IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ijwbv inqa. 46
  • 1 Korinte 10:13—“UThixo Uthembekile””

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • 1 Korinte 10:13—“UThixo Uthembekile””
  • Kucaciswa Iivesi ZeBhayibhile
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Into ethethwa ngama-1 Korinte 10:13
  • Into ekuthethwa ngayo kuma-1 Korinte 10:13
  • Ukoyisa Ubuthathaka Bobuntu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Indlela Yokuxhathisa Izilingo
    Vukani!—2014
  • Isilingo
    Vukani!—2017
  • “Ukuze Ningangeni Ekuhendweni”
    Hlalani Nilindile!
Khangela Okunye
Kucaciswa Iivesi ZeBhayibhile
ijwbv inqa. 46

KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE

1 Korinte 10:13—“UThixo Uthembekile”

“Zonke izilingo enizifumeneyo ziqhelekile ebantwini. Kodwa ke uThixo uthembekile, ibe akazukuniyekela nilingwe ngento eningenakumelana nayo, kodwa uza kuninika indlela yokuphuma kweso silingo ukuze nikwazi ukusinyamezela.”—1 Korinte 10:13, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.

“Nasiphi na isilingo esikuhlelayo siyinto eqhelekileyo emntwini. Yena ke uThixo, ngokuba ethembekile, akayi kukuyekela ulingwe ngokungaphezu kwamandla akho. Hayi, wosuka akuvulele ikroba lokuphuncula, ukuze ube nako ukunyamezela.”—1 Korinte 10:13, IBhayibhile Yowe-1996.

Into ethethwa ngama-1 Korinte 10:13

Le vesi ithetha ngophawu oluthandeka kakhulu ngoThixo, ukuthembeka kwakhe. Abantu abamkhonza ngokuthembeka uThixo bangaqiniseka ukuba uza kubanceda, ingakumbi xa beneengxaki okanye belingwa.

“Zonke izilingo enizifumeneyo ziqhelekile ebantwini.” Abakhonzi bakaThixo basenokunqwenela ukwenza into angayithandiyo. Kodwa nangona loo nto inzima, ayonto ingaqhelekanga kuba baninzi abantu abakhe babe naloo ngxaki.a Ngenxa yaloo nto, abakhonzi bakaThixo banokuqiniseka ukuba bangakwazi ukuzinyamezela ezo zinto.

“UThixo uthembekile.” UYehovab uThixo sinokuthembela kuye. Usoloko esigcina isithembiso sokuba akuzubalahla abo bamthandayo, bamthobelayo nabahlala benyanisekile kuye. (Duteronomi 7:9; INdumiso 9:10; 37:28) Ngenxa yaloo nto, abo bamkhonzayo bangaqiniseka ukuba uza kuzigcina nezi zithembiso zibini zikhuthazayo kule vesi:

“Akazukuniyekela nilingwe ngento eningenakumelana nayo.” UThixo ubonisa indlela athembeke ngayo ngokungavumeli iingxaki esinazo zibe nzima kakhulu de singakwazi ukuzinyamezela. Uyazazi izinto abakhonzi bakhe abakwaziyo nabangakwaziyo ukuzenza.—INdumiso 94:14.

“Uza kuninika indlela yokuphuma kweso silingo ukuze nikwazi ukusinyamezela.” Xa abakhonzi bakhe benengxaki, uThixo unokuyisusa okanye abanike into abayidingayo ukuze bakwazi ukuyinyamezela. Ngokomzekelo, unokubakhokela ngomoya wakhe oyingcwele, abathuthuzele ngeBhayibhile, okanye abancede esebenzisa amanye amaKristu.—Yohane 14:26; 2 Korinte 1:3, 4; Kolose 4:11.

Into ekuthethwa ngayo kuma-1 Korinte 10:13

Le vesi ikwileta umpostile uPawulos awayibhalela amaKristu akwibandla laseKorinte. Kule ndawo, uPawulos wawalumkisa ngendlela awayesenza ngayo amaSirayeli akudala. (1 Korinte 10:11) Uchaza izilingo awayezifumana amaSirayeli, njengokukhonza izithixo, nokuziphatha kakubi ngesondo. (1 Korinte 10:6-10) Amanye awo zange azinyamezele ezi zilingo. Ngenxa yento eyenzeka kuwo, uPawulos wayekhumbuza amaKristu ukuba akamele azithembe kakhulu, acinge ukuba awasoze ohlulwe zizilingo. (1 Korinte 10:12) Kodwa, uwaqinisekisa ngamazwi akuma-1 Korinte 10:13. Abakhonzi bakaThixo bangakwazi ukuhlala bethembekile nokuba baneyiphi ingxaki.

Funda ama-1 Korinte isahluko 10 kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele. Le Bhayibhile kulula ukuyifunda, irekhodiwe, ineengcaciso zamagama, iimbekiselo, imifanekiso, iividiyo, kunye neemaphu.

Bukela le vidiyo imfutshane ukuze ubone into ekuthethwa ngayo kuma-1 Korinte.

a Igama lesiGrike elithetha “isilingo” linokuthetha ingxaki.

b UYehova ligama likaThixo. (INdumiso 83:18) Jonga nenqaku elithi “Ngubani UYehova?”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share