IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ijwbq inqa. 56
  • Ngaba UMtyholi Uyakwazi Ukulawula Abantu?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba UMtyholi Uyakwazi Ukulawula Abantu?
  • Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Impendulo esuka eBhayibhileni
  • Ithini IBhayibhile?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2016
  • Mchaseni USathana, Wonibaleka!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Ngaba Ukholelwa Ngokwenene Ukuba UMtyholi Ukho?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
  • Ngaba UMtyholi Ukho Ngokwenene?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
Khangela Okunye
Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
ijwbq inqa. 56

Ngaba UMtyholi Uyakwazi Ukulawula Abantu?

Impendulo esuka eBhayibhileni

UMtyholi kunye needemon bayakwazi ukulawula abantu, kangangokuba iBhayibhile ithi: “Ihlabathi lonke lilawulwa ngongendawo.” (1 Yohane 5:19, INew Century Version) IBhayibhile iyazichaza iindlela uMtyholi azama ngazo ukulawula abantu.

  • Amaqhinga. IBhayibhile ikhuthaza amaKristu ukuba ‘eme eqinile nxamnye namaqhinga kaMtyholi.’ (Efese 6:11) Elinye lamaqhinga akhe kukwenza abantu bakholelwe ukuba iidemon zakhe zikhonza uThixo.​—2 Korinte 11:13-15.

  • Ukusebenzelana nemimoya. UMtyholi ulahlekisa abantu esebenzisa imimoya, abaxeli-mathamsanqa kunye neendlela ezininzi zokuvumisa. (Duteronomi 18:10-12) Ezinye izinto ezenza umntu abe sisisulu seedemon ziziyobisi kunye nokulaliswa ngomlingo.​—Luka 11:24-26.

  • Unqulo lobuxoki. Iinkonzo ezifundisa iimfundiso zobuxoki zilahlekisa abantu ukuba bangamthobeli uThixo. (1 Korinte 10:20) IBhayibhile ithi ezi ‘ziimfundiso zeedemon.’​—1 Timoti 4:1.

  • Ukulawulwa ziidemon. IBhayibhile ineengxelo zabantu abaliqela abalawulwa ziidemon. Ngamanye amaxesha, abantu abaneedemon babesiba ziimfama, izimumu okanye bazenzakalise.​—Mateyu 12:22; Marko 5:2-5.

Singakuphepha njani ukulawulwa nguMtyholi?

Akuyomfuneko ukuzoyika iidemon, ngoba iBhayibhile isichazela indlela esinokuzichasa ngazo ngokuphumelelayo:

  • Funda amaqhinga kaMtyholi ukuze ‘uwazi amacebo akhe.’​—2 Korinte 2:11.

  • Funda iBhayibhile uze usebenzise amacebiso ayo. Ukuwasebenzisa kuza kukunceda ukuba ungalawulwa nguMtyholi.​—Efese 6:11-18.

  • Hlukana nayo nantoni na enento yokwenza needemon. (IZenzo 19:19) Oku kuquka umculo, iincwadi, iimagazini, iipowusta kunye neevidiyo ezinento yokwenza nokusebenzelana nemimoya.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share