileyo nebonisa uthando. Oku bekubonakala ukususela ekudalweni kwabantu.
Kunokuba anyanzele uAdam noEva ukuba bamthobele, uYehova wabanika ithuba lokuzikhethela. Ukuba babemthanda uYehova yaye bexabisa izinto abenzele zona, babeza kuzixhathisa iinzame zikaSathana zokubenza bavukele.
Kamva, uMoses wathi kuhlanga lukaSirayeli: “Yabona, ndibeka phambi kwakho namhlanje ubomi nokulunga, ukufa nobubi.” (Dut. 30:15) Abantu babeza kuzikhethela indlela abafuna ukuphila ngayo. Ngokufanayo, uYoshuwa wathi kumaSirayeli: “Ukuba kubi emehlweni enu ukukhonza uYehova, zikhetheleni namhlanje ukuba ngubani na eniya kumkhonza.” Abantu baphendula bathi kuYoshuwa: “Makube lee, kuthi, ukushiya uYehova.” (Yosh. 24:15, 16) Nathi sivakelelwa ngolo hlobo. Siyamthanda uYehova, ngoko “makube lee” kuthi ukuba simshiye.
Kwibandla lamaKristu, siyiqonda kakuhle inkululeko yokuzikhethela. Nakuba abadala benegunya lokululeka nokuqeqesha, abazami ukulawula ubomi okanye ukholo lwabanye. Umpostile uPawulos wabhala wathi: “Asikuko ukuba siziinkosi phezu kokholo lwenu, kodwa singabasebenzi abangamadlelane ukuze nibe novuyo, kuba nimi ngokholo lwenu.”—2 Kor. 1:24.
Saneliseka ngakumbi xa sisenza into kuba sifuna ukuyenza kunaxa sinyanzelwa! UYehova usimema ukuba senze okulungileyo siqhutywa luthando. Indlela okubaluleke ngayo oku ibonakala kula mazwi kaPawulos aphefumlelweyo: “Ndingade ndinikele ngayo yonke impahla yam ukuze kondliwe abanye, ndinikela nangomzimba wam, ukuze ndiqhayise, kodwa ukuba andinalo uthando, akuncedi nto konke konke.”—1 Kor. 13:3.
UYehova uyavuya aze adunyiswe xa ebona izigidi zabazalwana noodadewethu bemkhonza kuba bemthanda ngentliziyo epheleleyo!
Naye uYehova ubathanda bonke abakhonzi bakhe, kuquka nani bantwana nabo bakwishumi elivisayo enibonisa ukuba niyamthanda uYehova kunehlabathi nokuzinkcinkca kwalo. Qinisekani ukuba sinithanda asizenzi.—Luka 12:42, 43.
Ngenxa yokuba nithanda uYehova, kunyaka odluleyo, nina bazalwana noodade nabo baselula, nichithe iiyure ezi-1 748 697 447 nivakalisa iindaba ezilungileyo. Ehlabathini lonke, abantu abazizi-7 782 346 baye bashumayela beqhutywa luthando. Kuyasivuyisa ukwazi ukuba abantu abangama-268 777 abaquka abaselula, baye bazahlulela kuYehova baza babhaptizwa. Oku kuthetha ukuba, ngokomlinganiselo, kubhaptizwe abangama-5 168 kwimpelaveki nganye. Ziyachukumisa ezo ndaba!
Kweli xesha lesiphelo, abantu bakaThixo bajamelana neengxaki ezininzi, intshutshiso, ukugula, abanye kufuneka banyamezele ukwaluphala. Kodwa sizimisele ukungaze “sihlehle” okanye “siyeke.” Sinithanda nonke ngokungazenzisiyo.—Heb. 10:39; 2 Kor. 4:16.
Abazalwana benu,
IQumrhu Elilawulayo LamaNgqina KaYehova